74
ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala IBakala 5 IISayensi zezeNdalo

ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

  • Upload
    others

  • View
    0

  • Download
    0

Embed Size (px)

Citation preview

Page 1: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

ISig

aba

esiP

haka

thi

ISik

hoke

lo si

kaTi

tsha

la

IBakala

5

IISayensi zezeNdalo

Page 2: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

INkalo yobuNzululwazi ngezeNdalo iSigaba esiPhakathi

IShedyuli yoMsebenzi neSikhokelo sikaTitshala

IShedyuli yoMsebenzi wobuNzululwazi ngezeNdalo kunye neSikhokelo sikaTitshala zizo ezixhasa utitshala ekubeni amisele i-NCS. Eli asiloxwebhu lomgaqo-nkqubo koko ngumthombo wolwazi olungiselelwe ootitshala. IShedyuli yoMsebenzi kunye neSikhokelo sikaTitshala zilandela isicwangciso seveki esifanayo kwibakala ngalinye. IShedyuli yoMsebenzi

• Esi sisikhokelo esimbaxa esinika uluhlu lwemixholo ekunokukhethwa kuyo (iziPhumo zesiFundo kunye noMxholo woLwazi neSigama) kwibakala ngalinye le-4 ukuya kwele-6.

• IShedyuli yoMsebenzi inika isikhokelo somxholo iveki neveki, kunye nokugxilwe kuko kuhlolo.

• Le shedyuli isebenza kuzo zontathu iziPhumo zesiFundo sobuNzululwazi ngezeNdalo.

• Iquka yonke iMixholo yoLwazi neSigama kwiinkalo ezine zesifundo sobuNzululwazi ngezeNdalo.

ISikhokelo sikaTitshala

• Isikhokelo sikatitshala sichaza yaye sicacisa isishwankathelo esinikwe kwiShedyuli yoMsebenzi iveki neveki kwibakala ngalinye.

• Sinika izifundo eziziintlobo ezohlukeneyo nezithi zibe yimisebenzi eyohlukeneyo yohlolo oluphathelene neziPhumo zesiFundo sobuNzululwazi ngezeNdalo.

• Sinika enye ingcaciso ngesigama esiza kufundiswa neendlela eziza kusetyenziswa ukusifundisa.

• Kananjalo ikwanika ingcaciso ngamathuba ohlanganiso phakathi kwamacandelo esifundo sobuNzululwazi ngezeNdalo ngokunjalo naphakathi kweeNkalo zesiFundo ezohlukeneyo.

Indlela yokusebenzisa iShedyuli yoMsebenzi neSikhokelo sikaTitshala Sicebisa ukuba:

• Ootitshala bawasebenzise la maxwebhu ukuncedisa izicwangciso zabo kunye nokongeza oko bakufumana kuluncedo.

• Ootitshala mabayilungelelanise inkqubo ukuze ilungelelane nesantya sokufunda kwabafundi babo.

• Ootitshala mabakhethe oko kufanelekileyo kumxholo wabo kunye noko kunokwenziwa ngokulawulekayo eklasini.

• Ootitshala mabacwangcise inkqubo yabo yohlolo kwangethuba belungiselela ikota nganye ngokwesantya abafundisa ngaso bona.

• Ootitshala kufuneka badibanise umxholo abawufundisayo naphi na xa kuyimfuneko. • Kufuneka ootitshala bajonge uXwebhu loMgaqo-nkqubo weNgxelo

yeKharityhulamu yeSizwe – njengesikhokelo kwiziphumo zesifundo, kwimigangatho yovavanyo kunye nomxholo wolwazi omisiweyo.

IMIBULELO

Sidlulisa umbulelo ongazenzisiyo kootitshala nakumagosa anika iingcebiso ngekharityhulamu athe aqulunqa ishedyuli yomsebenzi belungiselela iSigaba esiPhakathi. Candelo loLawulo: kwiKharityhulamu : GET

Page 3: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

ISIKHOKELO SIKATITSHALA : IBANGA 5

INZULULWAZI NGEZENDALO

IZIQULATHO

INXALENYE YOKUQALA: ULWAZI

AMAXWEBHU OMGAQO-NKQUBO WESIZWE

ULWAZI OLULUNGISELELWE OOTITSHALA

ULWAZI GABALALA

INXALENYE YESIBINI: IINGCEBISO ZOKUSEBENZISA IISHEDYULI ZOMSEBENZI

ZENZULULWAZI YEZENDALO EKLASINI

Ibanga 5 Inkqubo yoHlolo Iziphumo zokufunda neMigangatho yoHlolo Uluhlu 1: Ieneji noTshintsho Uluhlu 2: Inkqunto (matter) neMathiriyeli Uluhlu 3: Ubomi nokuPhila Uluhlu 4: Iplanethi yoMhlaba naNgaphaya kwayo INXALENYE YESITHATHU : ISIHLOMELO

Ibanga 5 Isikhokelo sophando lobunzululwazi

INXALENYE YESINE: UKWAZI NGEZOBUNZULULWAZI

Uluhlu lwenkcazelo

Page 4: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

- 1 -

ICANDELO LOKUQALA: ULWAZI

AMAXWEBHU OMGAQO-NKQUBO WESIZWE

INgxelo yeKharityhulamu yeSizwe: AmaBakala R-9 - UMGAQO-NKQUBO INgxelo yeKharityhulamu yeSizwe: Amabakala R-9 - IsiKhokelo sikaTitshala UMgaqo-nkqubo weSizwe kuVavanyo nokuLungela kwezikolo ukuba kwiqela leGET INgxelo yeKharityhulamu yeSizwe – GET - iMigaqo yoVavanyo

ULWAZI NJE GABALALA: Xa ufundisa qala koko sele bekwazi abafundi. Ikharityhulamu yezeNdalo ibandakanya ama-70% ekharityhulamu emiselweyo, njengoko

imiselwe kuludwe lweenkqubo zomsebenzi nama-30% koko kuqulathiweyo okongozelelweyo nokwasekuhlaleni.

Lubalulekile ucoceko nokhuseleko kuwo onke amagumbi okufundela. Wubethelele umcimbi wocoselelo kwizifundo zeNzululwazi. KwiBakala ngalinye uyinikiwe imizekelo yoPhando lwezeNzululwazi. Le mizekelo

isenokuguqulwa yenziwe imisebenzi epheleleyo abaza kuvavanywa kuyo abafundi. Lungelelanisa izixhobo zovavanyo apho kuyimfuneko.

IINKCUKACHA EZILUNGISELELWE OOTITSHALA: UBuchule bokufunda nokubhala ezeNzululwazi: Ootitshala mabawaqondisise la magama

phambi kwesifundo ngasinye saloo veki. Kubalulekile ukuzakhela sigama seNzululwazi, ngokunjalo, lukwabalulekile nophuhliso loLwimi. ‘Amagama achazwe ngokufutshane’ ngamagama ekuqikeleleka ukuba asetyenziswa kakhulu ngootitshala kwizifundo zabo. Ootitshala kufuneka baqinisekise ukuba abafundi bayayiqonda intsingiselo yala magama. Noko kunjalo, ootitshala abamele ze bawathathe ngokuba sisigama esisesikweni la magama bengakhange baziqondisise iintsingiselo zawo kuqalala. Abafundi mabavunyelwe ukuba baman’ukubuyeka kula magama neentsingiselo zawo.

IiNgcebiso malunga nokuphumeza iinjongo zolu xwebhu: Eyona njongo iphambili yezi ngcebiso kukunceda ootitshala ngokuhlahla indlela eyiyo yokucwangcisa imisebenzi. Bayacetyiswa ke ngoko ootitshala ukuba basebenzise amava nobuchule abanabo xa becwangcisa imisebenzi yabo, baqinisekise ukuba bacwangcisa ngokweemfuno zezikolo zabo. Kwakhona, ootitshala mabaziyilele iindlela zokunceda abafundi abaneengxaki zokufunda ezahlukeneyo. Mabongezelwe ixesha lokufunda abafundi abalolo hlobo, futhi izifundo ezongezelelweyo mazingqale ngqo kwindlela abohluke ngayo kwabanye (Jongisisa amaxwebhu omgaqo-nkqubo). Njengoko le mfundo intsha igxininisa kuthungelwano lwezifundo, ootitshala mabazingqale kakhulu izifundo ezifana neLitheresi neziBalo xa befundisa, xa kufundwa, naxa kusenziwa uvavanyo.

Izixhobo zokuncedisa: Sebenzisa izixhobo zokuncedisa ezikhoyo kwisikolo sakho/ekuhlaleni.

Uthungelwano: Lungqale uthungelwano phakathi kwezifundo, ulusebenzise kangangoko apho lungenayo khona. Uthungelwano luzingenela nje lula kwiindawana zokukhutshwa kolwazi kwezeNdalo, futhi kulula ukulenza nakweminye imimandla yezifundo. Noxa iindawo ezine zokukhutshwa kolwazi zibekwa zibe zodwa nje kwikota nganye yonyaka kwiNqanaba eliPhakathi, ungakwazi ukuzidibanisa iindawo ezithile xa ikho imfuneko ukuqinisekisa ukuba EzeNdalo ayiso sifundo silikheswa, koko siyinxalenye yezinye. Unxulumano phakathi kwezi ndawo lungabandakanywa kwimisebenzi.

Uvavanyo: Wuvavanye umsebenzi wabafundi usebenzise iindlela zovavanyo ezifanelekileyo ezilawulwa yimigangatho yovavanyo. Uvavanyo olungekho sesikweni luyenye yeendlela zokuhlola inkqubo yomfundi kwaye luxhobisa abafundi ukuze balungele imisebenzi yovavanyo olusesikweni. Sebenzisa iindlela ezahlukeneyo nezifanelekileyo zovavanyo oluqhuba unyaka wonke. Iingxelo zemisebenzi yovavanyo olusesikweni mazigcinwe encwadini. Uyinikiwe imizekelo yemisebenzi yovavanyo olusesikweni.

Page 5: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

- 2 -

INZULULWAZI NGEZENDALO

ISIGABA ESIPHAKATHI: IBAKALA 5 INKQUBO YOVAVANYO EYE YAQWALASELWA KWAKHONA: Imisebenzi yovavanyo esesikweni IKota 1 Umsebenzi woVavanyo 1: Iveki 10 IKota 2 Umsebenzi woVavanyo 2: Iveki 20

Umsebenzi woVavanyo 3: Iveki 21

IKota 3 Umsebenzi woVavanyo 4: Iveki 30 IKota 4 Umsebenzi woVavanyo 5: Iveki 31 Umsebenzi woVavanyo 6: Iveki 40

ISIPHUMO SESIFUNDO 1: UPHANDO LWEZENZULULWAZI 5.1.1 Ucwangcisa uphando: Udwelisa izinto azaziyo neziqhelekileyo kunye neemathiriyeli ze

acebise ngemibuzo yophando

5.1.2 Wenza uphando ze aqokelele ulwazi. Ulandela imiyalelo neenkqubo ezinamanyathelo amancinci alandelelanayo

5.1.3 Uphonononga ulwazi ze achaze iziphumo. Uchaza ngenkqubo elandelwa liqela achaze

nangeziphumo abazifumeneyo ISIPHUMO SESIFUNDO 2: UKUHLANGANISA ULWAZI LOBUNZULULWAZI 5.2.1 Ukhumbula ulwazi olubalulekileyo: esebenzisa ulwimi lwakhe, uchaza iimpawu zezinto,

nezemathiriyeli nezezinto eziphilayo

5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU NOKUSINGQONGILEYO 5.3.1 Uyaziqonda ezobunzululwazi neteknoloji kwezembali nakulwazi lwemveli: Uchonga iindlela

ezithe iimveliso nezinto zeteknoloji zatshintsha-tshintshwa ngayo ukusuka kwamanye amaxesha akudala nakwezinye iinkcubeko.

5.3.2 Uyaliqonda ifuthe lenzululwazi nobugcisa: Uchonga ifuthe elakhayo nelibi ngophuhliso

lwezobunzulwazi neemveliso zeteknoloji kumgangatho wobomi babantu nakokusingqongileyo

5.3.3 Wazi kakuhle ngomkhethe oqhubekayo kwezenzululwazi nakwezobugcisa: Nika iingcebiso

malunga neendlela ekungenziwa ngazo ukuze iimveliso neenkonzo zobugcisa zivuleleke nakubantu abasawavinjiweyo amathuba.

Page 6: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

- 3 -

IKOTA 1: A MANDLA NOTSHINTSHO

IVEKI 1 UVAVANYO LWENTO ASELE EYAZI UMFUNDI ‘ngamandla nenguqu’) (iBakala 4)

INDLELA YOKWENZA

LO 1 - 3

Inyathelo 1 Abafundi mabakubalisele ngezinto ezingqamene nenzululwazi abazenzileyo okanye abazifundileyo ngexesha leeholide. (umz. Uqale igadi ekhaya, uthathe uhambo lweenyawo ebuka indalo, uzenzele ithoyi, usebenzise isekethe yombane, njlnjl) Inyathelo2 Vavanya ulwazi asele enalo umfundi ’ngamandla nenguqu’. Bhala ebhodini amanqaku angqamene nezamandla ngokokuza kwawo entloko. Sebenzisa le mizekelo (yemithombo yamandla) ilandelayo, uncedise abafundi ukuze bamatanise umthombo ngamnye nomsebenzi ochanekileyo wawo.. Yenza okufunwayo kule theyibhile ingezantsi ngokubhekiselele kwiselula:

Nika isistimu yamandla

Indawo afumaneka

kuyo loo mandla /

umthombo wamandla

Uhlobo lwamandla

esiwafumanayo kuyo

Chaza indlela esebenza ngayo

Xela ukuba asuka phi kanye-kanye amandla abandakanyekayo kwitsheyini lokutya. Bhala uzobe indlela ahamba / ahanjiswa ngayo amandla kwitsheyini lokutya.

ULWAZINKQUBO Ingxoxo eklasini IZIXHOBO Izixhobo apho ulwazi lufunyenwe khona

Umxholo we-NS

Umbane notshintsho – iisistimu zamandla nemithombo yawo Ubomi nokuphila – indlela yokuhamba / yokuhanjiswa kwamandla kwitsheyini lokutya

UTHUNGELWANO Izifundo Learning

Areas

Inzululwazi yezeNtlalo – imithombo yamandla avuselelekayo nangavuselelekiyo ITeknoloji – iisistimu nolawulo

Ukubetha ibhola ukutya iibhetri

Isibane esivuthayo iparafini itotshi

Page 7: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

- 4 -

IVEKI 2 IMITHOMBO YAMANDLA: Ilanga, ukutya, amanzi awayo, umbane, izihlunu zezilwanyana

ULWAZI NGEZOBUNZULU-

LWAZI

Chaza ngokufutshane intsingiselo yala magama / mabinzana:

• Amandla: ukuze yonke into isebenze, ishukume okanye iphile kudingeka umbane.

• Into: edaliweyo okanye eyenziwe ngumntu • Umthombo wamandla: amandla agcinwe kuloo nto ithile, elindele

ukusetyenziswa ntweni ethile ukuze isebenze loo nto • Amafutha: aphuma kuwo amandla • Imithombo yamandla engavuselelekiyo: imithombo yamandla enokuphinda

isetyenziswe ukuvelisa umbane xa sele ikhe yasetyenziswa • Imithombo yamandla engavuselelekiyo: imithombo yamandla engenakukwazi

ukuphinda isetyenziswe ukuvelisa umbane xa sele ikhe yasetyenziswa

INDLELA YOKWENZA

LO 5.2.1 – 5.2.2

Inyathelo 1 Nika imithombo yamandla emininzi kangangoko unako (amalahle, ipetroli, iibhetri, amakhandlela, iparafini, ugesi / irhasi (umthombo wamandla aguquliweyo) njlnjl. Inyathelo 2 Chaza ngemithombo yamandla evuselelekayo nengavuselelekiyo Hlela imithombo yombane ibe ziindidi ezimbini Zoba ubuye ubhale ukuba umthombo wombane ngamnye usetyenziselwa ntoni na. Inyathelo 3 Xoxani ngezinto ezilungileyo nezingalunganga malunga nemithombo yamandla, wandule wenze itheyibhile yothelekiso: Inyathelo 4 Xoxani ngeengozi zale mithombo yamandla ingentla. (Ingozi yamandla ombane ophezulu, ungcoliseko ngenxa yokutsha kwamalahle, imililo eyingozi edalwa ngamakhandlela nezitovu zeparafini.) Abafundi bazoba babuye babhale ngenye yeengozi zezinto ezikhupha umbane emakhayeni abo. Inyathelo 5 Hlela imithombo yamandla ngokwamaqela amabini, ze abafundi bachaze izinto abazijongayo xa behlela le mithombo (umz: kolu udidi sitshisa into, koluya asitshisi nto) Inyathelo 6 Vavanya ulwazi lwabafundi: Ingaba bayakwazi:

• Ukunika amagama emithombo yamandla eyahlukeneyo? • Ukuchaza (besebenzisa isigama esifanelekileyo) ukuba isetyenziselwa ntoni

le mithombo yombane yahlukeneyo? • Ukuhlela imithombo yombane ngokuba yeyiphi evuselelekayo, iyeyiphi

engavuselelekiyo? • Bayaziqonda izinto ezingalunganga nezilungileyo ekusebenziseni imithombo

yombane ezizinto ezahlukeneyo? • Ukuzoba nokubhala ngenye yezinto eziyingozi eziphuma amandla ezikhoyo

ekuhlaleni?

Page 8: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

- 5 -

ULWAZI-NKQUBO Ingxoxo nophando-lwazi IZIXHOBO Iincwadi zesikolo,, iipowusta, imifanekiso nezinto ezizingqongileyo

Imixholo ye-NS

IMatha nezixhobo – iimpawu zezixhobo ezahlukeneyo, nemisebenzi yazo IPlanethi enguMhlaba nokungaphaya kwayo – ungcoliso lomoya, lwamanzi, nomhlaba Ubomi nokuphila – ifuthe longcoliso kwizityalo nezilwanyana

UTHUNGELWANO

Izifundo EzeNtlalo – abantu, izixhobo nokusingqongileyo ITeknoloji – indawo yokuhlala nokusingqongileyo

Ukuzihlola □ Abafundi bayahlolana □ Amaqela ayahlolana □ Uhlolo olwenziwa ngutitshala □

Imisebenzi yophengululo □ Imizekelo yophando □

Ucwangciso-zimvo □

Iiprojekthi □ Ukulinganisa imeko ethile □

Ukuxoxa ngeentsingiselo zamagama □

Uphando √ Umdlalo olinganiswayo □ Imisebenzi yocamngco □

Iasayimenti □ Umsebenzi woguqulo-lwimi □ Ukubhala cacileyo √

Uvavanyo olusekelwe kumgangatho womsebenzi oveliswayo □

Udliwanondlebe □ Iinkcazelo □

Ukubonisa □ Amaphepha-mibuzo □

Okunye: ukuzoba

UVAVANYO Ukhumbule : Bhala phantsi

iziphumo zemiSebenzi yoVavanyo

oluseSikweni

Ithesti/uvavanyo □

Imibuzo ecwangcisiweyo □ Okunye:

IVEKI 3 IMIGAQO YOKHUSELEKO NGEMITHOMBO YOMBANE – igesi / irhasi, ipetroli, iparafini, umbane

ULWAZI NGEZOBUNZULU-

LWAZI

Chaza ngokufutshane intsingiselo yala magama:

• Ipetroli: ngumthombo wamandla agciniweyo osetyenziswa zizithuthi. Xa ipetroli intumekeka ngempazamo/ngengozi, amadangatye aba shushu ngokugqithisileyo kube nzima ukuwalawula

• Iparafini: ngamandla alulwelo agcinwe ekhayeni asetyenziswa ekuphekeni. Xa iparafini intumekeka ngempazamo/ngengozi, amadangatye aba shushu ngokugqithisileyo kube nzima ukuwalawula

• Umbane: lo ngumthombo wamandla aguquliweyo (uveliswa lolunye udidi lomthombo wamandla olwaziwa ngokuba ngamalahle), kwaye wona usetyenziswa njengamandla okwenza izixhobo ezithile zisebenze, zixhobo ezo zaziwa ngokuba zizixhobo zombane

• iimpawu ezilumkisayo / iimpawu ezidanyazayo: ezi ziimpawu ezibonisa iindawo eziyingozi, okanye imimandla enobungozi

• Iindlela zokuzikhusela: imigaqo nemithetho exihibe ukwenza abantu bakhuseleke

INDLELA YOKWENZA

LO 5.3.2

Imigaqo / imithetho malunga nokuzikhusela kwimithombo yamandla ( enjengepetroli, iparafini, igesi / irhasi, umbane, nomlilo)

Inyathelo 1 Chaza unxantathu womlilo (umlilo ufuna amafutha, ubushushu nomoya (iksijini) ukuze uvuthe). Abafundi mabazobe unxantathu womlilo, bawuphawule ngamagama neenkcazelo. Bacacisele ukuba xa ufuna ukucima umlilo kufuneka uqale ususe amafutha, ubushushu nomoya. Xoxani ngeendlela ezahlukeneyo zokuyenza loo nto. Cacisa laa ndlela ithi YIMA, YIWA UZIQENGQE isetyenziswayo xa kucinywa umntu otshayo.

Page 9: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

- 6 -

Inyathelo 2 Abafundi balinganisa iindima kwimidlalwana yokuziqhelisa kwezi meko zilandelayo:

• Ukucima umntu otshayo ngendlela ethi YIMA, YIWA, UZIQENGQE Ukuphuma endlwini etshayo

• Ukuphuma endlwini etshayo (ukukhasela kweyona ndawo ikufuphi onokuphuma ngayo, kude lee kule ndawo itshayo, njalo-njalo)

• Ukuhlab’ikhwelo xa kusitsha (ukukhwaza, ukubetha amagongqo, ukwenza ingxolo enkulu, ukuvusa abantu ngokubashukumisa)

• Ukubiza inqwelo yokucima umlilo nenqwelo yezigulana, nokwalathisa ezi nqwelo ukuze zide ziye kufika kwindawo yexhwayela, konke oko ukwenza uzolile.

• Ukucima amalangtye omlilo – usebenzisa iindlela ezahlukeneyo zokususa amafutha (ngokuwakhaba asuke endleleni); iindlela ezahlukeneyo zokususa ubushushu (ukucima amadangatye ngamanzi); iindlela ezahlukeneyo zokususa umoya (ukugquma ipani le-oyili.

Inyathelo 3 Chonga ifuthe elihle nefuthe elibi lezi zinto zilandelayo empilweni yomntu: iparafini, ipetroli, umbane, nemililo ebaswa ezindlwini zabantu. Sebenzisa le tafile ilandelayo njengesikhokelo sokuphendula imibuzo elapho kuyo: .

Amafutha Kutheni syisebenzisa nje?

Iba yingozi xa kutheni?

Yeyiphi indlela ekhuselekileyo yokuyisebenzisa?

Umzekelo: iparafini

Xoxani ngeendlela ezikhuselekileyo zokusebenzisa izitovu zeparafini namakhandlela, njalo-njalo. Xoxani ngeziphumo zokusebenzisa amafutha ngendlela engakhuselekanga (ukutsha, ukutsha kwezindlu, njalo-njalo). Inyathelo 4 Bonisa abafundi imifanekiso emininzi yokubonisa ubungozi bento, ubacacisele ukuba uphawu ngalunye luthetha ntoni na. Abafundi mabazobe iimpawu zokhuseleko / zokubonisa into enobungozi, bandule babhale bechaza ukuba uphawu ngalunye abaluzobileyo luthetha ukuthini na. Mabaxele ukuba bamele ze benze ntoni na bona xa bebona uphawu ngalunye abaluzobileyo. Abafundi bazibhalela eyabo imithetho yokuzikhusela xa usebenzisa izitovu, okanye yokuzikhusela emililweni emakhaya, njalo-njalo. Mabaphande kwalapha ekhayeni ukuze baqonde ukuba izinto zasekhaya zingenziwa njani na ukuze zingabinabungozi, ze ngoko bazame nokulungisa izinto zombane abaziqondayo ukuba azikho kwimeko yokusetyenziswa ngokukhuselekileyo. Ulwazi olongezelelweyo: Funa iindlela zokusebenza ngendlela ekhuselekileyo efekthri, egaraji, okanye emakhitshini, njalo-njaloc. Abafundi mabenzele abantu basekuhlaleni ibrotsha, okanye iphetshana lezilumkiso eliqulethe iindlela zokusebenzisa amakhandlela neparafini ngendlela ekhuselekileyo, okanye balungiselele ukufundisa abantu basekuhlaleni ngezo ndlela. bonisayo ukuba bamele chazayo ukuba kungenjalo Learners make a safety brochure, leaflet, presentations informing the community on safety measures when using a) candles, b) paraffin. Biza abameli bamaziko okulwa imililo baze kucacisela abafundi ukuba banganceda njani na ngexesha likaxakeka.

Page 10: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

- 7 -

Inyathelo 5 Vavanya ulwazi lwabafundi. Ingaba bayakwazi:

• Ukuzoba nokucacisa ngonxantathu womlilo? • Ukuchaza iindlela zokucima umlilo besebenzisa isigama esifanelekileyo? • Ukuziqhelisa balinganise iindima zokwenza ngokufanelekileyo xa kusitsha? • Ukuyiqonda imisebenzi nobungozi bamafutha nombane? • Ukuzazi nokuziqonda iimpawu zokubonisa ubungozi bento, umzekelo;

ukuyazi into ethethwa zezi mpawu, nokwazi ukuba bamele ze benze ntoni xa bebona ezi mpawu?

• Ukuzoba bazibhalele eyabo imithetho yokhuseleko ukuze basebenzise izixhobo ekhaya ngendlela ekhuselekileyo? (le mithetho mayibe yeza kunceda futhi ibe yechanekileyo).

ULWAZI-NKQUBO Ingxoxo eklasini, uphando-lwazi

IZIXHOBO

Iitshati zephepha ezibhalwe imithetho yokhuseleko, imifanekiso yeempawu zokubonisa ubungozi bento, ezinye izinto ezinokunika ulwazi oluthe vetshe Imixholo ye-NS

IMatha nezixhobo – iimpawu nemisebenzi yezixhobo

UTHUNGELWANO

Izifundo UbuGcisa neNkcubeko – ubugcisa obubonwayo (ukwenziwa kweposta) IziFundo zoBomi – Ukuziphuhlisa nophuhliso lwentlalo, iindlela zokhuseleko

Ukuzihlola □ Abafundi bayahlolana □ Amaqela ayahlolana □ Uhlolo olwenziwa ngutitshala □

Imisebenzi yophengululo □ Imizekelo yophando □ Ucwangciso-zimvo □

Iiprojekthi □

Ukulinganisa imeko ethile □ Ukuxoxa ngeentsingiselo zamagama □

Uphando √

Umdlalo olinganiswayo √

Imisebenzi yocamngco □

asayimenti □

Umsebenzi woguqulo √ Ukubhala cacileyo √

Uvavanyo olusekelwe kumsebenzi oveliswayo □

Udliwanondlebe □ Iinkcazelo □

Ukubonisa □ Amaphepha-mibuzo □ Okunye: ukuzoba

UVAVANYO Ukhumbule : Bhala phantsi

iziphumo zemiSebenzi yoVavanyo

oluseSikweni

Ithesti/uvavanyo □

Imibuzo ecwangcisiweyo □ Okunye:

IVEKI 4 UPHANDO LOBUNZULULWAZI – Amafutha atshayo

ULWAZI NGEZOBUNZULU-

LWAZI

Chaza ngokufutshane intsingiselo yala magama / mabinzana:

• Ukutsha / ukutshisa: xa kusitsha into ngenxa yeoksijini, amafutha nobushushu

• Imithombo yamandla: apho agcinwa khona amandla elindele ukusetyenziswa.

UPhando lobuNzululwazi – Thelekisa ukutshisa kwamafutha angamanzi, umzekelo isipirithi neparafini QAPHELA: Ungayitshisi ipetroli kuba yona inobungozi kakhulu. Inyathelo 1 CEBA / CWANGCISA Dwelisa imibuzo engale mithombo yamandla ixeliweyo ngasentla, uxele nendlela etsha ngayo.

Page 11: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

- 8 -

INDLELA YOKWENZA

LO 5.1.1 – 5.1.3

Chonga umbuzo ubemnye oza kuphanda ngawo kule ilandelayo, umzekelo: Ingaba le mithombo yamandla, ispirithi neparafini, iyatsha? Ingaba le mithombo yamandla, ispirithi neparafini, iyakuphuma umsi? Ingaba le mithombo yamandla, ispirithi neparafini, inombala omnye / inamadangatye abukhulu bulinganayo na? Kukho ispirithi, kukho iparafini, yeyiphi into enokubilisa amanzi (angumlinganiselo ofanayo) ngokukhawuleza kunenye? Inyathelo 2 QHUBA / YENZA UPHANDO • Vavanya le mithombo yamandla usebenzisa imiqathango efanelekileyo. Iqela

ngalinye linokuzikhethela umbuzo walo liphande ngawo. • Iqela ngalinye malilungise izitovu ezimbini; esinye sibe nespirithi, esinye sibe

neparafini. Malizibase ngaxeshanye zombini ezi zitovu. Qaphela: Thabatha amanyathelo okhuseleko nangaphambi kokuba uluqalise olu phando.

• Ukuze ubone kakuhle ukuba ngowuphi umthombo wamandla (kule mibini) owabilisa kuqala amanzi angumlinganiselo ofanayo yenza oku: zilungise zozibini izitovu, lungisa iipete zezitovu, ujonge nosiba olubonisa umlinganiselo wamafutha kwisitovu ngasinye ukuba lumi endaweni efanelekileyo na. Xa sele zivutha beka umlinganiselo wamanzi ofanayo kwisitovu ngasinye. Bhala phantsi ixesha lokubila kwamanzi akwisitovu ngasinye.

• Abafundi mabazobe, bafake iilebhile, babhale oko bakubonileyo. . Inyathelo 3 HLALUTYA / JONGISISA IZIPHUMO Abafundi bayaxela ukuba yintoni abayifundileyo ngamafutha, utitshala ubhala loo manqaku ebhodini.

Inyathelo 4 Vavanya ulwazi lwabafundi. Ingaba bayakwazi:

• Ukuncedisana baqwebe imibuzo efanelekileyo abaza kuphanda ngayo malunga namafutha?

• Ukulungisa imisetyenzana ecacileyo ukuze basebenzise yona xa bephanda ngamafutha?

• Ukuxela abakufundileyo nabakufumeneyo kuphando olo? • Ukuzibhala ngokucacileyo iziphumo zophando?

Ngqinisisa indlela olwenziwe ngayo uphando kulaa mzekelo wefomathi yokuqhutywa koPhando lobuNzululwazi noVavanyo kwisiHlomelelo B

ULWAZI-NKQUBO Ingxoxo yeklasi, uphando IZIXHOBO

Iincwadi zolwazi, imifanekiso, iparafini, i-oyile yesibane nespirithi, ezinye izinto zokuxhasa ulwazi olufunyenweyo Imixholo ye-NS

IMatha nezixhobo – iimpawu nemisebenzi yezixhobo

UTHUNGELWANO

Izifundo Ezentlalo – amandla avuselelekayo nangavuselelekiyo Izifundo zoBomo – ukunamathela kwimithetho yokhuseleko ITeknoloji – iimveliso neenkqubo zokwenza okuthile

Ukuzihlola □ Abafundi bayahlolana □ Amaqela ayahlolana □ Uhlolo olwenziwa ngutitshala □

Imisebenzi yophengululo □ Imizekelo yophando □ Ucwangciso-zimvo □

Iiprojekthi □

Ukulinganisa imeko ethile □ Ukuxoxa ngeentsingiselo zamagama □

UVAVANYO Ukhumbule : Bhala phantsi

iziphumo zemiSebenzi yoVavanyo

oluseSikweni Uphando

√ Umdlalo olinganiswayo √

Imisebenzi yocamngco □

Page 12: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

- 9 -

asayimenti □

Umsebenzi woguqulo √ Ukubhala cacileyo √

Uvavanyo olusekelwe kumsebenzi oveliswayo □

Udliwanondlebe □ Iinkcazelo □

Ukubonisa □ Amaphepha-mibuzo □ Okunye: ukuzoba Ithesti/uvavanyo □

Imibuzo ecwangcisiweyo □ Okunye:

IVEKI 5 II-ECOSYSTEM ZIINKQUBO ZOKUHANJISWA KWAMANDLA

ULWAZI NGEZOBUNZULU-

LWAZI

Chaza ngokufutshane intsingiselo yala magama: • II-ecosystem: ibutho lezityalo, izilwanyana, izinto ezincinci eziphilayo zihleli kunye

kuloo ndawo ithile yendalo. • Ukuhamba / ukuhanjiswa / ukukhutshwa kwamandla: ukuhanjiswa kwamandla

kuloo nkqubo ithile (umzekelo kwi- ecosystem, kwisekethe yombane, njalo-njalo) • Ukuxhomekeka kwenye kwenye: Izityalo zixhomekeke kwizilwanyana ukuze

ziphile, kanti nezilwanyana zixhomekeke kwizityalo ukuze ziphile. Ezi zinto zimbini ziyenzelana ukutya, iindawo zokuhlala, njalo-njalo.

INDLELA YOKWENZA

LO 5.2.1

Inyathelo 1 Abafundi bacacisa ngawabo amazwi into abayaziyo nge--ecosystem (emva kwesifundo baza kuyibhala phantsi le ngcaciso). Inyathelo 2 Cacisela abafundi ukuba ilanga ngumthombo wamandla kuyo nayiphi na i-ecosystem. Ilanga likhupha amandla ukuze izityalo zizenzele ukutya ngeli langa, ze ngolo hlobo sibe nenkqubo eyiFotosinthesis. Xa kusenzeka iFotosinthesis kwenziwa iglukhozi egcinwa njengestatshi apha kumagqabi ezityalo. Istatshi ke ngumthombo wokutya wazo zonke izlwanyana ezikwi-ecosystem. Ngoko ke izityalo ezi zivelisa ukutya. Cacisela abafundi ukuba kukho isityalo, kukho isilwanyana, enye ixhomekeke kwenye, kuba ziyenzelana ukutya ezi zinto. Inyathelo 3 Zoba itsheyini lokutya ebhodini, umzekelo ingca→intethe→unondlwane→ukhozi (intaka enamaxhoba). Cacisela abafundi ukuba itsheyini lokutya libonisa indlela amandla okutya asuswa ngayo kwinto ephilayo esisiwa kwenye into ephilayo apha kwi-ecosystem. Amandla asuswa elangeni asiwe engceni apho aguqulwayo abe ngamandla ekhemikhali. Le ngca ityiwa yintethe, ze abe amandla sele egqithiselwe kwintethe leyo ngolo hlobo. Unondlwana utya intethe ze abe amandla sele egqithiselwe kunondlwane lowo ngolo hlobo. Ukhozi lutya unondlwane ze abe amandla sele egqithiselwe kukhozi olo ngolo hlobo. Ngolu hlobo amandla asuswe elangeni aya kutsho kukhozi. Ezaa ntolo uzibonayo zibonisa icala aya ngakulo amandla asuka elangeni. Inyathelo 4 Abafundi mabaphinde babhale phantsi laa nkcazelo ingentla besebenzisa awabo amagama. Abafundi mabazobe amatsheyini okutya amaninzi, bachaze nendlela ahanjiswa ngayo amandla asuka elangeni. Inyathelo 5 Funa umfanekiso we--ecosystem ebonisa iintlobo ngeentlobo zezityalo nezilwanyana, umzekelo: isitiya okanye ichibi, njalo-njalo. Okanye, tyelela indawo enesitiya esikhulu, okanye loo ndawo igcina izinto zendalo. Vula ithuba lokuba abafundi bazibonele ngokwabo amatsheyini okutya awahlukeneyo kwi ecosystem (mabajonge ukuba yinyoni etya ntoni apho). Abafundi bangafumanisa ukuba isilwanyana esithile sitya izityalo ezingaphezulu kwesinye, okanye sitya izilwanyana ezingaphezu kwesibini. Ngolo hlobo sithi sifumane iintolo ezininzi zibonisa

Page 13: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

- 10 -

uqhagamshelwano nezinto eziphilayo ezingaphezu kwesibini, ze ke sibe nale nto kuthiwa yi food web. Abafundi bazoba ifood web ze babhale becacisa ukuba amandla ahamba / ahanjiswa njani kuyo. Abafundi bacacisa ngokubhala phantsi ukuba yintoni i-ecosystem. Inyathelo 6 Vavanya ulwazi lwabafundi. Ingaba bayakwazi::

• Ukuchaza itsheyini lokutya, bacacise ukuba amandla ahamba / ahanjiswa njani kulo?

• Ukuzoba itsheyini lokutya kwi-ecosystem , nokucacisa ngokuchanekileyo indlela ahamba / ahanjiswa ngayo amandla kwitsheyini lokutya?

• Ukuyiqonda ukuba yintoni na i-ecosystem?

ULWAZI-NKQUBO Ingxoxo ,ukuzoba nokubhala, utyelelo kwisitiya esikhulu, njalo-njalo. IZIXHOBO

Iincwadi zolwazi, iiposta, imifanekiso yee-ecosystem, amacwecwe okufundisa ngetsheyini lokutya, izinto zokuxhasa ulwazi olufunyenweyo. Imixholo ye-NS

UBomi nokuPhila – ukutya kubalulekile ekukhuleni kwento / komntu Iplanethi enyMhlaba nokungaphaya kwayo – indima yezixhobo zomhlaba / yezinto onazo umhlaba – umhlaba, umoya namanzi UTHUNGELWANO

Izifundo iTeknoloji – amalungu / izinto ezenza isistimu, amandla okutya, IsiFundo ngoBomi – ukutya esikutyayo; ukutya okupheleleyo

Ukuzihlola □ Abafundi bayahlolana □ Amaqela ayahlolana □ Uhlolo olwenziwa ngutitshala □

Imisebenzi yophengululo □ Imizekelo yophando □ Ucwangciso-zimvo □

Iiprojekthi □

Ukulinganisa imeko ethile □ Ukuxoxa ngeentsingiselo zamagama □

Uphando √

Umdlalo olinganiswayo √

Imisebenzi yocamngco □

asayimenti □

Umsebenzi woguqulo √ Ukubhala cacileyo √

Uvavanyo olusekelwe kumsebenzi oveliswayo □

Udliwanondlebe □ Iinkcazelo □

Ukubonisa □ Amaphepha-mibuzo □ Okunye: ukuzoba

UVAVANYO Ukhumbule : Bhala phantsi

iziphumo zemiSebenzi yoVavanyo

oluseSikweni

Ithesti/uvavanyo □

Imibuzo ecwangcisiweyo □ Okunye:

IVEKI 6 UKUHAMBA NOKUHANJISWA KWAMANDLA KWIINKQUBO ZAMANDLA

ULWAZI

NGEZOBUNZULU-LWAZI

Chaza ngokufutshane intsingiselo yala magama:

• Iinkqubo zokuhamba / zokuhanjiswa kwamandla: le nto iyinkqubo yenziwe yanezinto ezimbini ezibalulekileyo ekuthutheni amandla: ukuwasusa kuloo nto ithile iwase kwenye, umzekelo: itsheyini lokutya, isekethe yombane, njalo-njalo.

• Imithombo yamandla: iseli, isibopho selastiki esonakeleyo, umoya, isikhondo somthi / iinkuni, amalahle

• Iindidi zamandla: ukukhanya, isandi, ubushushu, umbane, intshukumo.

INDLELA

YOKWENZA

Inyathelo 1 Cacisa ukuba ziyimfuneko ezi nkqubo zokuhanjiswa kwamandla (izixhobo zoomatshini zisebenza ngazo, izixhobo zombane zisebenza ngazo, izitishi zokugcina amandla zisebenza ngazo, njalo-njalo) ukuze iindidi ngeendidi zamandla abalulekileyo zibe nokuthuthwa: ukususwa kwinto ethile esisiwa apho afuneka khona.

Page 14: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

- 11 -

LO 5.2.1 – 5.2.2

Abafundi bayacacisa ukuba zeziphi iinkqubo zokuhanjiswa kwamandla ezifunekayo ukuze kususwe amandla kule mithombo yamandla ilandelayo: ilastiki eyoluliweyo, umoya, iinkuni, amalahle. Umzekelo xa ufuna ukususa amandla kwilastiki eyoluliweyo ungasebenzisa isilinge. Isilinge sisusa amandla kwilastiki siwase elityeni. Abafundi babhala iingcamango zabo kule tafile:

Imithombo yamandla

Iinkqubo ezifunekayo ukuze kuhanjiswe amandla

Amandla asuswa e / kwi------asiwe e / kwi---------

Iindidi zamandla avelisiweyo

Umzekelo: isibopho selastiki esoluliweyo

Isilinge Asuswa kwisibopho selastiki asiwe elityeni

Amandla entshukumo

Njalo-njalo. Inyathelo 2 Funa imizekelo yemifanekiso, nezinto zasekhaya, ebonisa iinkqubo zokuhanjiswa / zokuthuthwa kwamandla (umzekelo iphiko , ufinyafuthi, ibhayisekile, isixhobo sokuxuba ukutya, isityumzi segalikhi, amatye okuguba asezilalini, njalo-njalo). Ncedisa abafundi ekuchazeni amagama ezinto / eendawo ezahlukeneyo zeenkqubo (umzekelo: kwiinkqubo zosetyenziso loomatshini: ivili, i-asi, isikhonkwane ekujikeleza kuso icango / iheke, umphambo, isinyathelo, izinyo levili, intsimbi yokungqusha nesingqusho, njalo-njalo; kwiinkqubo zombane: amalungu afana neengcingo, iibhalbhu zokukhanyisa, amaqhosha okuvula nokucima into, njalo-njalo) Ncedisa abafundi ukuze baqonde ukuba zisebenza njani iinkqubo ezahlukeneyo namalungu ezinto xa kuhanjiswa amandla. Inyathelo 3 Abafundi bayazoba babhale bechaza iinkqubo zokuhanjiswa kwamandla neendlela ezisebenza ngazo. Mabaquke oku kulandelayo kwiinkcazelo zabo:

• Igama lenkqubo okanye isixhobo • Iindawo ngeendawo apha kumatshini • Umthombo wamandla • Indlela esebenza ngayo le nkqubo (zeziphi iintshukumo ezenziwayo kule

nkqubo umzekelo, kuyatyumzwa / kuyagutywa / kuyacolwa, kuyampontshwa, kuyabholwa, njalo-njalo)

• Udidi lwamandla oluveliswayo / olukhutshwayo (umzekelo: amandla entshukumo, amandla obushushu, njalo-njalo)

Inyathelo 4 Yenza itotshi ngezinto ozicholileyo. Chaza amalungu esekethe yombane, uzobe isekethe yombane. Inyathelo 5 Vavanya ulwazi lwabafundi. Ingaba bayakwazi:

• Ukuqonda ukuba yintoni inkqubo yokuhanjiswa kwamandla? • Ukuchaza iinkqubo zokuhajiswa kwamandla (koomatshini, kwizinto zombane)

bachaze futhi ukuba loo mandla ahamba njani kwezi nkqubo? • Ukwenza itotshi esebenzayo / elayitayo? • Ukuzoba ngokuchanekileyo isekethe yombane elapha phakathi kwetotshi?

Page 15: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

- 12 -

ULWAZI-NKQUBO Ingxoxo, ukuzoba nokubhala, uphando-lwazi.

IZIXHOBO

imifanekiso, izixhobo zombane zasekhaya, izinto zokuxhasa ulwazi olufunyenweyo

Imixholo ye-NS

Ingxoxo, ukuzoba nokubhala, uphando-lwazi. UTHUNGELWANO

Izifundo Imifanekiso, izixhobo zombane zasekhaya, izinto zokuxhasa ulwazi olufunyenweyo

Umxholo we-NS

IMatha nezixhobo – iimpawu nemisebenzi yezixhobo ezahlukeneyo

Ukuzihlola □ Abafundi bayahlolana □ Amaqela ayahlolana □ Uhlolo olwenziwa ngutitshala □ Imisebenzi yophengululo □

Imizekelo yophando □ Ucwangciso-zimvo □

Iiprojekthi □

Ukulinganisa imeko ethile □ Ukuxoxa ngeentsingiselo zamagama □

Uphando √

Umdlalo olinganiswayo √ Imisebenzi yocamngco □

asayimenti □

Umsebenzi woguqulo √ Ukubhala cacileyo √

Uvavanyo olusekelwe kumsebenzi oveliswayo □

Udliwanondlebe □ Iinkcazelo □

Ukubonisa □

Amaphepha-mibuzo □ Okunye:

UVAVANYO Ukhumbule : Bhala phantsi

iziphumo zemiSebenzi yoVavanyo

oluseSikweni

Ithesti/uvavanyo □

Imibuzo ecwangcisiweyo □ Okunye:

IVEKI 7 IINKQUBO ZOGCINO LWAMANDLA

ULWAZI NGEZOBUNZULU

LWAZI

Chaza ngokufutshane intsingiselo yala magama:

• Imithombo yamandla: umzekelo iseli yombane, i-elastiki eyoluliweyo okanye esongiweyo, umoya, isikhondo / iinkuni, amalahle

• Iindidi zamandla: umzekelo ukukhanya, isandi, ubushushu, umbane, intshukumo.

INDLELA YOKWENZA

LO 5.2.2

Inyathelo 1 Cacisa ukuba iinkqubo ezi ziwagcina phi, ziwagcina njani amandla. Iseli yombane: ukudloba kweekhemikhali okuthi kukhuphe amandla. Isibopho selastiki esonakeleyo: ngelixa lokuba ndala kwelastiki, amandla ayasuswa kuyo aye kugcinwa kwilastiki le Umoya : le yinto ebangelwa yiyantlukwano ebakhoyo apha emoyeni kwi-atmosfere evelisa amandla entshukumo. Isikhondo / iinkuni: xa kusenzeka ifotosinthesis amandla elanga agcinwa kanye apha esikhondweni somthi. Amalahle: iinkuni esele zaqwayitekayo. Ezi nkuni zinamandla awayegcinwe sisikhondo somthi ngelixa kwakusenzeka iFotosinthesis. Inyathelo 2 Abafundi mabafune iintlobo ngeentlobo zeeseli nezeebhethri ezisetyenziswa kwizixhobo zombane ekhaya, umzekelo kwiiselifoni, kwiirediyo, kwiiwotshi ezinkulu, kwiirimothi zeTV, njalo-njalo. Mabaphande ezincwadini, kwi-intanethi (kwiwebhsayithi kaEskom, njalo-njalo), batyelele nakwiivenkile zombane ukuze baqonde ukuba zeziphi iikhemikhali

Page 16: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

- 13 -

ezikwiiseli. Abafundi bazoba iseli nganye, okanye ibhethri, bandule badwelise okulapho ngaphakathi kuyo (ukuba banokukwazi), bachaze ukuba isetyenziswa kweziphi izixhobo zombane. Inyathelo 3 Abafundi mabahlele iibhethri ngokweendidi ezahlukeneyo, besebenzisa imithetho eyeyabo, bandule bazicacise ezi ndidi (umzekelo: ziyakwazi ukubuya zitshajwe / azikwazi kubuya zitshajwe). Inyathelo 4 Bacacisele abafundi ukuba umbane awubunjwa, ungenakho nokutshatyalaliswa. Usenokugcinwa ndaweni ithile okanye uziguqule ube lolunye udidi. Sisebenzisa iinkqubo zokuhanjiswa kombane ukuze sitshintshe amandla agciniweyo abe ngamandla esinokuwasebenzisa. Abafundi mababhale umhlathana omfutshane becacisa ukuba kutheni iiiseli neebhethri zibalulekile nje kuthi. Inyathelo 5 Vavanya ulwazi lomfundi. Ingaba bayakwazi:

• Ukufumana intlaninge yeebhethri ezahlukeneyo, bafumane nolwazi oluchanekileyo ngazo?

• Ukuhlela iibhethri ezahlukeneyo ngokweendidi ezizizo? • Ukuchaza ukuba kutheni iiseli neebhethri zibalulekile nje?

ULWAZI-NKQUBO ingxoxo, umboniso nophando-lwazi IZIXHOBO

Iincwadi zolwazi, iiposta nolwazi lwabantu abadala, iiseli neebhethri, isibopho selastiki

Imixholo ye-NS

IMatha nezixhobo – iimpawu nemisebenzi yezixhobo Ubomi nokuphila – ii-ecosystem, ukuhamba / ukuhanjiswa kwamandla kwinkqubo ethile UTHUNGELWANO

Izifundo EzeNtlalo – energy izixhobo ITeknoloji – iimpawu zezixhobo nophuhliso lweemveliso

Ukuzihlola □ Abafundi bayahlolana □ Amaqela ayahlolana □ Uhlolo olwenziwa ngutitshala □ Imisebenzi yophengululo □ Imizekelo yophando □ Imizekelo yophando □ Iiprojekthi □

Ukulinganisa imeko ethile □ Ukuxoxa ngeentsingiselo zamagama □

Uphando √

Umdlalo olinganiswayo √

Imisebenzi yocamngco □

asayimenti □

Umsebenzi woguqulo √ Ukubhala cacileyo √

Uvavanyo olusekelwe kumsebenzi oveliswayo □

Udliwanondlebe □ Iinkcazelo □

Ukubonisa □ Amaphepha-mibuzo □ Okunye: ukuzoba

UVAVANYO Ukhumbule : Bhala phantsi

iziphumo zemiSebenzi yoVavanyo

oluseSikweni

Ithesti/uvavanyo □

Imibuzo ecwangcisiweyo □ Okunye:

IVEKI 8 USETYENZISO LWEENTSIMBI / LOOMATSHINI

ULWAZI NGEZOBUNZULU-

LWAZI

Xova ngokufutshane ngezi ntsingiselo:

• Usetyenziso lweentsimbi (njengoomatshini) • Ukujikeleza • Iintshukumo kwimigca ethe tye

Page 17: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

- 14 -

INDLELA YOKWENZA

LO 5.2.1 – 5.2.2

Uphando: usetyenziso lweentsimbi / loomatshini Inyathelo 1 CEBA / CWANGCISA Khumbuza abafundi ngoondoqo bezixhobo ezahlukeneyo kusetyenziso loomatshini, uxele nemisebenzi yazo (ivili, i-asi, isikhonkwane, umphambo, isinyatheli, izinyo levili, isingqusho nentsimbi yaso, njalo-njalo). Khumbuza abafundi ukuba iinkqubo zosetyenziso loomatshini zenzelwe ukuthuthwa kwamandla: esuswa kuloo nto ithile asiwe apho afuneka khona. Oomatshini basoloko beneendawo ezishukumayo. (Kwezemibane azikho iindawo ezishukumayo). Inyathelo 2 Chonga iintshukumo ezenziwa mihla le ngoomatshini ngokuthi ujonge nje umatshini ekuza kuba lula ukulandela into oyenzayo, umzekelo: imbokodo iqengqwa kwilitye lokugubela xa kugutywa umbona; isixhobo sentsimbi siyajikeleza xa siqhuqha iqanda, umsonto okumatshini wokuthunga uya phantsi naphezulu xa kuthungwa. Inyathelo 3 Yalela abafundi ukuba bacinge ngomatshini abanokumenza ngezinto abazicholeyo (umzekelo: bangenza: iphiko, ithoyi yemoto, inqanawa ehamba phezu kwamanzi, njalo-njalo.) mabenze isicwangciso esifutshane sento abafuna ukuyenza (bangaphanda ezincwadini kuqala ukuze bafumane umfanekiso wento emabayenze). Bangasebenza umfundi eyedwa, okanye basebenze ngokwamaqela. Inyathelo 4 QHUBA / YENZA UPHANDO Abafundi mabenze umatshini oza kuba lula kubo Inyathelo 5 HLALUTYA / JONGISISA IMVELISO Abafundi :

• Mababonise ngento abayenzileyo • Mababonise ukuba isebenza njani • Mabacacise ukuba amandla asuka kweyiphi indawo, baxele nokuba iindawo

zemveliso abayenzileyo zishukuma njani. • Mabacacise ukuba bangayiphucula njani imveliso yabo.

Inyathelo 6 Vavanya ulwazi lwabafundi. Ingaba bayakwazi:

• Ukwenza isicwangciso esicacileyo sento abafuna ukuyenza? • Ukwenza umatshini osebenzayo? • Ukubonisa athethe ngendlela osebenza ngayo lo matshini engenazintloni?

ULWAZI-NKQUBO Ingxoxo, umboniso nophando-lwazi IZIXHOBO imifanekiso, izinto ezicholiweyo, izibopho zelastiki, izikere, iselotheyiphu, njalo-njalo

Imixholo ye-NS

IMatha nezixhobo – iimpawu nemisebenzi yezixhobo

UTHUNGELWANO

Izifundo EzeNtlalo – iindlela ezichubekileyo ezeza neempucuko zakudala ITeknolojo – iimpawu zezixhobo nokuphuhlisa inkqubo ethile

Ukuzihlola □ Abafundi bayahlolana □ Amaqela ayahlolana □ Uhlolo olwenziwa ngutitshala □

Imisebenzi yophengululo □ Imizekelo yophando □ Ucwangciso-zimvo □

Iiprojekthi □

Ukulinganisa imeko ethile □ Ukuxoxa ngeentsingiselo zamagama □

UVAVANYO Ukhumbule : Bhala phantsi

iziphumo zemiSebenzi yoVavanyo

oluseSikweni Uphando √

Umdlalo olinganiswayo √

Imisebenzi yocamngco □

Page 18: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

- 15 -

asayimenti □

Umsebenzi woguqulo √ Ukubhala cacileyo √

Uvavanyo olusekelwe kumsebenzi oveliswayo □

Udliwanondlebe □ Iinkcazelo □

Ukubonisa □ Amaphepha-mibuzo □ Okunye: ukuzoba

Ithesti/uvavanyo □

Imibuzo ecwangcisiweyo □ Okunye:

IVEKI 9 UKUHAMBA / UKUHANJISWA KWAMANDLA EKUHLALENI

ULWAZI NGEZOBUNZULU-

LWAZI

Xoxa ngokufutshane:

• ITeknoloji: izintoyinto abazenzileyo abantu ukuze zibancede ekwenzeni into ethile, nasekusombululeni iingxaki

• lungelelanisiweyo: izinto eziguquliweyo zalungiselelwa iimeko zala maxesha.

INDLELA YOKWENZA

LO 5.3.1 – 5.3.3

Inyathelo 1 Vula ingxoxo apha eklasini, kuxoxwe ngendlela etshintshe ngayo iTeknoloji ukusukela mandulo phaya ukuza kuthi ga namhlanje (umzekelo: indawo yoomatshini bokutayipha sele ithathwe ziikhompyutha ngoku; Indawo yamahashe neenqwelo sele ithathwe ziimoto ngoku; iindawo yee-eropleyini sele ithathwe ziijetha ngoku, njalo-njalo) Nokokunjalo, iiteknoloji ezindala azibhangi kwangoko. Siye sizisebenzise ezi ndlela zobugcisa, oko kuxhomekeke kwiimeko ezahlukeneyo esihlangana nazo. (Ungafumanisa ukuba ezilalini kusasebenza iindlela zobugcisa ezindala, ngeliza ezidolophini kusiya kungena ezintsha mihla le nje). Inyathelo 2 Xoxa ngezi projekthi zophando zilandelayo: Abafundi bazikhethela ukwenza enye yezi projekthi zilandelayo: (xa befuna ulwazi bangasebenzisa iincwadi; i-intanethi neemagazini; baphande ebantwini abadala, njalo-njalo)

1. Phanda ngeendlela ezibonisa ukutshintsha kweeteknoloji ngokuya ehamba amaxesha (umzekelo: izithuthi, indlela zokwenziwa kwesonka, njalo-njalo).

2. Phanda ebumelwaneni bakho ukuba izitovu (okanye izithuthi, izixhobo zombane, njalo-njalo) ezisetyenziswayo ziloluphi. Phanda kwakhona ukuba ezi teknoloji zibanceda njani abantu.

3. Phanda ukuba bubanjani ubomi babantu xa bengakwazi ukufikelela kwiiteknoloji ezikhoyo (umzekelo xa bengenazo iikhompyutha, okanye bengenawo umbane, njalo-njalo).

Inyathelo 3 Abafundi benza iposta, (iphetshana eliza kubhajiswa emoyeni, ibrotsha) enesihloko, enemizobo okanye imifanekiso, iinkcazelo neelebhile eziza kubonisa izinto abazifumanisileyo. Okanye Abafundi bafunde ulwazi abeze nalo ngezinye iindlela ezifanelekileyo (umzekelo: besebenzisa iteyiphu, besenza imibonisa bathethe ngayo, bebamba udliwano-ndlebe nabanye abantu, besebenzisa amanqakwana abawafumene xa bebesenza uphando, njalo-njalo) Inyathelo 6 Vavanya ulwazi lwabafundi. Ingaba bayakwazi:

• Ukuza nolwazi olwaneleyo nolunika umdla? • Ukuthetha cacileyo ngolwazi abaze nalo bengenazintloni?

Page 19: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

- 16 -

ULWAZI-NKQUBO ingxoxo, uphando-lwazi nemiboniso IZIXHOBO Izixhobo zophando-lwazi

Imixholo ye-NS

IMatha nezixhobo – iimpawu nemisebenzi yezixhobo

UTHUNGELWANO Izifundo

EzeNtlalo – ukufika kweeteknoloji / ndlela zobugcisa ezintsha I-EMS – uphuhliso nophuculo lweemveliso neenkonzo Masijonge ixabiso lokuvelisa, sisebenzise nezixhobo ezifikelelekayo

Ukuzihlola □ Abafundi bayahlolana □ Amaqela ayahlolana □ Uhlolo olwenziwa ngutitshala □

Imisebenzi yophengululo □ Imizekelo yophando □ Ucwangciso-zimvo □

Iiprojekthi □

Ukulinganisa imeko ethile □ Ukuxoxa ngeentsingiselo zamagama □

Uphando √

Umdlalo olinganiswayo √

Imisebenzi yocamngco □

asayimenti □

Umsebenzi woguqulo √ Ukubhala cacileyo √

Uvavanyo olusekelwe kumsebenzi oveliswayo □

Udliwanondlebe □ Iinkcazelo □

Ukubonisa □ Amaphepha-mibuzo □ Okunye: ukuzoba

UVAVANYO Ukhumbule : Bhala phantsi

iziphumo zemiSebenzi yoVavanyo

oluseSikweni

Ithesti/uvavanyo □

Imibuzo ecwangcisiweyo □ Okunye:

IVEKI 10 UGXININISO NOMSEBENZI 1 WOVAVANYO OLUSESIKWENI

ULWAZI NGEZOBUNZULU

LWAZI

• Yenza iposta yamandla enesihloko, iilebhile, imifanekiso, namanqakwana abonisa

imithombo yamandla neendidi zamandla. • Funa umfanekiso wenkqubo yamandla, wandule ubonise ngomzobo oneentolo

ukuba ahamba / ahanjiswa njani amandla kule nkqubo. • Yiza nomzekelo kamatshini (wentsimbi) ojikelezayo. Zoba ubhale ucacisa ukuba

usebenza njani. • Cacisa ngokubonisa ukuba ubuya kwenza njani ukuba iimpahla zakho

bezinokutsha. (Yima, yiwa uzuqengqe) • Zoba i food web ekuza kuba lula ukuyilandela, wandule uchaze ukuba amandla

ahamba / ahanjiswa njani apho kuyo.

INDLELA YOKWENZA

Umzekelo: UmSebenzi 1 woVavanyo mawube nezi zinto zilandelayo LO 2 AS 1 Zoba imephu yeengcinga neengcamango malunga namandla. LO 2 AS 2 Hlela oku kulandelayo ngokweekholamu. Yenzela ikholamu nganye

isihloko sayo ukuze ubonise wenze njani xa uhlela: amalahle, ubushushu, ukukhanya, isikhondo somthi / iinkuni, iphepha,

isandi, iparafini, umbane, umoya. LO 2 AS 1 Chaza umthombo wamandla ngokwezi zihloko zilandelayo:

Page 20: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

- 17 -

Yiza negama lomthombo wamandla

Yintoni umsebenzi

waloo mthobo wamandla uze

nawo?

Izinto eziluncedo ngalo mthombo

wamandla

Izinto ezingeloncedo ngalo mthombo

wamandla

LO 2 AS 1 Yiza namagama eenkqubo zosetyenziso lomatshini zemihla ngemihla. LO 2 AS 1 Chaza ukuba ahamba / ahanjiswa njani amandla kwitsheyini lokutya

olibona emfanekisweni. LO 2 AS 1 Chonga iinkcazelo eziyinyani:

• Umoya awunamandla • Isikhondo somthi / iinkuni sigcina amandla elanga • Amalahle agcina amandla elanga • Amandla asuka kwindawo ethile ayathuthwa asiwe kwisibopho

selastiki esoluliweyo. LO 1 AS 2 Qweba ubhale umbuzo oza kuphanda ngomahluko phakathi

kweparafini namakhandlela. Biza ngegama izixhobo oza kuzifuna xa uphanda ngomahluko phakathi

kwale mithombo mibini yamandla (iparafini namakhandlela) Yenza umzobo oneelebhile ezixelayo ukuba uza kuzilungisa njani

izxhobo zophando oza kulenza. Yenza itafile eza kubonisa umahluko. LO 3 AS 2: Cacisa ukuba inganobungozi njani into yokusebenzisa iparafini (okanye

irhasi, okanye umbane) ngohlobo olungelulo ekhaya. Cacisa ukuba ziintoni onokuzenza ukuqinisekisa ukuba uyisebenzisa ngendlela ekhuselekileyo.

LO 3 AS 2 Cacisa ukuba oomatshini aba bangabenza bube lula njani ubomi babantu abakhubazekileyo.

Page 21: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

- 18 -

IKOTA 2: INKQUNTO NEEMATHIRIYELI

IVEKI 11 UVAVANYO LOLWAZI ASELE BENALO – INKQUNTO KUNYE NEEMATHIRIYELI (Ibakala 4)

ULWAZI NGEZOBUNZULU-

LWAZI

Chaza ngokufutshane isigama esisuka kwiBakala 4:

• Iimathiriyeli: izinto eziqinileyo eziluncedo xa kusenziwa izinto. • Iimpawu zeemathiriyeli: indlela izinto ezitshintsha nezibonakala ngayo. • Izigaba ezithathu zenkqunto: inkqunto ingazintlobo okanye iindidi ezintathu.

ezahlukeneyo: isiqina, ulwelo kunye negesi. Ukutshisa kutshintsha isigaba ukusuka kwisiqina siye kulwelo siye kwigesi, kuze ukuphola kubuyisele into kwesa simo ibikuso ngaphambili.

• Amanzi abilayo: amanzi afumana i-eneji okanye ubushushu obaneleyo atshintshe abe yigesi.

• Ukunyibilika komkhenkce: umkhenkce ufumana i-eneji okanye ubushushu obaneleyo utshintshe ube lulwelo.

AMANQAKU MALUNGA NOKU-

LO 5.1 – 5.2

Inqanaba 1 Ingxoxo yeklasi esekelwe kwesi sigama sichazwe ngasentla: Sebenzisa imibuzo ukuxhokonxa abafundi. Chaza iimathiriyeli ozaziyo. Ucinga ukuba kuthethwa ngantoni xa kuthethwa “ngeempawu zemathiriyeli”? Nika iimathiriyeli ezimbalwa ozaziyo kunye neempawu zazo. Nika iindidi eziphambili zemathiriyeli ezinokuhlelwa ngazo. Umz., isinyithi, iplastikhi, umthi, iphepha, njl njl. Hlela iimathiriyeloi ngokwezi ndidi zikhankanywe ngasentla. Chaza izigaba ezithathu inkqunto enokufumaneka ngazo. Chaza ukuba wazi ntoni ngombandela wokubilisa. Wazi njani amanzi xa ebila? Chaza ukuba wazi ntoni ngokunyityilikiswa? Chaza indlela onokunyibilikisa ngayo ilitye lomkhenkce lifike kwiqondo lokunyibilika. Inqanaba 2 Utitshala ubhala amanqakwana amafutshane ebhodini xa kukho ulwazi olutsha oluthi qatha engqondweni ngethuba kuqutywa iingxoxo zamaqela.

ULWAZI-NKQUBO Iingxoxo; imibuzo kunye neempendulo

IVEKI 12 IIMPAWU ZEMATHIRIYELI

ULWAZI NGEZOBUNZULU-

LWAZI

Chaza ngokufutshane isigama

• Iindidi zemathiriyeli – ifayibha, iglasi, iseramikhi, ipholimasi (iplastiki), iphepha, umthi, isinyithi

• Iimpawu zeemathiriyeli o Ukurhwexa: indlela imathiriyeli evakala ngayo xa uyibamba okanye uyiva

ngeminwe. o Imbonakalo: iimpawu ezibonakalayo zento. o Ukuthamba: ukukwazi ukugoba okanye ukutshintsha indlela into emile

ngayo ingakhange yophuke. o Ukuqina; ukomelela kwento ingagugi. o Ukunikezela ngobushushu: indlela imathiriyeli ebuvumela ngayo

ubushushu ukuba buhambe bugqithe kuyo. o Ukugcina ubushushu: indlela imathiriyeli ebubamba ngayo ubushushu

bungaphumi kuyo.

Page 22: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

- 19 -

o Ubutsalane: indlela imathiriyeli ebizelwa ngayo okanye engabizeleki ngayo

kwisitsalane. o Ukuba nokunyityilikiswa: ukukwazi kwento ukunyibilika.

AMANQAKU MALUNGA NOKU-

LO 5.2.1 – 5.2.2

Inqanaba 1 Yiza nezinto ezimbalwa ezinika umdla eklasini, ezenziwe ngephepha, ngeplastiki, iglasi, umthi, njl njl. Qinisekisa ukuba into leyo ineempawu ezahlukeneyo (njengoko kuchaziwe apha ngasentla) ekuza kuba lula kumfundi ukuba azibone azichaze. Inqanaba 2 Cacisela abafundi ukuba zintoni na iimpawu. Ncedisa ubafundi ubaxelele izinto amabazijonge okanye baziqwalasele xa bekhangela iimpawu zemathiriyeli. Soloko ugxininisa kwizinto ezifana nezahluke ngazo izinto ngezinto. Inqanaba 3 Abafundi bachaza baze bazobe iimathiriyeli bakugqiba babhale bechaza iimpawu (umz., ukuthamba, ukuqina, indlela ebonakala ngayo kunye nokomelela) zeentlobo ngeentlobo zemathiriyeli okanye zezinto ezifana nephepha, iplastiki, iglasi, umtya, ucingo lobhedu, njl njl. Inqanaba 4 Hlola ulwazi lwabafundi. Ingaba abafundi bayakwazi: • Ukuchaza iimpawu zeemathiriyeli ezahlukeneyo besebenzisa isigama

esifanelekileyo?

ULWAZI-NKQUBO Iingxoxo: Bavumele abafundi ukuba beve iimathiriyeli besebenzisa imizwa yabo; bagqibe ngazo

IZIXHOBO Iintlobo ngeentlobo zeemathiriyeli kunye nezinto

Imixholo ye-NS

Umhlaba kunye nezinye izinto ezingaphaya – iimathiriyeli zendalo I-eneji kunye Notshintsho – lonke uhlobo lwe-eneji luyafuneka ukuze imathiriyeli itshintshe UHLANGANISO

ImiMandla yokuFunda

Iteknoloji – ukwazi iimpawu zeemathiriyeli EMS _ imveliso kunye nexabiso lempahla

Ukuzihlola □ Ukuhlolwa ngoontanga □ Ukuhlolwa liqela □ Ukuhlolwa ngutitshala □ Imisebenzi yophando □ Uphando □ Ukucwangcisa izimvo □ Iiprojekthi □

Ukulinganisa □

Ukucwangcisa isigama □

Uphando □

Umdlalo □

Imisetyenzana yokuceba ingxoxo □

Umsebenzi omiselweyo □

Umsetyenzana wotoliko □ Ubhalo lokwenyani √

Uvavanyo olusekelwe kwinkqubo □

Udliwana-ndlebe □

Umsebenzi wokunikezela ngolwazi √

Ukubonisa ngokwenza √

Amaphepha-mibuzo □

Okunye:

UVAVANYO Ukhumbule : Bhala phantsi

iziphumo zemiSebenzi yoVavanyo

oluseSikweni

Uvavanyo □

Imibuzo ecwangcisiweyo □

Okunye:

Page 23: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

- 20 -

IVEKI 13 IIMPAWU ZEEMATHIRIYELI EZI NGEENDIDI EZINTATHU: isinyithi, iplastiki (ipholima), iseramikhi

ULWAZI NGEZOBUNZULU-

LWAZI

Chaza isigama ngokufutshane: Iimathiriyeli • Isinyithi: imathiriyeli ehambisa umbane nobushushu, emz., ubhedu, inkcenkce,

isilivere, igolide, ilothe, njl njl. • Ipholima (iplastiki kunye nemisonto yezityalo): imoletyhuli ende enkulu eyenziwe

zimoletyhuli ezincinci ezininzi ezidibeneyo, umz., iplastiki, irabha, imisonto yeplastiki

• Iseramikhi kunye neglasi: imathiriyeli eyenziwe ngodongwe oluqinileyo okanye iglasi, umz., iikomityi, iglasi, iimbizana zokutyalela iintyantyambo, iithayile.

Iimpawu • Iimpawu zesinyithi: Siyabengezela, sinokukhandwa (senziwe into umntu

ayifunayo), siyawuhambisa umbane nobushushu, siyakwazi ukukhenkceza, somelele

• Iimpawu zeplastiki: ithambile, yomelele, iyabugcina ubushushu nombane, iyahlala, inuka ikhemikhali, iyavutha xa ilayitiwe, ezinye iiplastiki ziyabonisa ngaphaya ezinye zimnyama (azibonisi ngaphaya)

• Iimpawu zeglasi kunye neseramikhi: ziqinile, ziyophuka zikroboke, zinesandi esikhenkcezayo, zomelele, azingeni manzi; ezinye iglasi ziyabonisa ngaphaya.

AMANQAKU MALUNGA NOKU-

LO 5.2.2

Inqanaba 1 Cacisela abafundi ukuba iimpawu zibhekisa kule nto imathiriyeli iyiyo, indlela etshintsha ngayo, kunye nento onokuyenza ngayo okanye kuyo. Khokela abafundi bakhangele iimpawu zesinyithi, iipholima kunye neseramikhi besebenzisa yonke imizwa yabo. Yiza nezinto ezenziwe ngeentlobo ezahlukeneyo zesinyithi, iiplasitiki, iseramikhi kunye neglasi. Abafundi nabo mabeze nezinye izinto ezifanelekileyo. Inqanaba 2 Hlela imathiriyeli okanye izinto ezisetyenziswa imihla ngemihla ngokweendidi ngokwendlela ezibonakala ngayo, kwakunye nezinto ezaziwa ngazo. Sebenzisa le theyibhuli ingezantsi.

Isixhobo Udidi lwemathiriyeli Iimpawu (jonga, yiva, joja)

Eminye imizekelo yeentlobo zemathiriyeli ezisetyenziswa imihla ngemihla ezikolu didi

Ipani yokuqhotsa Isinyithi Iqinile, iyamenyezela, iyabuhambisa ubushushu, inesandi esikhenkcezayo

Imoto, izinto zokuhomba zamatye anqabileyo, ucingo

Njl njl

Inqanaba 3 Bhala izivakalisi uchaza eyakho imithetho yokuhlela (umz., isizathu sokuba kuthiwe sisinyithi, - ukuqwalasela iimpawu zesinyithi, njl njl).

Page 24: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

- 21 -

Inqanaba 4 Hlola ulwazi lwabafundi. Ingaba abafundi banakho:

• Ukwahlula iintlobo ezahlukeneyo zesinyithi, iiplastiki kunye neseramakhi kwizinto ezinikiweyo?

• Ukuchaza iimpawu zezi mathiriyeli besebenzisa isigama esifanelekileyo? • Ukuhlela isinyithi, iiplastiki, iseramikhi kunye neglasi ngokweempawu zazo?

ULWAZI-NKQUBO Inkcaza, ukuhlela; ingxoxo, tyebisa unike izizathu

IZIXHOBO Izinto neemathiriyeli ezahlukeneyo ezisuka kumaqela amathathu; uxwebhu lokusebenzela

Imixholo ye-NS

Umhlaba kunye nezinye izinto ezingaphaya – izixhobo zendalo

UHLANGANISO ImiMandla yokuFunda

Iteknoloji – iimathiriyeli ezenziwe ngabantu kunye nezo zenziwe ngokudibanisa izinto EMS – indalo, inkqubo nokuveliswa kwemathiriyeli

Ukuzihlola □ Abafundi bayahlolana □ Amaqela ayahlolana □ Uhlolo olwenziwa ngutitshala □

Imisebenzi yophengululo □ Imizekelo yophando □ Ucwangciso-zimvo □

Iiprojekthi □

Ukulinganisa imeko ethile □ Ukuxoxa ngeentsingiselo zamagama □

Uphando √

Umdlalo olinganiswayo √

Imisebenzi yocamngco □

asayimenti □

Umsebenzi woguqulo √ Ukubhala cacileyo √

Uvavanyo olusekelwe kumsebenzi oveliswayo □

Udliwanondlebe □ Iinkcazelo □

Ukubonisa □ Amaphepha-mibuzo □ Okunye:

UVAVANYO Ukhumbule : Bhala phantsi

iziphumo zemiSebenzi yoVavanyo

oluseSikweni

Ithesti/uvavanyo □

Imibuzo ecwangcisiweyo □ Okunye:

IVEKI 14 UKUTSHISA NOKUPHOLISA KUYAYITSHINTSHA IMATHIRIYELI

ULWAZI NGEZOBUNZULU-

LWAZI

Chaza isigama ngokufutshane:

• I-eneji yobushushu: i-eneji yobushushu • Isiqina: into engatshintshiyo indlela emile ngayo, emile ngendlela ethile,

ayinakweliwa, izinto eyakhiwe ngazo zibambene kakhulu. • Ulwelo: luyakwazi ukugalelwa lweliwe, imila ngokwaloo nto igalelwe kuyo, ivala

yonke indawo, izinto eyenziwa ngazo zidibene kodwa azisondelelanga njengezesiqina.

• Igesi: izinto eyakhiwe ngazo ziqelelelene, igesi ayinandlela yakheke ngayo okanye sakhiwo

• I-eneji yobushushu: isoloko isuka kwindawo okanye into efudumeleyo iye kwindawo okanye into ebandayo.

• Ukulahlekelwa yi-eneji: oku kwenzeka xa into ikhupha obayo ubushushu kuba kubanda kule ndawo iyingqongileyo.

• Ukufumana i-eneji: oku kwenzeka xa into itsala ubushushu kuba okuyingqongileyo kushushu.

• Iyanyibilika: xa isiqina sisenziwa shushu siyajika sibe lulwelo. • Iyaqina: xa ulwelo luphola lutshintshe lube sisiqina. • Iba ngumphunga: xa ulwelo lusenziwa shushu lutshintshe lube yigesi. • Iyajiya: xa igesi iphola ize itshintshe ibe lulwelo.

Page 25: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

- 22 -

AMANQAKU MALUNGA NOKU-

LO 5.2.1 - 5.2.2

Iimathiriyeli ziya buva ubushushu Inqanaba 1 Cacisa:

• Ubushushu bungenza ezi zinto zilandelayo kwimathiriyeli:

Ukutshintsha ngokwezigaba Iziqina, ulwelo kunye neegesi ziyatshintsha kwenye imo zibe yenye into xa kongezwe okanye kukhutshwe ubushushu. Umz., Amanzi ayajika abe ngumphunga xa enziwe shushu aze abe ngumkhenkce xa ebandisiwe (ebandiswe kakhulu aphume bonke ubushushu). Ukwanda nokurhwaqela Izinto ezilulwelo, iziqina kunye neegesi ziyanda ngokobungakanani xa zisenziwa shushu zize zirhwaqele xa zipholiswa; umz., faka ithemometha emanzini ashushu. I-alkoholi engamanzi ekwithemometha iyanda inyuke ngaphakathi kulo mcinga wethemometha. Thatha iimafini eziphuma eziko zigqitywa kubhakwa. Ziye zishwabana apha epanini xa zisiya ziphola. Ukutsha Ezinye imathiriyeli ziyavutha xa zithe zenziwe shushu. Cacisa

• Ezinye izinto ezitshintshayo kwimathiriyeli zihlala zinjalo (azinakuphinda zitshintshwe) ezinye ziba kulo meko okwexeshana (zingaphinda zijikwe).

Inqnanaba 2

• Yenza umsebenzi ukubonakalisa ezinye izinto ezitshintshayo kwimathiriyeli xa uyitshisa. Bonisa ukwanda ngebhola kunye nesixhobo saselebhu esisisazinge; goba umbhobho onciphileyo wesinyithi phezu kwedangatye (sebenzisa iiglavu zokubamba izinto ezishushu); nyibilikisa iplastiki emanzini ashushu okanye edangatyeni; nyibilikisa amafutha; tshisa iziziba & amaphepha; bilisa amanzi; tshisa udongwe (iseramikhi); pheka intlama yamaqebengwana; (qhekeza iglasi ngamanzi ashushu); beka ibhaluni entanyeni yebhotile uze ufake ibhotile leyo emanzini ashushu (ibhaluni iyavuleka); njl njl.

Abafundi: • Bazoba babhale ukuze bachaze izinto ezitshintshayo (ukwanda okanye

ukurhwaqela; ukutshintsha ngokwesigaba; ukutsha) ezibonakalayo kwimathiriyeli xa itshiswa okanye ipholiswa kwakhona.

• Bayachaza ukuba ingaba ezi zinto zitshintshayo zisisigxina na okanye zezethutyana (zingaphinda zitshintshe)

Inqanaba 3

Ukuhlela imathiriyeli ngeendlela ezahlukeneyo • Hlela iimathiriyeli zibe ngamaqela amathathu: iziqina, ulwelo, igesi. • Yenza itheyibhile ebonisa indlela ekuhlelwe ngayo. Isihloko masibhalwe

kakhulu phezulu kule theyibhuli: Isigaba, Iimpawu, Imizekelo. Izihloko zemiqolo ehlayo: Isiqina, Ulwelo, Igesi

• Bhala isivakalisi uchaze owakho umthetho wokubeka imathiriyeli ethile kwelo qela (umz., isizathu sokuba ibe sisiqina, ilulwelo okanye iyigesi ngokubhekiselele kwiimpawu zesiqina, ulwelo kunye negesi, njl njl.).

Page 26: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

- 23 -

Inqanaba 4 Ukuhlela iimathiriyeli ngokwendlela ezitshintsha ngayo xa zitshiswa okanye zipholiswa (umz., isinyithi siyanda/siyashwabana; iplastiki ziyanyibilika kwaye ziqine, njl njl. Bhala eyakho itheyibhule okanye umzobo okanye uluhlu ukubonisa indlela ohlele ngayo. Inqanaba 5 Hlela imathiriyeli ngokokuba utshintsho olwenzekayo lusisigxina na okanye lolwethutyana xa itshiswa Hlela imathiriyeli ngokohlobo lotshintsho olwenzekayo (lusisigxina okanye lolwexeshana) xa itshiswa. Yenza eyakho itheyibhile okanye umzobo okanye uluhlu ukubonisa indlela ohlele ngayo Inqanaba 6 Bhala izivakalisi uchaze la magama alandelayo: Ukunyibilika, Ukuqina, Ukuba ngumphunga, Ukujiya: Ukutsha, Ukugoba, Ukwanda, Ukurhwaqeka Inqanaba 6 Vavanya ulwazi lwabafundi. Ingaba abafundi banakho:

• Ukuwuqonda umahluko phakathi kwala magama alandelayo: Ukunyibilika, Ukuqina, Ukuba ngumphunga, Ukujiya: Ukutsha, Ukugoba, Ukwanda, Ukurhwaqela?

ULWAZI-NKQUBO Inkcaza. Ingxoxo, imisebenzi yokuhlele, ukubhala

IZIXHOBO

Iintlobo ezahlukeneyo zemathiriyeli ezitshintshayo xa zitshiswa; umbhobho onciphileyo, iplastiki, amafutha, iziziba kunye nephepha, amanzi, udongwe, intlama yepankuku, iglasi, ibhaluni, njl njl. Izixhobo, Isitovu separafini, amakhandlela, iimatshisi, amanzi abilayo, izinto zokugalela, iiglavu zokubamba into eshushu, njl njl.

Imixholo ye-NS

I-eneji kunye notshintsho – i-eneji iyafuneka ukuze itshintshe imathiriyeli UHLANGANISO

ImiMandla yokuFunda

IsiFundo ngezoBomi – amanyathelo okhuseleko ITeknoloji – ukulungisa imathiriyeli

Ukuzihlola □ Abafundi bayahlolana □ Amaqela ayahlolana □ Uhlolo olwenziwa ngutitshala □

Imisebenzi yophengululo □ Imizekelo yophando □ Ucwangciso-zimvo □

Iiprojekthi □

Ukulinganisa imeko ethile □ Ukuxoxa ngeentsingiselo zamagama □

Uphando √

Umdlalo olinganiswayo √

Imisebenzi yocamngco □

asayimenti □

Umsebenzi woguqulo √ Ukubhala cacileyo √

Uvavanyo olusekelwe kumsebenzi oveliswayo □

Udliwanondlebe □ Iinkcazelo □

Ukubonisa □ Amaphepha-mibuzo □ Okunye: ukuzoba

UVAVANYO Ukhumbule : Bhala phantsi

iziphumo zemiSebenzi yoVavanyo

oluseSikweni

Ithesti/uvavanyo □

Imibuzo ecwangcisiweyo □ Okunye:

Page 27: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

- 24 -

IVEKI 15 + 16 UMAHLUKO PHAKATHI KOMXUBE NESINYIBILIKO

ULWAZI NGEZOBUNZULU-

LWAZI

Chaza isigama ngokufutshane:

• Umxube: ukudityaniswa kwezinto ezimbini okanye ngaphezulu kodwa ezinokuphindwa zahlulwe kwakhona.

• Ukunyibilikisa: xa into ethile idibana nento elulwelo ize ilahleke ingabonakali xa ingaphakathi kulwelo.

• Isinyibiliko: umxube othile apho isiqina, ulwelo okanye igesi inyityilikiswa kulwelo

• Into enyibilikayo: into enokunyibilika (ingabonakali) xa ixutywe nolwelo (umz., iswekile xa igalelwe okanye ixutywe namanzi).

• Into enganyibilikiyo: izinto ezinganyibilikiyo kwinto elulwelo (umz. amagqabi eti emanzini).

ISINYIBILIKO

AMANQAKU MALUNGA NOKU-

LO 5.2.1

Umahluko phakathi komxube nesinyibiliko Inqanaba 1 Umxube Abafundi bangasebenzisa iintlobo ezahlukeneyo zeziqina nezinto ezilulwelo benze imixube. Mabachaze izinto ezifakiweyo kumxube, umz., umxube wamabhastile nesanti. Buza abafundi ukuba baza kukwazi ukwahlula ezi zinto zixutyiwe ngesandla. Inqanaba 3 Isinyibiliko Abafundi bangaxuba isinyibiliki (iswekile) kunye nesinyibilikisi (amanzi) benze isinyibiliko. Mabachaze izinto ezigalelweyo kwisinyibiliko. Chaza izinto ezakhe isinyibiliko usebenzisa ulwimi lwenzululwazi, umz., isinyibilikisi; amanzi; isinyibiliki: isiqina. Inqanaba 3 Hlela izinto ezahlukeneyo ezisetyenziswa imihla ngemihla nasemakhaya ngokwemixube kunye nezinyibiliko, umz., umxube wekeyiki, isiselo sezemidlalo, isepha yokucoca, isiselo esibandayo, ikofu, njl njl. Mabacacise (babhale) eyabo imithetho abayilandelayo xa bagqibayo ukuba into ngumxube okaye sisinyibiliko. Buza abafundi ukuba bayakwazi na ukwahlula le mixube kunye nezinyibiliko ngesandla.

Nyibilikisayo: ulwelo apho

into inokunyibilika

Isinyibiliki: le nto inyibilikayo kule

inyibilikisayo

Isinyibiliko: Le nto

inyibilikileyo kule

inyibilikisayo

Page 28: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

- 25 -

Inqanaba 4 Cacisa indlela eminye imixube enokwahlulwa ngayo ngesandla lo gama eminye imixube nezinyibiliko zifuna inkqubo entsokothileyo ukuze zahlulwe. Cacisa ezi nkqubo zilandelayo uze unike abafundi ithuba bakhe bazilinge Ukuhluza: inkqubo apho izinto eziziziqina zahlulwayo kulwelo ngokugqithisa ulwelo kwisihluzo. Ukufincelela: inkqubo yokwahlula isiqina kulwelo ngokuchitha ulwelo, ushiye isiqina. Ucoco-lwelo: Inkqubo yokwahlula izinto ezilulwelo ezimbini okanye ulwelo kwisiqina. Lo mxube uyatshiswa. Ulwelo luyabila lwenze umphunga. Umphunga uyajiyiswa ngokuwupholisa uze uphinde ube lulwelo kwakhona. (Beka ipleyithi ebandayo phezu kwesinyibiliko esibilayo ujonge amanzi ejiya esiba lulwelo kwakhona). Isiqina sona siyashiyekela. Inqanaba 5 Utitshala udwelisa iimpawu zemixube ebhodini:

• Imixube ingahlulwa ngesandla ngokufincelela nangokuhluza, okanye ngokucoca ulwelo.

Chaza iimpawu zesinyibiliko: • Isinyibiliki asinakuphinda sibonwe sakuba sinyibilikile • Ukukhanya kuyagqobhoza kwisinyibiliko (isinyibiliko sikhangeleka ngokungathi

yiglasi) • Isinyibiliko asihlali ezantsi emva kwexesha • Isinyibiliki nesinyibilikisi azinakwahlulwa ngokuhluzwa okanye ukufincelelwa • Isinyibiliki singaphinda sifumaneke ngokwenza isinyibilikisi (ulwelo) umphunga.

Isiqina siyacoceka sicace. • Isinyibilikisi singaphinda sibe khona ngenkqubo yokucoca ulwelo.

Inqanaba 6 Abafundi:

• Benza izinyibiliko kunye nemixube kumsebenzi wokubonisa ngokwenza • Benza iipowusta ezineelebhile kunye nezihloko ezifanelekileyo ukucacisa

umahluko phakathi komxube kunye nesinyibiliko. Inqanaba 7 Vavanya ulwazi lwabafundi. Ingaba abafundi banakho:

• Ukubonisa indlela yokwenza nokwahlula izinyibiliko kunye nemixube ngokufanelekileyo.

• Ukuchaza umahluko phakathi kwezinyibiliko kunye nemixube ngokujonga kwiimpawu?

ULWAZI-NKQUBO Cacisa: chaza: hlela

IZIXHOBO Iintlobo ezahlukeneyo zeziqina ukulungiselela ukwenza imixube: iintlobo ezahlukeneyo zeziqina ezinyibilikayo eziza kusetyenziswa xa kusenziwa isinyibiliko. Isitovu, imatshisi, iglasi zaselebhu okanye ityhubhu zaselebhu, njl njl

Imixholo ye-NS

Umhlaba kunye nokungaphaya – ungcoliseko lwamanzi kunye nococo lwamanzi

UHLANGANISO ImiMandla yokuFunda

Inzululwazi ngezeNtlalo – abantu kunye nokusingqongileyo, ubutyebi bendalo

Ukuzihlola □ Abafundi bayahlolana □ Amaqela ayahlolana □ Uhlolo olwenziwa ngutitshala □

Imisebenzi yophengululo □ Imizekelo yophando □ Ucwangciso-zimvo □

UVAVANYO Ukhumbule : Bhala phantsi

iziphumo zemiSebenzi Iiprojekthi

□ Ukulinganisa imeko ethile □

Ukuxoxa ngeentsingiselo zamagama □

Page 29: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

- 26 -

Uphando √

Umdlalo olinganiswayo √

Imisebenzi yocamngco □

asayimenti □

Umsebenzi woguqulo √ Ukubhala cacileyo √

Uvavanyo olusekelwe kumsebenzi oveliswayo □

Udliwanondlebe □ Iinkcazelo □

Ukubonisa □ Amaphepha-mibuzo □ Okunye:

yoVavanyo oluseSikweni

Ithesti/uvavanyo □

Imibuzo ecwangcisiweyo □ Okunye:

IVEKI 17 IZISOMBULULO

ULWAZI NGEZOBUNZULU-

LWAZI

Chaza la magama ngokufutshane:

• Ukunyibilika: xa into idibana nolwelo ze ithi pheselele ingabonakali • Umxube: ngumxube owodwa wento eqinileyo, ulwelo okanye igesi

enyibilikiswa kwinto elulwelo • Izinto ezinyibilikayo: izinto ezinyibilikayo (ezikhangeleka ngathi ziyanyibilika) xa

zidityaniswe nento elulwelo (umz. Iswekile edityaniswe namanzi) • Izinto ezinganyibilikiyo: zizinto ezinganyibilikiyo xa zidityaniswe nento elulwelo

(umz. Amagqabi eti emanzini) • Isinyibiliki: into eqinileyo enyibilikayo kwinto elulwelo, ibe sisinyibiliko • Nyibilikisayo: ulwelo isiqina esinyibilika sibe lulo. • Izinto ezichaphazela ukunyibilika: iinkqubo okanye amanyathelo enza

isinyibiliki sinyibilike ngokukhawuleza okanye ngokucotha kulwelo afana: nendlela ekuzanyiswa ngayo; ubushushu bolwelo; ubukhulu bamagaqa esiqina; ubungakanani besiqina xa sithelekiswa nolwelo.

AMANQAKU MALUNGA NOKU-

LO 5.1.1 – 5.1.3

Uphando: Ingaba ubushushu buyakukhawulezisa ukunyibilika Inqanaba 1 ISICWANGCISO

• Qwalaselwa kwakhona oku kulandelayo: • Chaza izinto ezigalelweyo ezi-2 (umz., amanzi kunye neswekile) zesinyibiliko

ngolwimi lwezenzululwazi (umz., isinyibiliki, nokunyityilikiswa kunye nokunyibilikisayo)

• Cacisa isinyibiliki nesinyibilikisi). • Chaza iimpawu zezisinyibiliko (umz., sicacile). • Abafundi bafunda ukusebenzisa iithemometha (ukuthatha umlinganiselo

wobushushu ngokwamaqondo e-Celsius (°C)). • Bayaziqhelanisa ngokusebenzisa ikomityi okanye isilinda zokulinganisa

ukuthatha umlinganiselo wamanzi ngeemililitha (ml) • Sebenzisa amacephe amayeza ukuthatha umlinganiselo wesinyibiliki

ngeemililitha. INQANABA 2 Abafundi benza isicwangciso-zimvo sezinto abazaziyo ngezinto ezinyibilikayo kwiimeko eziqhelekileyo (umz., ukunyibilikisa iswekile emanzini abandayo okanye ashushu). Abafundi bancedisa ngokuza nemibuzo eza kubuzwa kuphando, umz., Ingaba ubushushu buyakukhawulezisa ukunyibilika?

Page 30: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

- 27 -

Inqanaba 3 QHUBA UPHANDO Abafundi

• Beza nawabo amanyathelo okanye utitshala angabanika amanyathelo okwenza izinyibiliko besebenzisa amanzi anamaqondo ahlukeneyo obushushu (umz., amanzi ashushu, amanzi empompo, amanzi aphuma efrijini)

• Bazamisa isinyibilikiso ngasinye kabini ukuxuba izinto ezigalelweyo phambi kokuqala ukubala ixesha.

• Gcina umyinge wamanzi kunye nesinyibilikiswa zilingana kwinto yokugalela nganye (thatha imilinganiselo yazo).

• Bhala phantsi okubonayo kunye nemilinganiselo (amaqondo obushushu amanzi, ixesha elithathiweyo ukunyibilika, ubungakanani bento ibinyityilikiswa, ubungakanani bento ibinyibilikisa) kwitheyibhuli njengelinye la manyathelo enkqubo yophando.

• Zoba iigrafu ezizibha Elicala lihlayo: zibha ezimele amanzi ashushu, amanzi etephu kunye namanzi efriji. Elicala lixwesileyo: ixesha ngemizuzu elithatyathwe sisinyibiliki ukuba sinyibilike.

Inqanaba 4 Nika ingxelo (zoba ubhale) ngenkqubo yeqela. Nika ingxelo ngeziphumo ezifunyenweyo. Bhala ucacise indlela ubushushu obusichaphazela ngayo isantya sokunyibilika Ukufunda okongezelelweyo: abafundi beza nawabo amanyathelo Inqanaba 5 Abafundi benza umsebenzi wophando ofanayo koku kulandelayo:

• Ingaba ukuhlukuhla okanye ukuzamisa kuyakukhawulezisa ukunyibilika? Sebenzisa izikhongozeli ezithathu ezinezithako ezifanayo. Zamisa isikhongozeli sokuqala ka-5, isikhongozeli esilandelayo kali-10, isikhongozeli sokugqibela kali-15. Bala ixesha ujonge ukuba zeziphi izithako ezithatha ixesha elide ukunyityibilika.

Bhala phantsi iziphumo uzobe igrafu.

• Ingaba ubukhulu bamagaqa okanye ingqakumba zesiqina buyakukhawulezisa ukunyibilika Sebenzisa izikhongozeli ezithathu ezinamanzi. Galela ityuwa erholofu kwesokuqala, ityiwa egacolwanga kakhulu kwesesibini uze ngetyiwa ecolwe kakhulu kwisikhongozeli sokugqibela. Umyinge wetyiwa, amanzi kunye nobushushu kufanele uzigcine zifana kuzo zozithathu izikhongozeli. Zamisa kube kanye. Bala ubude bexesha elithathwa yityiwa ukuze inyibilike kwisikhongozeli ngasinye.

Bhala iziphumo phantsi uzobe igrafu.

Inqanaba 6 Vavanya ulwazi lwabafundi. Ingaba abafundi banakho:

• Ukuqhuba uphando ngokuqonda? • Ukuthatha imilinganiselo bakhuphele phantsi ngokuchanekileyo? • Ukuqonda ukuba ezi meko zilandelayo zikukhawulezisa ukunyibilikisa:

amaqondo obushushu aphezulu, ukuzamisa okanye ukuhlukuhla kakhulu, amagaqa amancinci?

Page 31: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

- 28 -

• Ukuzoba iigrafu zebha ngokufanelekileyo (isikali namacala afanelekileyo,

imiqobo/iibha ezizotywe ngokufanelekileyo, amacala abhalwe kakuhle kunye nesihloko esifanelekileyo segrafu).

ULWAZI-NKQUBO Ingxoxo yeklasi; umsebenzi owenziwayo

IZIXHOBO Ulwelo kunye neziqina, ityhubhu zovavanyo lwaselebhu, uxwebhu lokusebenzela lomsebenzi, incwadi zokufunda, njl njl

Imixholo ye-NS

Umhlaba kunye nezinye izinto ezingaphaya – izinyibiliki zendalo, ungcoliseko lwamanzi, imvula eyi-asidi

UHLANGANISO Learning

Areas IMathematika – ukuthatha umlinganiselo, ukuzoba iigrafu

Ukuzihlola □ Abafundi bayahlolana □ Amaqela ayahlolana □ Uhlolo olwenziwa ngutitshala □

Imisebenzi yophengululo □ Imizekelo yophando □ Ucwangciso-zimvo □

Iiprojekthi □

Ukulinganisa imeko ethile □ Ukuxoxa ngeentsingiselo zamagama □

Uphando √

Umdlalo olinganiswayo √

Imisebenzi yocamngco □

asayimenti □

Umsebenzi woguqulo √ Ukubhala cacileyo √

Uvavanyo olusekelwe kumsebenzi oveliswayo □

Udliwanondlebe □ Iinkcazelo □

Ukubonisa □ Amaphepha-mibuzo □ Okunye:

UVAVANYO Ukhumbule : Bhala phantsi

iziphumo zemiSebenzi yoVavanyo

oluseSikweni

Ithesti/uvavanyo □

Imibuzo ecwangcisiweyo □ Okunye:

IVEKI 18 ISINYIBILIKO ESIHLUTHIYO NESINGAHLUTHANGA

ULWAZI NGEZOBUNZULU-

LWAZI

Chaza la magama ngokufutshane:

• Ukunyibilika: xa into idibana nolwelo ze ithi pheselele ingabonakali • Umxube: ngumxube owodwa wento eqinileyo, ulwelo okanye igesi

enyibilikiswa kwinto elulwelo • Izinto ezinyibilikayo: izinto ezinyibilikayo (ezikhangeleka ngathi ziyanyibilika) xa

zidityaniswe nento elulwelo (umz. Iswekile edityaniswe namanzi) • Izinto ezinganyibilikiyo: zizinto ezinganyibilikiyo xa zidityaniswe nento elulwelo

(umz. Amagqabi eti emanzini) • Isinyibiliki: into eqinileyo enyibilikayo kwinto elulwelo, ibe sisinyibiliko • Nyibilikisayo: ulwelo isiqina esinyibilika sibe lulo. • Izinto ezichaphazela ukunyibilika: iinkqubo okanye amanyathelo enza

isinyibiliki sinyibilike ngokukhawuleza okanye ngokucotha kulwelo afana: nendlela ekuzanyiswa ngayo; ubushushu bolwelo; ubukhulu bamagaqa esiqina; ubungakanani besiqina xa sithelekiswa nolwelo.

AMANQAKU MALUNGA NOKU-

Phanda: isinyibiliko esihluthiyo nesingahluthanga Inqanaba 1 ISICWANGCISO Abafundi badwelisa iimeko ezichaphazela ukunyibilika ezisuka kwisifundo sangaphambili. Badwelisa abakwaziyo ngomyinge wale nto inyityilikiswayo kule inyibilikisayo besebenzisa izinyibiliko eziqhelekileyo (umz., isiselo esibandayo sithelekiswe nejem).

Page 32: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

- 29 -

LO 5.1.1 – 5.1.3

LO 5.2.1

Inqanaba 2 Bacacisa ukuba ukuba siyaqhubekeka sigalela enye iswekile kumanzi angumyinge othile ekugqibeleni iswekile iza kubaninzi ide inganyityilikiswa ngamanzi. Ngoku ke sithi sisinyibiliko esihluthiyo. Inqanaba 3 Cebisa ngemibuzo engqalileyo enokukhokela ukuphanda ngesinyibiliko esihluthiyo nesingahluthanga, umz., Kufuneka into enyityikilikiswayo ibe ngakanani kwenyibilikisayo ukuze sibe nesinyibiliko esihluthiyo? Inqanaba 3 QHUBA UPHANDO Abafundi bangeza nawabo amanyathelo okanye utitshala angabanika imiyalelo. Abafundi baza kwenza isinyibiliko esihluthiyo. Bathatha umlinganiselo baze babhale phantsi umyinge wamanzi kunye neswekile abazisebenzisileyo ukuze bade bafike kwiqondo lokuba kuthiwe unyibiliko luhluthi. Abafundi bazoba bakugqiba babhale becacisa inkqubo. Inqanaba 6 VAVANYA Bhala ngokufunyenweyo kuphando Cacisa umahluko phakathi kwesinyibiliko esihluthiyo kunye nesinyibiliko esingahluthanga (zoba uze ubhale) Inqanaba 7 Vavanya ulwazi lwabafundi. Ingaba abafundi banakho:

• Ukuqhuba uphando ngokuqonda? • Ukuthatha umlinganiselo bawubhale phantsi ngokuchanekileyo? • Ukuqonda ukuba isinyibiliko esihluthiyo senzeka xa kungasekho nto

inyibilikisayo ikhoyo ukuze inyibilikise le inyityilikiswayo?

ULWAZI-NKQUBO Ingxoxo yeklasi, umsebenzi owenziwayo

IZIXHOBO iswekile, ityhubhu okanye iglasi zokuphanda elebhu, uxwebhu lokusebenzela lomsebenzi, incwadi zabafundi, njl njl

Imixholo ye-NS

I-eneji & Utshintsho – i-eneji efunekayo kwinkqubo

UHLANGANISO ImiMandla yokuFunda

IMathematika – ukuthatha umlinganiselo

Ukuzihlola □ Abafundi bayahlolana □ Amaqela ayahlolana □ Uhlolo olwenziwa ngutitshala □

Imisebenzi yophengululo □ Imizekelo yophando □ Ucwangciso-zimvo □

Iiprojekthi □

Ukulinganisa imeko ethile □ Ukuxoxa ngeentsingiselo zamagama □

Uphando √

Umdlalo olinganiswayo √

Imisebenzi yocamngco □

asayimenti □

Umsebenzi woguqulo √ Ukubhala cacileyo √

Uvavanyo olusekelwe kumsebenzi oveliswayo □

Udliwanondlebe □ Iinkcazelo □

Ukubonisa □ Amaphepha-mibuzo □ Okunye:

UVAVANYO Ukhumbule : Bhala phantsi

iziphumo zemiSebenzi yoVavanyo

oluseSikweni

Ithesti/uvavanyo □

Imibuzo ecwangcisiweyo □ Okunye:

Page 33: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

- 30 -

IVEKI 19 AMACEBISO NGOKUNOKWENZIWA UKUBETHELELA

ULWAZI

NGEZOBUNZULU-LWAZI

Qwalasela kwakhona sonke isigama sangaphambili

AMANQAKU MALUNGA NOKU-

Iimpawu zemathiriyeli: Yenza into oza kuyisebenzisa ekhaya ngemathiriyeli oyifumeneyo (umz., isitya sokutyela iintaka, isibane, impahla, into yokubamba ikhandlela, njl njl). Bonisa ukuba isebenza njani na uze uchaze nokuba kutheni kusetyenziswe loo mathiriyeli (jonga kwiimpawu zemathiriyeli). Imixube kunye nezinyibiliko: Yenza umboniso ngeendlela zokwenza imixube nezinyibiliko usebenzisa imathiriyeli nezithako esizisebenzisa imihla ngemihla. Cacisa ukuba kutheni amanzi olwandle emtyuba. Oku ingaba kwenzeka njani? Ifuthe lobushushu kwimathiriyeli: Bhala uzobe indlela ubushushu obuzitshintsha ngayo izinto neemathiriyeli emakhaya (umz., ikeyiki ezibhakwayo ziyenyuka zikhukhumale xa zisesemlilweni zize zirhwaqele zishwabane xa zipholile, njl njl.).

ULWAZI-NKQUBO Umsebenzi owenziwayo kuncediswa

IZIXHOBO Uxwebhu lokusebenzela, amanzi ashushu nabandayo, izinto zokunyibilikisa, into ekhoyo engumthombo wobushushu, umz., isitovu okanye ikhandlela, into yokubasela, iiglavu zokuzikhusela

Imixholo ye-NS

Ubomi kunye nokuphila – ifuthe lomoya, ungcoliseko lwamanzi kunye nolomhlaba ezityalweni nakwizilwanyana

UHLANGANISO ImiMandla yokuFunda

INzululwazi ngezeNtlalo – abantu nokusingqongileyo, besebenzisa izixhobo ngenkathalo, iziphumo zongcoliseko

Ukuzihlola □ Abafundi bayahlolana □ Amaqela ayahlolana □ Uhlolo olwenziwa ngutitshala □ Imisebenzi yophengululo □ Imizekelo yophando □ Ucwangciso-zimvo □ Iiprojekthi □

Ukulinganisa imeko ethile □ Ukuxoxa ngeentsingiselo zamagama □

Uphando √ Umdlalo olinganiswayo √ Imisebenzi yocamngco □ asayimenti □ Umsebenzi woguqulo √ Ukubhala cacileyo √ Uvavanyo olusekelwe kumsebenzi oveliswayo □

Udliwanondlebe □ Iinkcazelo □

Ukubonisa □ Amaphepha-mibuzo □ Okunye:

UVAVANYO Ukhumbule : Bhala phantsi

iziphumo zemiSebenzi yoVavanyo

oluseSikweni

Ithesti/uvavanyo □ Imibuzo ecwangcisiweyo □ Okunye:

IVEKI 20 UMSEBENZI WOHLOLO OLUCWANGCISIWEYO 2 – IZINYIBILIKISO

ULWAZI NGEZOBUNZUL

ULWAZI

Chaza isigama ngokufutshane:

• Imixube: ukudityaniswa kwezinto ezimbini okanye ngaphezulu • Izinyibilikiso: umxube wolwelo kunye nesiqina okanye igesi enyibilikayo (umz.,

ikofu) • Into enyibilikayo: into enokunyibilika xa ixutywe nolwelo (umz., iswekile) • Into enganyibilikiyo: into enganakunyibilika kulwelo (umz., amagqabi eti) • Utshintsho lwethutyana: utshintsho olungesisigxina – ingatshintsha ibuyele

kwinto ibiyiyo ngaphambili. • Utshintsho olusisigxinia: ayinakutshintsha ibuyele kwimo ibiyiyo ngaphambili.

Page 34: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

- 31 -

AMANQAKU MALUNGA

NOKU-

LO 5.1.1 – 5.1.3

Uphando lwezenzulwazi ukubonisa indlela yokutshintsha ukunyibilika kwento enyibilikayo Inqanaba 1 ISICWANGCISO Abafundi badwelisa imibuzo yokuphanda ngendlela yokutshintsha isantya sokunyibilikisa Inqanaba 2 Abafundi baphakamisa umbuzo okanye umba oza kukhokela okanye ekuza kugxininiswa kuwo. Inqanaba 2 QHUBA UPHANDO Abafundi balandela imiyalelo. Abafundi benza izinyibiliko ukubonisa iziphumo kwisantya sokunyibilika xa

• indlela ekuzanyiswa ngayo isahluka okanye

• ubukhulu bamagaqa ento enyityilikiswayo esahluka. Inqanaba 4 Abafundi:

• bazoba baze babhale inkqubo yabo. • babhala phantsi abakuqapheleyo

Inqanaba 5 VAVANYA Abafundi baza kubhala bachaze abakufundileyo. Inqanaba 6 Vavanya ulwazi lwabafundi. Ingaba abafundi banakho:

• Ukudwelisa imibuzo bakhangele umbuzo ofanelekileyo? • Ukuyila basebenzise inkqubo efanelekileyo ngokuqonda? • Ukuthatha imilinganiselo babhale phantsi ngokuchanekileyo? • Ukuchaza ngamazwi abo ukuba bafunde ntoni?

ULWAZI-KQUBO Uphando IZIXHOBO Uxwebhu lokusebenzela

Imixholo ye-NS

I-eneji & Utshintsho – i-eneji efunekayo kwinkqubo, umz., i-eneji yobushushu

UHLANGANISO ImiMandla yokuFunda

IMathematika – ukuthatha imilinganiselo

Ukuzihlola □ Abafundi bayahlolana □ Amaqela ayahlolana □ Uhlolo olwenziwa ngutitshala □

Imisebenzi yophengululo □ Imizekelo yophando □ Ucwangciso-zimvo □

Iiprojekthi □

Ukulinganisa imeko ethile □ Ukuxoxa ngeentsingiselo zamagama □

Uphando √

Umdlalo olinganiswayo √

Imisebenzi yocamngco □

asayimenti □

Umsebenzi woguqulo √ Ukubhala cacileyo √

Uvavanyo olusekelwe kumsebenzi oveliswayo □

Udliwanondlebe □ Iinkcazelo □

Ukubonisa □ Amaphepha-mibuzo □ Okunye:

UVAVANYO Ukhumbule : Bhala phantsi

iziphumo zemiSebenzi yoVavanyo

oluseSikweni

Ithesti/uvavanyo □ Imibuzo ecwangcisiweyo □ Okunye:

Page 35: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

- 32 -

IVEKI 21 UMSETYENZANA WOVAVANYO OLUCWANGCISIWEYO 3

Phinda ubuyele kwakhona kumagama eeveki ezingaphambili. LO 2 AS 1 Lungiselela umsetyenzana wovavanyo apho abafundi baza kuba nakho ukukhumbula ulwazi

lwezenzululwazi ngokukhumbula • Iimpawu zeemathiriyeli • Iimpawu zeemathiriyeli ezikwindawo abakuzo • Iimpawu zesinyithi, iiplastiki kunye neseramikhi (kuquka neglasi) • Izigaba zenkqunto • Umahluko phakathi kwemixube nezinyibiliko • Isinyibiliko esihluthiyo nesingahluthanga

LO 2 AS 1 Abafundi kufuneka bachaze: iindidi zeemathiriyeli iimpawu zemathiriyeli izigaba zenkqunto LO 2 AS 1 Abafundi kufuneka bachaze umahluko: phakathi kwemixube nezinyibiliko izinyibiliko

ezihluthiyo nezingahluthanga LO 2 AS 2 Abafundi kufuneka bahlele imathiriyeli ngokweendidi: isinyithi, iplastiki kunye neseramikhi

(kuquka neglasi) izigaba zenkqunto LO 2 AS 2 Abafundi kufuneka bachaze owabo umthetho wokuhlela LO 3 AS 2 Abafundi bacacise iimveliso zezeteknoloji ngokubhekisa kwimixube kunye nezinyibiliko

Page 36: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

- 33 -

IKOTA 3: UBOMI NOKUPHILA

IVEKI 22 UVAVANYO LOLWAZI – UBOMI NOKUPHILA (IBAKALA 4)

ULWAZI NGEZOBUNZULU-

LWAZI

Abafundi bacacisa oku kulandelayo:

• Iinkqubo zobomi: zonke izinto eziphilayo zisebenzisa ZONKE ezi nkqubo: ziyashukuma, ziyazala, ziyakhula, ziyakhuthazeka, ziyaphefumla, ziyatya, zigutyula ubumdaka bomzimba

• Ukusebenzisana kwendalo: Indlela ezisebenzisana ngayo izinto eziphilayo nezingaphiliyo kwaye zichatshazelwa ngummandla ezihlala kuwo.

AMANQAKU MALUNGA NOKU-

LO 5.2.1

Inyathelo 1 Abafundi baxelela utitshala ngoko bakuqondayo ngeenkqubo zobomi. Yeyiphi kwezi esebenzisa zonke iinkqubo zobomi? Abafundi bathelekisa: (1) ilitye nenja (2) imoto nentaka (3) umlilo nomntu njlnjl. Xoxa ngezimvo ezahlukeneyo zabafundi ulungise apho kuyimfuneko. Inyathelo 2 Ootitshala banika abafundi imifankiso ebonisa izigaba kubomi (1) besityalo (2) besilwanyana (3) nobomntu. Abafundi babeka imifanekiso ngokulandelelana kwayo baze balebhelishe imifanekiso neenkqubo. Inyathelo 3 Vavanya ulwazi lwabafundi: Ingaba abafundi bayakwazi

• Ukwahlula phakathi kwezinto eziphilayo nezingaphiliyo?

ULWAZI-NKQUBO Iingxoxo zeklasi; bhekisela kulwazi namava angaphambili, ukwenza iiposta.

IZIXHOBO Amaphepha omsebenzi abonisa oko sele kusaziwa nezinto ekunokufunyanwa kuzo ulwazi

Imixholo ye-NS

Izinto ezikhoyo, nezinto zokwenza umsebenzi othile - iimpawu zezinto ezikhoyo nje gabalala UHLANGANISO

Izifundo Izifundo ngezoBomi – ukukhula komntu nangokwasemzimbeni

IVEKI 22 iyaqhubeka +IVEKI 23 II-IKHOSISTIM

ULWAZI NGEZOBUNZULU-

LWAZI

Chaza ngokufutshane amabinzana :

• I-Ikhosistim: zizityalo nezilwanyana kunye nezinto ezincinane eziphilayo eziphila endaweni zisebenzisane zizodwa zisebenzise nendawo leyo ezihlala kuyo

• Ummandla: yindawo ezihlala kuyo izinto eziphilayo nezingaphiliyo echaphazela izinto eziphilayo

• Isikhundla/ikhaya: yindawo ethile, ene-ikhosistim (ecosystem), apho izityalo nezilwanyana zihlala khona zizale zande

• I-Organisms: zonke izinto eziphilayo; umz. izilwanyana nezityalo • Ukusebenzisana kwendalo: Indlela ezisebenzisana ngayo izinto eziphilayo

nezingaphiliyo • I-Biodiversity: “ubio” uthetha ukuphila / izinto eziphilayo; “udiversity” uthetha

iintlobo ngeentlobo, umz. iintlobo ngeentlobo zezinto eziphilayo ezifumaneka endaweni (izityalo nezilwanyana).

Page 37: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

- 34 -

AMANQAKU MALUNGA NOKU-

LO 5.2.1 – 5.2.2

Ii-ikhosistim Iintlobo zezinto eziphilayo kwii-ikhosistim Inyathelo 1 Abafundi banika izimvo ngabakuqondayo ngeentlobo ngeentlobo zezinto eziphilayo. Utitshala wenza imephu yokucinga yezimvo zabafundi acacise ngentsingiselo yentlobo ngeentlobo zezinto eziphilayo. (Iintlobo zezinto eziphilayo zizinto ezininzi zezinto eziphilayo ezahlukeneyo (iintlobo) zifunyanwa kwindawo ethile okanye kummandla othile wokuhlala). Inyathelo 2 Utitshala ubonisa imifanekiso eyahlukeneyo yezityalo nezilwanyana ekumaphepha-ndaba okanye kwi-intanethi. Cacisa oku kulandelayo:

(1) Iintlobo ngeentlobo eziphezulu zezilwanyana (iintlobo ezininzi ezahlukeneyo zezilwanyana ezikwindawo enye)

(2) Iintlobo ngeentlobo zezilwanyana eziphantsi (umahluko omncinci / zonke izilwanyana zinokufana)

(3) Iintlobo ngeentlobo eziphezulu zezityalo (4) Iintlobo ngeentlobo eziphantsi zezityalo

Inyathelo 3 Abafundi babhala izivakalisi ngeentlobo ngeentlobo zezinto eziphilayo:

(1) Iigadi emakhaya okanye kumabala esikolo (phuma nabo ukuba oko kuyakwazi ukwenzeka)

(2) Indawo yendalo abakhe baya kuyo umz. ecaleni kolwandle, epakini njlnjl. Inyathelo 4 • Abafundi benza izibhengezo ezibhaliweyo ukubonisa iintlobo ngeentlobo zezinto

eziphilayo zezityalo nezilwanyana kwindawo abayikhethayo. Basebenzisa imifanekiso okanye imizobo yabo.

• Babhala amagama ezityalo nezilwanyana namanqaku ecaleni kwemifanekiso. Ukuqhelaniswa kwezityalo nezilwanyana kwi-ikhosistim Inyathelo 5 • Utitshala unika abafundi umfanekiso wesityalo esiqhelaniswa ngokucacileyo

nendawo esihlala kuyo umz. ikaktus eqhelene nokuhlala kwindawo eyomileyo. • Ngokwamaqela, abafundi baxoxa ngokuqhelana kwezityalo nendawo ezihlala kuyo

abaye bakukhuphele oko kutitshala oye abhale amanqaku ebhodini. Abafundi bakhuphela la manqaku njengenkcazelo kwimifanekiso yabo.

• Yenza into enye ngemifanekiso yezilwanyana umz. intlanzi eqhele ukuhlala phantsi kwamanzi.

Ukubaluleka kweendawo ze-ikhosistim Inyathelo 6 Abafundi bajonga imifanekiso ye-ikhosistim enezityalo nezilwanyana. Abafundi bachaza (babhala izivakalisi) ukuba zixhomekeka njani izilwanyana kwizityalo (umz. ngokutya, indawo yokufihla intloko kwiimozulu ezithile, ukukhuseleka kumarhamncwa) nokuba zixhomekeka njani izityalo kwizilwanyana (umz. ubulongwe bezilwanyana buchumisa umhlaba, ukusasazwa kwembewu neziqhamo).

Page 38: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

- 35 -

Inyathelo 7 Abafundi babhala amanqaku bachaze ukuba kutheni amanzi nomhlaba zibalulekile kwi-ikhosistim (umz. umhlaba: ukhusela izityalo, ubonelela ngezakha-mzimba namanzi: ufunwa zizo zonke izinto eziphilayo ukuze zibenokuphila, kwaye ziyafuneka kwifotosinthesis / ekwenziweni kokutya sisityalo). Inyathelo 8 Banike abafundi uluhlu lwezityalo kunye / okanye nezilwanyana bazihlele ngokweendawo ezihlala kuzo ezifanele ukubakuzo umz. umhlaba owomileyo (ongenamvula yaneleyo) okanye omanzi. Bacacisa ukuba zeziphi iindlela ezizenza zifanele ukuba kwezi ndawo zihlala kuzo. Imisebenzi eyongezelelweyo: Ngokwamaqela, abafundi bajonga kwii-ikhosistim zamanye amazwe besebenzisa iincwadi ezingqinisayo okanye i-intanethi kwaye baqinisekise ngeentlobo ngeentlobo ezahlukeneyo zezinto eziphilayo ze-ikhosistim ngokubhala phantsi amagama ezityalo nezilwanyana ezahlukeneyo. Abafundi babhala phantsi amanqaku achaza ukuba ziqhelene njani izityalo nezilwanyana neendawo ezithile ezihlala kuzo. Inyathelo 9 Vavanya ulwazi lwabafundi. Ingaba abafundi bangakwazi:

• Ukuchaza ukuba yintoni ibiodiversity? • Ukuchaza iintlobo ngeentlobo ezahlukeneyo zezinto eziphilayo zaloo ndawo? • Ukuchaza okanye ukubhala uluhlu lweendawo eziqhelene nazo izityalo okanye

izilwanyana? • Chaza ukuba zixhomekeke njani izityalo nezilwanyana enye kwenye kwi-

ikhosistim? • Chaza ngokubaluleka kwamanzi nomhlaba kwi-ikhosistimu?

ULWAZI-NKQUBO Bhekisela kwizinto ezikungqongileyo okanye usebenzise amakhadi, bonisa imifanekiso, intsebenziswano yabafundi eklasini, ithebhuli.

IZIXHOBO Iincwadi zolwazi, izibhengezo ezibhaliweyo, imifankiso nezinto ezibangqongileyo, iikrayoni, i-intanethi.

Imixholo ye-NS

Izinto ezikhoyo, nezinto zokwenza umsebenzi othile - izinto ezikhoyo emhlabeni Iplanethi yomhlaba nokungaphaya kwayo – indawo ehlala izityalo nezilwanyana. UHLANGANISO

Izifundo Izifundo ngezoBomi - ukukhula komntu ngokwasemzimbeni nangokwentlalo IiNzululwazi ngezeNtlalo – abantu nommandla abakuwo

Ukuzihlola □ Abafundi bayahlolana □ Amaqela ayahlolana □ Uhlolo olwenziwa ngutitshala □

Imisebenzi yophengululo □ Imizekelo yophando □ Ucwangciso-zimvo □

Iiprojekthi □

Ukulinganisa imeko ethile □ Ukuxoxa ngeentsingiselo zamagama □

Uphando √

Umdlalo olinganiswayo √

Imisebenzi yocamngco □

asayimenti □

Umsebenzi woguqulo √ Ukubhala cacileyo √

Uvavanyo olusekelwe kumsebenzi oveliswayo □

Udliwanondlebe □ Iinkcazelo □

Ukubonisa □ Amaphepha-mibuzo □ Okunye:

UVAVANYO Ukhumbule : Bhala phantsi

iziphumo zemiSebenzi yoVavanyo

oluseSikweni

Ithesti/uvavanyo □ Imibuzo ecwangcisiweyo □ Okunye:

Page 39: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

- 36 -

IVEKI 24 IFOTOSINTHESIS NEKHONKCO LOKUTYA

ULWAZI NGEZOBUNZULU-

LWAZI

Chaza ngokufutshane la mabinzana:

• IFotosinthesisi: yinkqubo apho izityalo eziluhlaza zisebenzisa ukukhanya kwelanga, icarbon dioxide namanzi, ukwenza iicarbohydrates ne-oxygen

• Ikhonkco lokutya: ikhonkco lokutya libonakalisa ukuba ‘ngubani otya ntoni’ kwi-ikhosistim

• Umvelisi (umz. izityalo): zonke izinto eziphilayo, ekuqaleni kwekhonkco lokutya, azidingi kutya, kodwa zizenzela okwazo ukutya

• Umsebenzisi wezinto (izilwanyana ezitya izityalo, ezitya inyama nezitya yonke into): izinto eziphila ngezinye izinto kwikhonkco lokutya

• Isibolisi: izinto eziphilayo ezahlukanisa imizimba efileyo yezityalo neyezilwanyana.

AMANQAKU MALUNGA NOKU-

LO 5.2.1 – 5.2.4

Inyathelo 1 Utitshala ucacisa inkqubo yefotosinthesis nokubaluleka kweLanga kwinkqubo. Inyathelo 2 Abafundi bazoba babhale becacisa inkqubo yefotosinthsis besebenzisa amagama angezantsi: Isityalo esiluhlaza; ukutya (istatshi); amandla elanga; amanzi; iingcambu; ikhabhonidayoksayidi, amagqabi; i- oxygen; ukungenisa; ukukhupha; ukwenza. Inyathelo 3 Utitshala ubonisa abafundi iintlobo ezahlukneyo zekhonkco lokutya. Ubhala phantsi ikhonkco lokutya azobe amatolo ukudibanisa izinto. (Khumbula amatolo asuka ekutyeni ukuya kwizilwanyana ezitya oko, umz. ingca inkunzi yenyamakazi ingonyama) Utitshala uchonga izivelisi nezo zisebenzisa izinto, acacise la magama. Umz. ingca (isivelisi) inkunzi yesilwanyana (into esebenzisa into) ingonyama (into esebenzisa into) Inyathelo 4 Umsebenzi ngekhonkco lokutya:

• Abafundi bakhumbula ukutya ebebekutye ngaloo mini. • Abafundi bazoba ikhonkco lokutya ukubonisa apho kuvela khona ukutya

kwabo. Babhala iilebhile ezinezizivelisi nezinto ezizisebenzisayo kwikhonkco lokutya.

Inyathelo 5 Abafundi babhala phantsi iintlobo zahlukeneyo zamakhonkco okutya afunyanwa kwii-ikhosistimu ezohlukeneyo. Abafundi babhala bachaze izivelisi nezinto ezizisebenzisayo kumakhonkco okutya. Abafundi bachaza ngokubaluleka kwelungu ngalinye kwikhonkco ngalinye lokutya. Imisebenzi eyongezelelweyo: zoba ikhonkco lokutya elibandakanya isikhova. Zoba amanzi apholileyo nekhonkco lokutya loomatiloshe. Inyathelo 6 Vavanya ulwazi lwabafundi: Ingaba abafundi bayakwazi:

• Ukubhala uluhlu lwezinto ezifunekayo kwifotosinthesis ukuze ibenokwenzeka? • Ukubhala izinto ezivelisiweyo ngexesha lefotosinthesis?

Page 40: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

- 37 -

• Ukuchaza inkqubo yefotosinthesis? • Ukuzoba ikhonkco lokutya, elinamatolo ukubonisa indllela okuhamba ngayo

ukutya (amandla)?

ULWAZI-NKQUBO Iingxoxo zeklasi, uphando, amalinge, izityalo IZIXHOBO Iincwadi zolwazi, imifanekiso, iifliptshati, izityalo, amaphepha emisebenzi

Imixholo ye-NS

Amandla notshintsho – ukugqithiselwa kwamandla okutya Iplanethi yomhlaba nokungaphaya kwayo – izinto ezisemhlabeni (umoya, amanzi, umhlaba) UHLANGANISO

Izifundo Izifundo ngezoBomi – ukukhuthaza izinto ezisempilweni umz ukwenza imithambo njlnjl.

Ukuzihlola □ Abafundi bayahlolana □ Amaqela ayahlolana □ Uhlolo olwenziwa ngutitshala □ Imisebenzi yophengululo □ Imizekelo yophando □ Ucwangciso-zimvo □

Iiprojekthi □ Ukulinganisa imeko ethile □ Ukuxoxa ngeentsingiselo zamagama □

Uphando √ Umdlalo olinganiswayo √ Imisebenzi yocamngco □ asayimenti □ Umsebenzi woguqulo √ Ukubhala cacileyo √ Uvavanyo olusekelwe kumsebenzi oveliswayo □

Udliwanondlebe □ Iinkcazelo □

Ukubonisa □ Amaphepha-mibuzo □ Okunye:

UVAVANYO Ukhumbule : Bhala phantsi

iziphumo zemiSebenzi yoVavanyo

oluseSikweni

Ithesti/uvavanyo □ Imibuzo ecwangcisiweyo □ Okunye:

IVEKI 25 IIMVAKALELO

ULWAZI NGEZOBUNZULU-

LWAZI

Chaza ngokufutshane la mabinzana: • Iimvakalelo: ilungu okanye indawo esemzimbeni eneemvakalelo kwizivuseleli

ezifana nesandi, ukubamba okanye ukukhanya • Ukubona: ukwazi ukubona ilanga • Ukuva: ukwazi ukuva izandi • Ukungcamla: ukwazi ukuva ubuswiti, ityuwa, ubumuncu nobukrakra emlonyeni • Ukubanemvakalelo: (Ukubamba): ukwazi ukuva into oyibambayo noxinezelelo • Ivumba: ukwazi ukuva ivumba ngokwamalungu empumlo / ukujoja.

AMANQAKU MALUNGA NOKU-

LO 5.2.1 – 5.2.2

Inyathelo 1 Abafundi bafumanisa ukuba sesiphi isivo esisetyenziswa zizilwanyana kuluhlu. Abafundi baphawula kuluhlu.

Iingxelo Ukubona Ukuva ngendlebe

Ukunu-kisa

Ukubam -ba

Ukungc-amla

Isigcawu sisebenzisa amehlo asi-8 ukubona ixhoba laso.

Ookrebe basebenzisa imigca yabo esemacaleni kwaye bayaziva izinto zombane ezenziwa zizilwanyana.

Ilulwane likwazi ukulandela umzila wexhoba ngokuva isandi sendawo elikuso.

Intothoviyane ineenwele ezincinane kumzimba wayo wonke.

Ulwimi lomvundla lunamaqhuqhuvana okungcamla angama-17000.

Iinyoka zinamalungu awodwa okuva ivumba lamaxhoba azo.

Yongeza okunye………

Page 41: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

- 38 -

Inyathelo 2 Utitshala uxoxa ukuba zikhule njani iimvakalelo zezilwanyana ngeendlela ezingaqhelekanga nezizodwa umz. ibhabhathane –liva impungutye, i-aardvark, isikhova njlnjl. Abafundi babhala phantsi igama lesilwanyana, isivi esisodwa saso, nomsebenzi waso. Inyathelo 3 • Utitshala unika abafundi uluhlu lwezilwanyana umz. ingonyama, isikhova, inyoka

njlnjl. • Ngokwamaqela, abafundi baxoxa ngokubaluleka kweemvakalelo zezi zilwanyana

nokuba zizinceda njani (1) ekuzingeleni (2) nasekuzikhuseleni engozini. • Abafundi bagcina iinkcukacha ngokwendlela yoluhlu, bezenzela ezabo iintlobo

zoku. Bacacisa imithetho yabo yokuzihlela.

Umsebenzi owandisiweyo: abafundi bafumana iinkcukacha kwezinye izilwanyana nakwiimvakalelo zazo (umz. ilulwane, isigcawu) baze babelane ngoko neklasi iphela. Inyathelo 4 Vavanya ulwazi lwabafundi: Ingaba abafundi bayakwazi: • Ukubhala uluhlu lwemvakalelo ezintlanu zazo nemisebenzi yazo? • Ukuqinisekisa ukuba zisetyenziswa njani ezi mvakalelo zizilwanyana

ezahlukeneyo ukuze zibenokuphila kwiindawo ezihlala kuzo?

ULWAZI-NKQUBO Iingxoxo zeklasi, ukuzoba iitheyibhile, iinkcukacha zophando, ukubonisa imifanekiso, imibuzo / iimpendulo.

IZIXHOBO Iincwadi zolwazi, imifanekiso, intyilalwazi, iitheyibhile Imixholo ye-NS

Iplanethi yomhlaba nokungaphaya kwayo – ngokubhekisele kummandla wokuhlala UHLANGANISO

Izifundo Izifundo ngezoBomi – ummandla womntu, ahlala naphila kuwo Ukuzihlola □ Abafundi bayahlolana □ Amaqela ayahlolana □ Uhlolo olwenziwa

ngutitshala □ Imisebenzi yophengululo □ Imizekelo yophando □ Ucwangciso-zimvo □

Iiprojekthi □ Ukulinganisa imeko ethile □ Ukuxoxa ngeentsingiselo zamagama □

Uphando √ Umdlalo olinganiswayo √ Imisebenzi yocamngco □ asayimenti □

Umsebenzi woguqulo √ Ukubhala cacileyo √

Uvavanyo olusekelwe kumsebenzi oveliswayo □

Udliwanondlebe □ Iinkcazelo □

Ukubonisa □ Amaphepha-mibuzo □ Okunye:

UVAVANYO Ukhumbule : Bhala phantsi

iziphumo zemiSebenzi yoVavanyo

oluseSikweni

Ithesti/uvavanyo □ Imibuzo ecwangcisiweyo □ Okunye:

IVEKI 26 IINDLELA ZOKWETYISA

ULWAZI NGEZOBUNZULU-

LWAZI

Chaza ngokufutshane la mabinzana:

• Indlela yokwetyisa: amalungu anceda kwinkqubo yokwetyisa ukutya • Ukwetyisa: inkqubo apho ukutya kucolwa khona kube yinto encinane • Amalungu eendlela zokwetyisa: umlomo, amadlala amathe, ummizo, isisu,

isibindi, incindi enceda umzimba ukwazi ukwetyisa, ithunjana, ithumbu elikhulu nendutsu.

Page 42: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

- 39 -

AMANQAKU MALUNGA NOKU-

LO 5.2.1

Inyathelo 1 Utitshala unika abafundi umfanekiso wendlela yokwetyisa komntu namagama anamalungu oko. Ukwachaza indlela ethathwa kukutya njengoko kugqitha kule ndlela yokwetyisa. Inyathelo 2 Abafundi basebenzisa imifanekiso yeendlela zokwetyisa balebhelishe nelungu ngalinye. Abafundi bachaza, ngamazwi abo, ukuba kuqhubeka ntoni ekutyeni kwabo xa bekutya. Inyathelo 3 Utitshala uchaza imisebenzi yelungu ngalinye lendlela yokwetyisa, esebenzisa umfanekiso okanye umfuziselo. Abafundi bachaza imisebenzi yamalungu ohlukeneyo ngokubhala amanqaku amafutshane ecaleni kwelebheli nganye. Isifundo esandisiweyo: Abafundi basebenzisa ezinye izixhobo ukufumana iinkcukacha ngezinye iintlobo zeendlela zokwetyisa kwezilwanyana. Inyathelo 4 Vavanya ulwazi lwabafundi: Ingaba abafundi bayakwazi: • Ukulebhelisha iindlela zokwetyisa komntu? • Ukuchaza indlela ukutya okugqitha ngayo kwindlela yokwetyisa? • Ukubhala uluhlu lwemisebenzi yamalungu eendlela zokwetyisa?

ULWAZI-NKQUBO Khumbula iinkcukacha zangaphambili wakhele kuzo, ulebhelishe imizobo. IZIXHOBO Imifanekiso, imifuziselo, izibhengezo ezibhaliweyo, amakhadi abonisayo

Imixholo ye-NS

Amandla notshintsho – ukugqithiselwa kwamandla okutya nokusetyenziswa kwamandla Izinto ezikhoyo, nezinto zokwenza umsebenzi othile - izinto ezikhoyo emhlabeni

UHLANGANISO

Izifundo Izifundo ngezoBomi - ubomi obusempilweni Ukuzihlola □ Abafundi bayahlolana □ Amaqela ayahlolana □ Uhlolo olwenziwa ngutitshala □ Imisebenzi yophengululo □ Imizekelo yophando □ Ucwangciso-zimvo □

Iiprojekthi □ Ukulinganisa imeko ethile □ Ukuxoxa ngeentsingiselo zamagama □

Uphando √

Umdlalo olinganiswayo √ Imisebenzi yocamngco □

asayimenti □ Umsebenzi woguqulo √ Ukubhala cacileyo √ Uvavanyo olusekelwe kumsebenzi oveliswayo □

Udliwanondlebe □ Iinkcazelo □

Ukubonisa □ Amaphepha-mibuzo □ Okunye:

UVAVANYO Ukhumbule : Bhala phantsi

iziphumo zemiSebenzi yoVavanyo

oluseSikweni

Ithesti/uvavanyo □ Imibuzo ecwangcisiweyo □ Okunye:

IVEKI 27 IPIRAMIDI YOKUTYA

ULWAZI NGEZOBUNZULU-

LWAZI

Chaza la mabinzana alandelayo:

• IPiramidi yokutya: ngumzobo omile okwepiramidi obonisa iintlobo zokutya ezihlelwe ngokwamaqela

• Izakha mzimba: izinto ezibonelela ngezondlo • Iikhabhohayidreti: ukutya okusebenza njengeyona nto inika amandla ekutyeni

kwethu. Iswekile, istatshi neselulosi zonke ziziikhabhohayidreti.

Page 43: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

- 40 -

• Iiproteni: ukutya okusetyenziselwa ukwakha imizimba yethu. Inyama, intlanzi,

amaqanda, iimbotyi kunye neenqoba zineproteni. • Amafutha nee-oli: (i-oyile eyenziwe ngomnqube, ibhotolo namafutha enyama)

asebenza njengento enika amandla kwaye agcina amalungu omzimba kakuhle afana nemithambo-luvo

• IiVithamini neeminerali: ukutya okukodwa okuyimfuneko ngokwemilinganiselo emincinci ukuze ukhule kakuhle nokusebenza komzimba kakuhle ngokwesiqhelo

• Isondlo esifezekileyo: xa ukutya kunezakha-mzimba ezibalulkileyo kusityiwa ngokomlinganiselo ofanelekileyo obizwa iHuman Immuno-deficiency Virus (HIV), eqoba indlela yokunqanda ukuba ungabinakosuleleka zizifo.

• Isifo seswekile: uphazamiseko apho umzimba ungakwazi kugcina iswekile egazini ibekwizinga eliqhelekileyo.

AMANQAKU MALUNGA NOKU-

LO 5.2.1 – 5.2.2 5.3.3

Inyathelo 1 Abafundi baxoxa ngendima ukutya okuyenzayo ebomini bethu. Ukubaluleka kokutya nokuba kutheni kuyimfuneko ukulandela izondlo ezisempilweni. Babhala phantsi okuxoxwayo ngokohlobo lwamanqaku phantsi kwezihloko ‘Ukubaluleka kokutya/ kunye ‘Nokubaluleka kwezondlo ezifezekileyo’. Inyathelo 2 Utitshala unika abafundi isazobe sephiramidi achaze namaqela ohlukeneyo okutya ngokwamanqanaba ohlukeneyo kwiphiramidi yokutya. Utitshala unika amagama ezona zakha-mzimba ziphambili zikhoyo kwiqela ngalinye lokutya. (Iikhabhohayidrethi, iproteni, amafutha, iiminerali neevithamini. Utitshala ucacisa ngomsebenzi weqela ngalinye lokutya kwimizimba yethu. Inyathelo 3 • Abafundi bachaza ukutya abakutyileyo kusuku olungaphambili kwaye utitshala

ubhala uluhlu lwako. • Abafundi bahlela iintlobo ezahlukeneyo zokutya ngokweendawo zazo kwiphiramidi

yokutya. Inyathelo 4 Abafundi banokusebenzisa ezi nkcukacha kwinyathelo 3 benemifanekiso yokwenza iphiramidi yokutya kwiiposta. Inyathelo 5 • Utitshala unika abafundi iinkcukacha zokuba ukutya okusempilweni kufuneka

kubenantoni. • Abafundi babhala phantsi izondlo zabo zeveki bahlole izidlo zabo ukuqinisekisa

ukuba zifezekile okanye azifezekanga. Banika iingcebiso ukuba bangaziphucula njani izidlo zabo.

Inyathelo 6 Chaza uxoxe ukuba kutheni iimeko ezithile zifuna izidlo ezithile. Abantu abanesifo seswekile bavumeleke ukuba batye ukutya okuthile kuphela ngenxa yempilo yabo. Iimbaleki zitya izidlo ezithile ukwenzela zibenamandla kwaye zilawule ubukhulu bemizimba yabo. Abantu abatyebe kakhulu kufuneka batye ukutya okuthile.

Page 44: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

- 41 -

Inyathelo 7 Abafundi benza uphando ukugqibezela uluhlu olungezantsi:

Isifo Sibangelwa yi: Izondlo ezifunekayo

Izongezelelo zokutya ezifunekayo

Kuza kwenzeka ntoni ukuba ukutya okutyayo nezongezelelo zokutya azityiwa

Isifo seswekile

ITB iHIV/AIDS

Inyathelo 8 Vavanya ulwazi lwabafundi: Ingaba abafundi bayakwazi: • Ukuchaza ngokubaluleka kokutya kwizondlo ezifezekileyo? • Ukuhlela ukutya okuphambili ngokwamaqela ohlukeneyo okutya uchonge izakha-

mzimba kwiqela ngalinye? • Ukwahlula phakathi kwezondlo ezifezekileyo nezingafezekanga? • Ukucacisa ukuba kutheni abantu abathile kufuneka befumene ukutya okuthile?

ULWAZI-NKQUBO Iingxoxo, ukwenza, ukuvelisa, ukwakha, ukuchaza, ukuphanda. IZIXHOBO Umfanekiso wephiramidi yokutya, iimagazini, ithebhuli

Imixholo ye-NS

Amandla notshintsho – amandla kwiintlobo ezahlukeneyo zokutya. UHLANGANISO

Izifundo Isifundo ngezoBomi – ukuxhaswa kwempilo, ukukhula komntu nangokwentlalo

Ukuzihlola □ Abafundi bayahlolana □ Amaqela ayahlolana □ Uhlolo olwenziwa ngutitshala □ Imisebenzi yophengululo □ Imisebenzi yophengululo □

Iiprojekthi □ Iiprojekthi □

Uphando √ Uphando √ asayimenti □ asayimenti □ Uvavanyo olusekelwe kumsebenzi oveliswayo □ Uvavanyo olusekelwe

kumsebenzi oveliswayo □ Ukubonisa □ Ukubonisa □

UVAVANYO Ukhumbule : Bhala phantsi

iziphumo zemiSebenzi yoVavanyo

oluseSikweni

Ithesti/uvavanyo □ Ithesti/uvavanyo □

IVEKI 28 UBETHELELO LOLWAZI NOMSEBENZI 4 WOVAVANYO OLUSESIKWENI

Ubethelelo lolwazi • Sika uncamathelise imifanekiso ukuchaza indawo enebiodiversity ephantsi nephezulu. • Bhala uluhlu lweendlela ezintlanu apho ikaktus iqhelene nokuhlala entlango iseleliqhele ukuhlala

ubomi basechibini. • Bhala izivakalisi uchaze ngokubaluleka kwamanzi nomhlaba kwi-ikhosistim. • Bhala uluhlu lweendlela ezine apho izityalo nezilwanyana zixhomekeke enye kwenye kwi-ikhosistim. • Yenza umzobo onenkcazelo yesityalo ukubonakalisa inkqubo yefotosinthsis. • Zoba amakhonkco amathathu okutya uchonge izivelisi nezo zisisebenzisayo kwikhonkco ngalinye. • Bhala amanqaku ukuchaza indima yezivelisi nezo zisisebnzisayo kwikhonkco lokutya. • Khetha umfanekiso wesilwanyana, ulebhelishe iimvakalelo zaso uchaze ngokubaluleka

kwemvakalelo nganye ukuze sibenokuphila isilwanyana.

Page 45: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

- 42 -

UMSEBENZI 4 WOVAVANYO OLUSESIKWENI LO 1 AS 1 Isigama nopelo. LO 1 AS 1 Zoba ikhonkco lokutya lesidlo sakusasa (iisireyili nobisi okanye amaqanda nesonka). LO 2 AS 1 Chaza ifotosinthesis nangayiphi na indlela. (amanqaku, umzobo oneelebheli) LO 3 AS 1 Chaza ngokubaluleka kwamanzi kwi-ikhosistim. LO 3 AS 2 Chaza ukuba kungenzeka ntoni ukuba bekungekho zityalo ziseleyo ehlabathini. LO 2 AS 1 Chaza unxulumano oluphakathi kwezityalo nezilwanyana kwi-ikhosistim. LO 2 AS 1 Chaza ukuba yenzeka njani ifotosinthesis. LO 2 AS 1 Xela uchaze imisebenzi yelungu ngalinye kwinkqubo yokwetyisa. LO 2 AS 1 Chaza ukuba iimvakalelo zezilwanyana ziqhelana njani nazo ukuze zibenokuphila. LO 2 AS 1 Chaza ngokubaluleka komhlaba namanzi kwi-ikhosistim. LO 2 AS 2 Chaza ngezinto ezithatha inxaxheba ezahlukeneyo kwikhonkco lokutya. LO 2 AS 1 Sebenzisa imizekelo yakho yezivelisi nezo zizisebenzisayo uchaze elakho ikhonkco lokutya. Chaza izidlo ezinawo onke amaqela okutya kuzo.

IVEKI 29 INKQUBO YOKUVELISWA KWZITYALO

ULWAZI NGEZOBUNZULU-

LWAZI

Chaza la mabinzana alandelayo: Iinkqubo

• Ukuveliswa kwezityalo: ukuvelisa kubandakanya abazali ababini. Ukuchumisa kwenzeka xa kuveliswa into.

• Ukwenza kuveliswe imbewu: xa kugalelwa umungu osuka endodeni usiya emfazini wesityalo (usuka kumqumbi wentyatyambo usiya kwisamkeli mungu)

• Ukuzekana: xa isilwanyana esiyindoda nesingumfazi esiluhlobo olunye zidibana ukuze indoda igqithisela amadlozi emzimbeni womfazi ukuchumisa amaqanda akhe.

• Ukuchumisa: ukudibanisa iimpawu zesini zendoda nezomfazi ukwenza umntu omtsha

• Ukusasazwa kwembewu: ukusasaza imbewu kumacala ohlukeneyo • Ukuntshula: imbewu intshula xa iqala ukukhula iveza iingcambu ezintsha

nehlumelo. Iisli zeempawu zesini

• Umungu: uneseli zesini sobudoda sesityalo sentyatyambo • Iseli yamadlozi: iiseli zesini samadoda kwizilwanyana • Umselu: uneeseli zesini sabafazi kwisityalo sentyatyambo • Amaqanda: iiseli zesini sabafazi bezilwanyana.

Amalungu esini • Indawo kwisityalo apho iveliswa khona imbewu: ilungu lomfazi wentyatyambo

(olunesamkeli-mungu, uluthi lwsizalo nomselu) • Istamni: ubulungu bobudoda kwintyatyambo (obunomqumbu wentyatyambo

nomsontwana)

Page 46: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

- 43 -

• Isiyillo-maqanda nesibeleko nendlela eya sizalweni: amalungu obufazi

kwizilwanyana • Ubudoda namasende: amalungu obudoda kwizilwanyana.

AMANQAKU MALUNGA NOKU-

LO 5.2.1

Inkqubo yokuveliswa kwezityalo Inyathelo 1 Abafundi bazoba imizekelo yenene yezityalo balebhelishe iindawo zazo (ingcambu, isiqu namagqabi). Inyathelo 2 Abafundi bazoba imizekelo yentyatyambo balebhelishe amalungu azo. Iindawo ezingaphandle: amagqatyana agquma iquvi lentyatyambo, isangqa samagqabi entyatyambo, indawo zentyatyambo engumfazi: isiyillo maqanda, uluthi lwesizalo nesamkeli mungu; iindawo zentyatyambo eyindoda: istameni (umqumbi wentyantyambo nemisontwana). Inyathelo 3 Ootitshala banika abafundi imifanekiso yeentyatyambo ezimbini (eziluhlobo olunye), imbewu, Imbewu entshulayo nesiqhamo. Abafundi balungisa imifanekiso ngokwendlela alandelana ngayo (ngokohlobo lobomi bazo ngamatolo). Balebhelisha imifanekiso neenkqubo. Inyathelo 4 Abafundi babhala uluhlu lwezinto (umz. izinambuzan namanzi, ukuvuthuza komoya) ezinoxanduva (1) lokwenza izityalo zivelise imbewu (2) nokusasaza iimbewu. Abafundi banika isihloko bazobe kwaye babhale izivakalisi ukucacisa ngokwenza izityalo zivelise imbewu nangokuyisasaza. Ukuzala kwezilwanyana Utitshala ucacisa ukuba zizala njani izilwanyana (ukuzekana, ukuqhamisa) • Kumasele nakwiintlanzi (uqhamisa olwenzeka ngaphakathi) • Kwiintaka, amacikilishe okanye izilwanyana ezirhubuluzayo nezo zanyisayo

(uqhamisa olwenzeka ngaphandle). Abafundi bakhetha uhlobo olunye lwesilwanyana (umz. indlovu). Baphanda eso silwanyana ukufumanisa ukuba:

• Zidibana njani indoda nomfazi (umdaniso wokuzekana, ukubangamaqabane ubomi benu bonke njlnjl.)

• Zizala njani izilwanyana (amaqanda okanye zizalwa ziphilile). • Ziyikhusela njani izilwanyana inzala yazo (ibalixesha elingakanani

ukuyikhathalela) • Ziyityisa ntoni inzala yazo.

Abafundi benza iposta babonise abakufumeneyo. Inyathelo 5 Vavanya ulwazi lwabafundi: Ingaba abafundi bayakwazi: Izityalo

• Ukuzoba nokulbhelisha amalungu ezityalo naweentyatyambo? • Ukuchaza ngobomi bezityalo ezineentyatyambo? • Ukuchonga nokuchaza nezenzi ezahlukeneyo ezenza izityalo zivelise imbewu

yeentyatyambo nezenzi ezisasaza iimbewu?

Page 47: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

- 44 -

Izilwanyana

• Ukufumana iinkcukacha ezichanekileyo malunga nokuzala kwizilwanyana abazkhethele zona?

• Ukwenza iposta (enesihloko, enemifanekiso, eneelebheli namanqaku) ngeenkcukacha abazifumanayo kuphando lwabo?

• Ukubonisa iposta yabo nokuphendula nayiphi na imibuzo ekuyo

ULWAZI-NKQUBO Iingxoxo nokukhumbula iinkcukacha ezithile. Yakhela kulwazi onalo ngokwemizobo, uphando

IZIXHOBO Izityalo, iintyatyambo, iimbewu, imifanekiso, imiboniso, iincwadi, i-intanethi, iphepha, iikrayoni

Imixholo ye-NS

Izinto ezikhoyo, nezinto zokwenza umsebenzi othile - umoya (umoya ohambayo) namanzi

UHLANGANISO Izifundo

UbuGcisa neNkcubeko – ubugcisa obubonakalayo (ukwenza iposta) Isifundo ngezoBomi– ukukhula komntu

Ukuzihlola □ Abafundi bayahlolana □ Amaqela ayahlolana □ Uhlolo olwenziwa ngutitshala □ Imisebenzi yophengululo □ Imizekelo yophando □ Ucwangciso-zimvo □

Iiprojekthi □ Ukulinganisa imeko ethile □ Ukuxoxa ngeentsingiselo zamagama □

Uphando √ Umdlalo olinganiswayo √ Imisebenzi yocamngco □ asayimenti □ Umsebenzi woguqulo √ Ukubhala cacileyo √ Uvavanyo olusekelwe kumsebenzi oveliswayo □

Udliwanondlebe □ Iinkcazelo □

Ukubonisa □ Amaphepha-mibuzo □ Okunye:

UVAVANYO Ukhumbule : Bhala phantsi

iziphumo zemiSebenzi yoVavanyo

oluseSikweni

Ithesti/uvavanyo □ Imibuzo ecwangcisiweyo □ Okunye:

IVEKI 30 IMISEBENZI YOPHANDO NAMALUNGISELELO OMSEBENZI 5 WOVAVANYO OLUSESIKWENI

LO 5.1

Uphando: inkqubo yokuveliswa kwezityalo Inyathelo 1 ISICWANGCISO Bhala uluhlu lwemibuzo enxulumene nokuveliswa kwezityalo. Cebisa ngemibuzo nokuvavanywa umz. zeziphi ezona meko zokuntshulisa imbewu nokukhulisa izityalo? Inyathelo 2 INDLELA YOKWENZA Yenza uphando okanye imiyalelo oyinikiweyo. Iimbewu (zohlobo olunye lwesityalo) ziyantshuliswa zikhuliswe zibezizityalo ezikhulu phantsi kweemeko ezahlukeneyo (umz. elangeni, emthunzini, kwikharibhodi njlnjl). Hlola ubhale phantsi ukukhula kwazo rhoqo kwiintsuku ezintathu uthatha umlinganiselo, ngokuzoba nokunika inkcazelo. Inyathelo 3 VAVANYA Nika ingxelo ngomgaqo weqela. Nika ingxelo ngeziphumo ezifunyenweyo. Yenza isiphlo ngokubhekisele kwiziphumo. Isifundo esandisiweyo: phinda wenze uphando usebenzise iimbewu zezityalo ezahlukeneyo.

Page 48: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

- 45 -

IVEKI 31 UBETHELELO LOLWAZI NOMSEBENZI 5 WOVAVANYO OLUSESIKWENI

LO 5.2 – 5.3 3

Ubethelelo lolwazi • Lebhelisha isazobe sendlela yokwetyisa uchaze imisebenzi yamalungu ayo. • Sika imifanekiso eneentlobo ezahlukeneyo zokutya uyilungise ngokwamaqela

ohlukeneyo okutya ngokwendlela yephiramidi yokutya. • Bhala phantsi amagama ezakha-mzimba eziphambili kwiqela ngalinye lokutya. • Ngokwendlela yethebhuli, thelekisa izidlo ezifezekileyo nesinye esingafezekanga. • Cacisa ukuba kutheni abanye abantu kufuneka batye ukutya okuthile. • Zoba ulebhelishe amalungu esityalo nawentyatyambo. • Chaza ubomi besityalo umz. isityalo sembotyi. • Chaza izinto (1) ezenza isityalo sivelise iintyatyambo (2) nezisasaza imbewu. UMSEBENZI 5 WOVAVANYO OLUSESIKWENI LO 2 AS 1 Isigama nopelo LO 2 AS 2 Nika abafundi iintlobo zokutya ezisi-8-10 ubacele bazihlele bakunike

imithetho yabo LO 2 AS 2 Nika uluhlu lwezilwanyana okanye lwezityalo ubacele bazihlele

ngokwamaqela. LO 3 AS 1 Chaza ukuba ungazikhetha njani izidlo ezifezekileyo kwimeko yakho. LO 2 AS 1 Zoba uchaze ubomi besityalo. LO 2 AS 1 Chaza ukuba kuthetha ukuthini ukutyeba kakhulu. LO 2 AS 1 Xela uchaze imisebenzi yelungu ngalinye lendlela yokwetyisa. LO 3 AS 3 Chaza ukuba ukungakwazi ukufumana ukutya okusempilweni nezinye

izongezelelo zokutya zineempemblelo ezinjani kubantu abaphila neNtsholongwane kaGawulayo, isifo sephepha okanye isifo seswekile.

Page 49: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

- 46 -

IKOTA 4: UMHLABA NANGAPHAYA KWAWO

IVEKI 31 isaqhutywa UVAVANYO LWEMISEBENZI ESISISEKO (iBakala le-4)

AMANQAKU MALUNGA NOKU-

LO 1

Uvavanyo lwemisebenzi esisiseko engoMhlaba naNgaphaya kwawo (iBakala le-4) Bacele abafundi ukuba bacacise esi sigama silandelayo bebhala ezincwadini. Yalela iklasi ukuba ichophele ingxoxo ukuze kufikelelwe kwisivumelwano ngeyona ntsingiselo Ichanekileyo yoku: • ISixokelelwano saMandla eLanga: inkwenkwezi ndawonye neeplanethi, iinyanga,

izijikelezi-langa ezincinane, oonomgca kunye nothuli olujikeleza kuso • Izinto zomhlaba: umhlaba, amanzi nomoya • Ujikelezo: iplanethi okanye inyanga ejikeleza kwi-asi yayo • Uzunguzelo: intshukumo eyidledlana esisangqa (indlela yesijikelezi-langa)

yoMhlaba ngokujikeleze iLanga neNyanga ijikeleza uMhlaba • Ubude bemini: inani leeyure zasemini ukususela ukuphuma kwelanga ukuya

ekutshoneni kwalo • Ubude bobusuku: inani leeyure ukususela ukutshona kwelanga ukuya ekuphumeni

kwalo • Unyaka womhlaba: ixesha elithathwa nguMhlaba ukuba ugqibe imeko enye

yojikelezo (indlela yesijikelezi-langa) ukujikezela iLanga. • I-Atmosfere: iimaleko zegesi ezijikeleze uMhlaba • Imozulu: iqondo ngokomlinganiselo we-°C, isantya somoya necala ovuthuzela

ngakulo, neqondo lobushushu belanga kunye nomlinganiselo wokufuma komhlaba (umzekelo: imvula) olinganiswa yonke imihla • Ukulinganisa imozulu: ithemometha sisixhobo esilinganisa ubushushu, isilinganiso

somoya sisixhobo esilinganisa isantya somoya, isilinganiso semvula sisixhobo esilinganisa umthamo wemvula enileyol.

ULWAZI-NKQUBO Uphando nengxoxo yeklasi

IZIXHOBO Izixhobo zophando

Amasolotya e-NS

Inkqunto kunye neZinto eziphathekayo – Izinto eziseMhlabeni, ilitye leNyaneegesi zeLanga Amandla notshintsho – amandla elanga (ukukhanya nobushushu ) amand

UHLANGANISO IiNkalo

zesiFundo

IZibalo - imilinganiselo UbuNzululwazi ngezeNtlalo – abantu nemeko-bume esingqongileyo, ubunzululwaazi ngeenkwenkwezi kwintlalo yakudala nakuluntu lwakuMazantsi e-Afrika mandulo

IVEKI 32 INYANGA

ULWAZI NGEZOBUNZULU-

LWAZI

Chaza ngokufutshane la magama:

• Inkwenkwezi ejikeleza enye: nantoni na esemoyeni ethi ijikeleze enye into • IMbonakalo yeNyanga: njengoko ibonwa ngabantu abaseMhlabeni, imbonakalo

yokutshintsha kwayo yonke imihla ixesha elithile • Ukukhanya okubengezelayo: amandla okukhanya abonakala kwinto ethile ze

abengezele kwinto ekwelinye icala

AMANQAKU MALUNGA NOKU-

Inyathelo loku-1

• Ukuchaza iimpawu zeNyanga. • Ukuchaza intshukumo yeNyanga ngokuchasene neyoMhlaba. • Ukucacisa indlela iNyanga ebengezelisa ukukhanya kweLanga. • Ukuchonga ze uchaze iimbonakalo ezohlukeneyo zeNyanga (umzekelo:

iNyanga eNtsha nePheleleyo, iCeba leNyanga kunye nokuThwasa kweNyanga).

Page 50: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

- 47 -

LO 5.1.1 – 5.1.3

LO 5.2.1

Inyathelo le-2

• Ukudwelisa izinto ezaziwa ngabafundi malunga nembonakalo yeNyanga kuluhlu olushwankathelweyo okanye kwimephu yengqondo..

• Abafundi mabacebise eyabo imibuzo ukwenza uphando ngeembonakalo zeNyanga.

Umzekelo:

• Ingaba iNyanga ibonakala ifana (imilo nobukhulu) yonke imihla ebusuku? Cacisa.

• Ingaba kuthethwa ntoni ngokuthwasa nokuba luzizi kweNyanga, yaye ingaba kwenzeka nini ukuthwasa nokuba luzizi kweNyanga?

• Ingaba ukutshintsha kwembonakalo yeNyanga kubonakala kulandela ipatheni ethile?

Inyathelo le-3

• Abafundi mabacwangcise ze baqulunqe uphando ngenjongo yokujonga iimbonakalo zeNyanga • Abafundi mabenze ngokwemiyalelo yophando. • Abafundi mabajonge ze babhale phantsi iimbonakalo zeNyanga kwitshati yokujonga iNyangah chart (ngabanye okanye ngokwamaqela).

Inyathelo le-4

• Abafundi mabachaze iinkqubo zophando ezisetyenziswa liqela labo (okanye zomfundi ngamnye (iinkqubo zophando.) • Abafundi mabenze ingxelo (babhale yaye bazobe) ngeembonakalo zeNyanga

0abazibonileyohases. • Abafundi mabenze ingxelo (benze unikezelo-nkcaza yaye babelane) ngeziphumo abazifumeneyo.

Ufundo olongeziweyo:

• Ingaba sinakho ukuhlala eNyangeni? • Yintoni ukutshona kwenyanga? • Ingxelo ngotyelelo enyangeni.

Inyathelo le-5 Qwalasela ingqiqo yabafundi. Ingaba abafundi banakho:

• Ukuchaza iimpawu zeNyanga? • Ukunakana nokuchaza iimbonakalo zeNyanga ngokohlobo eziguquka ngayo

ngexesha elithile?

ULWAZI-NKQUBO Umsebenzi abawenza bexhaswa. IZIXHOBO Itshati yokujonga inyanga, izixhobo zophando

Amasolotya e-NS

Ubomi neNtlalo – iimfuno zokusingqongileyo zokulondolozwa kwempilo (umoya namanzi) Amandla noTshintsho – amandla okukhanyisa INkqunto neZixhobo – ukwakhiwa kweNyanga

UHLANGANISO

IiNkalo zesiFundo

UbuGcisa neNkcubeko – amasiko emveli nemisebenzi ephathelene neNyanga UbuNzululwazi ngezeNtlalo - okusingqongileyo, ubunzululwazi ngeenkwenkwezi kuluntu lwamandulo

Ukuzihlola □ Abafundi bayahlolana □ Amaqela ayahlolana □ Uhlolo olwenziwa ngutitshala □

Imisebenzi yophengululo □ Imizekelo yophando □ Ucwangciso-zimvo □

UVAVANYO Ukhumbule : Bhala phantsi

iziphumo zemiSebenzi

Iiprojekthi □ Ukulinganisa imeko ethile □ Ukuxoxa ngeentsingiselo

Page 51: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

- 48 -

zamagama □ Uphando √

Umdlalo olinganiswayo √

Imisebenzi yocamngco □

asayimenti □ Umsebenzi woguqulo √ Ukubhala cacileyo √ Uvavanyo olusekelwe kumsebenzi oveliswayo □

Udliwanondlebe □ Iinkcazelo □

Ukubonisa □ Amaphepha-mibuzo □ Okunye:

yoVavanyo oluseSikweni

Ithesti/uvavanyo □ Imibuzo ecwangcisiweyo □ Okunye:

IVEKI 33 INYANGA NENKCUBEKO

ULWAZI NGEZOBUNZULU-

LWAZI

Chaza ngokufutshane la magama:

• Isiko: isiko okanye inkolelo eyamiselwa kudala • Inkcubeko: uphawu lwendlela yokuphila yamaqela ohlukeneyo abantu • Imibhiyozo: imibhiyozo ebaluleke ngokukodwa kwikcubeko ethile • INyanga ePheleleyo: imbonakalo yeNyanga apho iNyanga ibonakala

ngokugcweleyo (xa iNyanga ibonakala ingqukuva), oku kwenzeka xa malunga nesiqingatha somjikelo weNyanga

• INyanga eFileyo: le mbonakalo yeNyanga ibakho xa iNyanga ingakhanyiselwanga ngqo kukukhanya kwelanga yaye ayibonakali ngeliso lenyama. INyanga eFileyo idla ngokuba luphawu lokuqala komjikelo weNyanga entsha.

AMANQAKU MALUNGA NOKU-

LO 5.3.1

Inyathelo loku-1 Abafundi mabaxele yaye bachaze iimbonakalo zeNyanga. Inyathelo le-2

• Abafundi mabenze uphando ze bacacise ukubaluleka kweNyanga neembonakalo zazo kumasiko athile, imisebenzi yenkcubeko nakwiinkolo zoluntu.

• Abafundi mabanike ingxelo (babhale phantsi yaye benze unikezelo-nkcaza) ngolo nxibelelwano neNyanga kunye neembonakalo zayo abazaziyo kwiindawo abahlala kuzo.

Inyathelo le-3

• Abafundi mabenze ingxelo (babhale phantsi yaye benze unikezelo-nkcaza) ngokubaluleka kweNyanga neembonakalo zayo kwezinye iinkcubeko namasiko ehlabathini.

Ufundo olongeziweyo:

• Ingaba abanye abantu baziva njani ngeNyanga ePheleleyo? (Khangela iinkolelo ezimalunga neNyanga)

• Ingaba ezinye izilwanyana zijongana njani neNyanga? (umzekelo: izinja zaziwa ngokuyikhonkotha iNyanga)

• Ziziphi iziganeko zendalo ekuchazwa ukuba ziphenjelelwa ziimbonakalo zeNyanga?

(umzekelo: amaza) Inyathelo le-4 Qaphela ingqiqo/ulwazi lwabafundi. Ingaba abafundi banakho:

• Ukuchaza ukubaluleka kweembonakalo zeNyanga kumaqela ohlukene ngokwenkcubeko?

ULWAZI-NKQUBO Uphando kunye nengxoxo yaseklasini.

IZIXHOBO Izixhobo zophando

Page 52: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

- 49 -

Amasolotya e-NS

Inkqunto kunye neZinto eziphathekayo – ukokheka kweNyanga UBomi neNtlalo – iindlela izilwanyana ezijongana ngayo neNyanga

UHLANGANISO IiNkalo

zesiFundo UbuGcisa neNkcubeko – imisebenzi yenkolo eyayanyaniswa neNyanga,umzekelo: ama-Islam

Ukuzihlola □ Abafundi bayahlolana □ Amaqela ayahlolana □ Uhlolo olwenziwa ngutitshala □ Imisebenzi yophengululo □ Imizekelo yophando □ Ucwangciso-zimvo □

Iiprojekthi □ Ukulinganisa imeko ethile □ Ukuxoxa ngeentsingiselo zamagama □

Uphando √ Umdlalo olinganiswayo √ Imisebenzi yocamngco □ asayimenti □ Umsebenzi woguqulo √ Ukubhala cacileyo √ Uvavanyo olusekelwe kumsebenzi oveliswayo □

Udliwanondlebe □ Iinkcazelo □

Ukubonisa □ Amaphepha-mibuzo □ Okunye:

UVAVANYO Ukhumbule : Bhala phantsi

iziphumo zemiSebenzi yoVavanyo

oluseSikweni

Ithesti/uvavanyo □ Imibuzo ecwangcisiweyo □ Okunye:

IVEKI 34 IMOZULU: IINGUQU ZAMAXESHA ONYAKA

ULWAZI NGEZOBUNZU-

LULWAZI

Chaza ngokufutshane intsingiselo yala magama:

• Imozulu: iqondo lobushushu, umoya, ukukhanya kwelanga kunye nemvula ezithi zilingani yonke imihla • Imozulu: iimeko zemozulu eziqwalaselwa nezilinganiselwa kwixesha elithile kwingingqi ethile region • Amaxesha onyaka: ixesha lonyaka elohlulwa yimozulu ekhethekileyo, (umzekelo:ubusika) intwasahlobo. Iimeko ezilungele ixesha lonyaka ezenziwe ngabantu: ingaba abantu baphila njani kula maxesha onyaka ohlukeneyo – ngokuthi benze iinguqu / bazilungiselele • Amalungiselelo amaxesha onyaka enziwa zizityalo nezilwanyana: ingaba ziphila njani zityalo nezilhow ngamaxesha ohlukeneyo onyaka • Iigesi ezichaphazele ifuthe lamaqondo obushushu: iigesi (ezifana nekhabhoni

dayoxiyidi nezinye iigesi) ezithi zifunxe ze zivalele ubushushu obuvela eLangeni• Ifuthe lamaqondo obushushu abanjwe lungcoliseko: endaweni yokukhuphela

ubushushu kude noMhlaba busiwe kwezinye iindawo ezivulekileyo, iigesi ezichaphazele ifuthe lamaqondo obushushu zifunxa ubushushu, ngalo ndlela

Zivalela ubushushu kwi-atmosfere yoMhlaba • Ukufudumala kwehlabathi: iqondo lokufudumala kwehlabathi longezeka

ngokwamaqondo, nto leyo enegalelo kubushushu obuvalelekileyo obubangelwa ziigesi ezichaphazele ifuthe lamaqondo obushushu.

AMANQAKU MALUNGA NOKU-

LO 5.2.1

LO 5.3.2

Inyathelo loku-1 Hlaziya oko kwaziwa ngabafundi malunga nemozulu nemeko ekhoyo. Dibanisa ulwazi Lube luluhlu olushwankathelweyo okanye imephu yengqondo.

Inyathelo le-2 Abafundi mabenze uphando yaye bachaze iimpawu zeemeko zezulu ezi-2 ubuncinane ezohlukeneyo ngokweengingqi, (umzekelo: intlango, ingingqi ezingasencamini yomhlaba, imimandla enotyani epholileyo, ingingqi yotyani kumadlelo ashushu, njl, njl.) Qizixhobo ezifana nezintlu kunye / okanye iigrafu ezibonisa imozulu yeengingqi ezohlukeneyo kuphando lwabo.

Inyathelo le-3 Abafundi mabenze ingxelo (bathethe, babhale ze bachaze) amalungisleelo enziwa zizilwanyana, ngabantu nazizityalo ngokuphathelene neengingqi ezohlukeneyo eziphila (umzekelo: Ama-Eskimos aphila koongquphantsi abokhiwa ngekhephu; isityalo sasentlango, ikaktus igcina amanzi; iingonyama ziguqulwa imbonakalo yazo kakuhle kwimihlaba enengca eyomileyo).

Page 53: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

- 50 -

Inyathelo le-4 Abafundi mabenze ingxelo (bathethe, babhale ze bachaze) amalungisleelo enziwa zizilwanyana, ngabantu nazizityalo ngokuphathelene namaxesha ohlukeneyo onyaka kwiingingqi abahlala kuzo (ubushushu, ingqele, imbalela). (Ezinye iintaka ziyafuduka xa kusondela ixesha lasebusika, ngeli xesha ezinye izilwanyana zifukama ngexesha lasebusika, ezinye izityalo ziyawavuthulula amagqabi azo ebusikawinter). Ukufudumala kwehlabathi Inyathelo le-5

• Chaza: Yintoni ukufudumala kwehlabathi jikelele? • Abafundi mabachonge (baxele yaye bachaze) imisebenzi yobunzuululwazi neemveliso zobuchwepheshe ezibe negalelo ekufudumaleni kwehlabathi (umzekelo:ukubaswa kwamalahle kwizikhululo zamandla ombane, ukutshiswa kwepetroli nedizili ngenjongo yothutho). • Cacisa malunga neegesi ezichaphazele ifuthe lamaqondo obushushu (CO2 njl,njl.) kunye nefuthe lamaqondo obushushu abanjwe lungcoliseko • Abafundi mabachonge (baxele yaye bachaze) iimpembelelo ezingathandekiyo

zokufudumala kwehlabathi, ze zinxulumanise ezo mpembelelo zingathandekiyo kwiinguqu zamaxesha onyuaka eziqwalaselweyo (umzekelo: ukunyibilika

komkhenkce kwiingingqi ezingasencamini yomhlaba, ukhukhuliseko lwemihlaba nembalela).

Inyathelo le-6

• Chaza oku: Yintoni iMpembelelo yeKhabhoni? Abafundi mabazijongele eyabo iMpembelelo yeKhabhoni.

• Abafundi mabaqaphele iindlela (bethetha yaye bebhala) zokucutha impembelelo yabo yekhabhoni. (Yenza okutsha ngezinto ezisetyenzisiweyo, Yicuthe, Yisebenzise kwakhona yaye musa ukuvuma ukuthenga izinto ezinobungozi kokusingqongileyo).

Ufundo olongeziweyo:

• Yenzani uphando ze nenze unikezelo-nkcaza ngeziganeko ezinegalelo koku: o Ukufudumala kwehlabathi, kunye o Nokutshintsha kwemozulu.

• Yenzani uphando ze ninike ingxelo ngamanyathelo athatyathwa ngabantu ehlabathini ukucutha okanye ukunqanda ukukhutshwa kwemisi ziigesi

ezichaphazele ifuthe lamaqondo obushushu. • Ukucebisa ngezisombululo zalapha (yintoni onokuyenza kwisikolo sakho nasekhaya) ukucutha iMpembelelo yakho yeKhabhoni.

Inyathelo le-7 Qaphela ingqiqo/ulwazi lwabafundi. Ingaba abafundi banakho:

• Mabachaze oku (bethetha yaye bebhala): o Intsingiselo yokufudumala kwehlabathi? o Izizathu ezibangela ukufudumala kwehlabathi? o Ukufudumala kwehlabathi nokutshintsha kwemozulu? o Impembelelo yokutshintsha kwemozulu ebantwini, kwizityalo nakwizilwanyana? o Bazijongele eyabo iMpembelelo yeKhabhoni?

• Ukuchaza iindlela zokucutha iMpembelelo yeKhabhoni (ekhaya, esikolweni nasekuhlaleni)

ULWAZI-NKQUBO Ingxoxo nokuhlaziwa kolwazi.

IMITHOMBO Izixhobo ezizizalathisi

Page 54: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

- 51 -

Amasolotya e-NS

AMandla oMbane noTshintsho – amandla okukhanyisa nobushushu (belanga) UBomi neNtlalo – impembelelo yokutshintsha kwemozulu ebantwini, kwizityalo nakwizilwanyana Inkqunto kunye neZinto eziphathekayo – iigesi ezichaphazela ifuthe lamaqondo obushushu / ungcoliseko lomoya

UHLANGANISO

IiNkalo zeziFundo

EzobuChwepheshe – ukulungelelaniswa kwezinto eziphathekayo UbuNzululwazi ngezeNtlalo – abantu nokusingqongileyo, iingingqi ezinotshintsho lwemozulu, Iindawo zentlalo zakudala

Ukuzihlola □ Abafundi bayahlolana □ Amaqela ayahlolana □ Uhlolo olwenziwa ngutitshala □

Imisebenzi yophengululo □ Imizekelo yophando □ Ucwangciso-zimvo □

Iiprojekthi □

Ukulinganisa imeko ethile □ Ukuxoxa ngeentsingiselo zamagama □

Uphando √ Umdlalo olinganiswayo √ Imisebenzi yocamngco □ asayimenti □

Umsebenzi woguqulo √ Ukubhala cacileyo √

Uvavanyo olusekelwe kumsebenzi oveliswayo □

Udliwanondlebe □ Iinkcazelo □

Ukubonisa □ Amaphepha-mibuzo □ Okunye:

UVAVANYO Ukhumbule : Bhala phantsi

iziphumo zemiSebenzi yoVavanyo

oluseSikweni

Ithesti/uvavanyo □ Imibuzo ecwangcisiweyo □ Okunye:

IVEKI 35 UMJIKELO WAMANZI NOMGANGATHO WAMANZI

ULWAZI NGEZOBUNZULU-

LWAZI

Chaza ngokufutshane intsingiselo yala magama: • Inxalenye yomgangatho womhlaba engamanzi: (amanzi nomphunga wamanzi);

inxalenye yoMhlaba owenziwe ngamanzi • Umaleko oqinileyo woMhlaba: (amatye nomhlaba); umaleko oqinileyo woMhlaba

obandakanya quka ukhokho • I-athmosfere: (umoya); umxube weegesi ezijikeleza iplanethi • Umjikelo wamanzi: iinkqubo athi amanzi oMhlaba ajikeleze ngazo kwimeko-bume

esingqongileyo o Ukuguquka kolwelo lube ngumphunga: inkqubo ekuthi ngayo ulwelo (umzekelo:

amanzi athi aguquke abe yigesi (umphunga wamanzi) o Ukujiyisa/ulweliso: inkqubo ekuthi ngayo igesi okanye umphunga uguquke ube

lulweloquid o Ukuwa kwemvula: amanzi abuyela eMhlabeni ngohlobo olulwelo okanye olusisiqina (imvula, ikhephu), isuka kwi-atmosfere isiya emhlabeni okanye kumgangatho onamanzi o Amanzi aphuphumayo: amanzi emvula angafunxwayo ngumhlaba, kodwa athi

aqengqeleke apha emhlabeni o Ukufunxeka/ukungenakwamanzi: ukungena kwamanzi emhlabeni okanye kumatye aneentunja

• Ummandla womhlaba oqokelela amanzi emvula: imimandla yendalo apho amanzi emvula athi aqokeleleke khona, efana nemigxobhozo, amachibi nemilambo

• Imithombo yamanzi: imithombo yamanzi ebalulekileyo okanye enokubaluleka eluntwini.

AMANQAKU

MALUNGA NOKU-

LO 5.1.1 - 5.1.3

Inyathelo le-3 UKUCWANGCISA/UKUQULUNQA • Ukudwelisa oko kwaziwayo ngabafundi ngeemeko eziqhelekileyo eziphathelene

nomgangatho wamanzi (umzekelo: chaza imeko yomlambo okufuphi, umgxobhozo okanye umsele).

Page 55: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

- 52 -

LO 5.2.1

LO 5.3.2

• Ukucebisa imibuzo abanokuyisebenzisa kuphando olumalunga nomgangatho wamanzi. Umzekelo: • Ingaba unjani umgangatho wamanzi kwimithombo yamanzi yengingqi

yethu? • Ingaba sinakho ukuwasela amanzi omgxobhozo, omsele okanye asemlanjeni Inyathelo le-4 UKWENZA UMSEBENZI • Abafundi mabaqokelele amanzi kwimithombo abayichongileyo yengingqi ukuze

bawaphicothe. Inyathelo le-5 UKUPHENGULULA • Ukuchonga nokuchaza iintlobo ezinganyibilikiyo zongcoliseko (umzekelo:

iingxowa, iinkonkxa, njl, njl). Ukuchonga nokuchaza iintlobo ezinokunyibilika ukusonjululwa zongcoliseko,

(umzekelo: iityuwa, izichumisi, izibulali-zitshabalalisi ngokuthi kujongwe imithombo yezinto ezingcolisayo

• Ezifana nemizi-mveliso okanye iigadi zolimo ezikufuphi nale ndawo kuthathwe kuyo isampuli).

• Ukuchonga nokuchaza amanzi (umbala, ivumba, iziqina, ukuzola / ukusibekela). • Abafundi mabenze ingxelo (babhale phantsi nonikezelo-nkcaza) ngokufunyenwe

kwiziphumo zesampuli yamanzi. Inyathelo loku-1

• Ukuhlaziya ulwazi olwaziwayo ngomjikelo wamanzi. Qokelela ulwazi kuluhlu olushwankathelweyo okanye kwimephu yengqondo.

• Ukuchaza iimpawu zomjikelo wamanzi (umzekelo: ingaba amanzi aguquka njani kuhlobo lwawo, umzekelo: ukusuka ekubeni lulwelo abe yigesi xa eguquka esiba ngumphunga, eguquka esiba lulwelo/ejiya, esiwa phantsi ngokwemvula, ephuphuma emhlabeni, efunxeka emhlabeniesxa ehamba phakathi emoyeni, amanzi nomhlaba (i-atmosfere, inxalenye yomgangatho womhlaba engamanzi kunye nomaleko oqinileyo woMhlaba).

• Abafundi mabenze imizobo eneeleyibhile ze babhale ngomjikelo wamanzi bechaza iinkqubo ezithi zenzeke kuwo.

• Ukuchaza ukuba amandla eLanga awukhokela njani na umjikelo wamanzi.

Inyathelo le-2 • Ukuhlaziya imvelaphi yemilambo. • Ukuxoxa ngezakheko ezokhiwe ngabantu ngenjongo yokuqokelela amanzi

kwimisebenzi eyohlukeneyo. • Abafundi mabenze uphando ngeengingqi eziqokelela amanzi ezifumaneka

kufuphi okanye kwakwingingqi abahlala kuyo. • Ukunakana nokuchaza iimpembelelo ezingathandekiyo zemisebenzi

yempucuko yobunzululwazi okanye iimveliso zobuchwepheshe kumgangatho wamanzi esiwasebenzisayo (umzekelo, imizi-mveliso, izichumisi, izibulalala-zitshabalalisi, njl, njl).

• Ukunakana nokuchaza iimpembelelo ezamkelekileyo zemisebenzi yempucuko yobunzululwazi okanye yeemveliso zobuchwepheshe kumgangatho wamanzi (umzekelo: Ingaba umiselwa njani umgangatho wamanzi kwindawo eqokelela amanzi kunye / okanye amanyathelo enkathalo afanelekileyo nezikhokelo zolawulo, iinkqubo zokucocwa kwamanzi, njl, njl).

Page 56: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

- 53 -

Ufundo olongeziweyo:

• Ukwenza uphando ngeentlobo zezinto eziphilileyo (izityalo nezilwanyana) abanokuthi bazifumane kwimilambo yendalo nakwimisinga yamanzi.

• Ukwenza uphando ngeentlobo zezinto eziphilileyo abanokuthi bazifumane kwimilambo nakwimisinga engcolisekileyo.

• Ukubhala ngezinto ezibangela ungcoliseko lwamanzi kwingingqi yakhe. • Ukubhala ingxelo nalapho benika izisombululo ezinokubakho kwiingxaki

zongcoliseko lwamanzi kwingingqi yakhe. Inyathelo le-6 Qaphela ingqiqo/ulwazi lwabafundi. Ingaba abafundi banakho:

• Ukuchonga nokuchaza iinkqubo ezibandakanyeka kumjikelo wamanzi? • Ukuchaza izinto ezingcolisayo ezinokunyibilika ezingenakunyibilika kwiindawo

eziqokelela amanzi emvula namanye amanzi?

ULWAZI-NKQUBO Uphando, ingxoxo, ufundo-nzulu

IZIXHOBO Iisampuli zamanzi afumaneka kwiindawo zengingqi, iiphowusta zomjikelo wamanzi, izixhobo zophando

Amasolotya e-NS

Inkqunto nezinto eziPhathekayo – Umjikelo waManzi, iimpawu zamanzi, ungcoliso lwamanzi UBomi neNtlalo – izityalo nezilwanyana eziphila emanzini (zasemanzini)

UHLANGANISO IiNkalo

zeziFundo

UbuChwepheshe – impembelelo yemisebenzi yempucuko yobunzululwazi neemveliso zobuchwepheshe kwimeko-bume esingoqngileyo nasebantwini. UbuNzululwazi ngezeNtlalo – abantu nemeko-bume esingqongileyo, ukusetyenziswa ngokufanelekileyo kweemithombo yendalo, iindawo zentlalo zamandulo

Ukuzihlola □ Abafundi bayahlolana □ Amaqela ayahlolana □ Uhlolo olwenziwa ngutitshala □

Imisebenzi yophengululo □ Imizekelo yophando □ Ucwangciso-zimvo □

Iiprojekthi □ Ukulinganisa imeko ethile □ Ukuxoxa ngeentsingiselo zamagama □

Uphando √ Umdlalo olinganiswayo √ Imisebenzi yocamngco □ asayimenti □ Umsebenzi woguqulo √ Ukubhala cacileyo √ Uvavanyo olusekelwe kumsebenzi oveliswayo □

Udliwanondlebe □ Iinkcazelo □

Ukubonisa □ Amaphepha-mibuzo □ Okunye:

UVAVANYO Ukhumbule : Bhala phantsi

iziphumo zemiSebenzi yoVavanyo

oluseSikweni

Ithesti/uvavanyo □ Imibuzo ecwangcisiweyo □ Okunye:

IVEKI 36 UKHUKHULISEKO

ULWAZI NGEZOBUNZULU-

LWAZI

Chaza ngokufutshane intsingiselo yala magama:

• Ukhukhuliseko: umhlaba okanye amatye athi adleke aphele kwixesha elide nokubangelwa ngumoya namanzi, njl, njl.

• Impembelelo yemozulu emhlabeni: ukudlela okubonakalayo okanye ukuphela kweetyuwa zomhlaba ematyeni aqhekeke abe ziingceba ezincinane nokubangelwa ngumoya namaqondo obushushu

• Iimpawu zendalo zomhlaba: iimpawu zendalo ezibonakalayo kumgangatho woMhlaba

• Ukushiyeka kwentlenga: iingqimba (okanye intshiyekela) yezinto, izinto ezithi ziqokelelane ndaweni ithile

• Ukuguquka kweziqwengana zomhlaba zibe ngamatye: ukuguquka kweentlengana ezithile zibe ngamatye aqinileyo

Page 57: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

- 54 -

• Iintlalutye zamatye: iziqwengana zamatye • Iziganeko zentlekele: iziganeko ezibangela umonakalo omkhulu okanye ukufa

(umzekelo: iimpuphuma, inyikima, itsunami, njl, njl).

AMANQAKU MALUNGA NOKU-

LO 5.2.1

LO 5.3.2

Inyathelo loku-1 • Ukuchonga (ukuxela nokuchaza) iimpawu zendalo emhlabeni ezohlukeneyo

(iintaba, iinduli, imigxobhozo, imilambo, iilwandle, njl, njl.).

Inyathelo le-2 • Ukuchaza iinkqubo yempembelelo yemozulu emhlabeni. • Ukuchaza iimeko ezibandakanyekayo (umzekelo: umoya, amanzi,

ukunqongophala kwezityalo, ubushushu nengqele okuthi kophule amatye abe ziintlalutye).

Inyathelo le-3

• Ukuchaza ukuba ukhukhuliseko lomhlaba (ukuphephetheka kweentlalutye zomhlaba) kunye nokufumbeka komhlaba (iintlalutye ezifumbeneyo) lungaziguqula njani na iimpawu zendalo emhlabeni (umzekelo: intlabathi efumbeke kwiindonga zeelwandle okanye zemilambo, njl,njl.)

• Ukuchaza ukhukhuliseko lwexesha elifutshane nolwexesha elide. • Ukuchaza iimpawu ezibandakanyeka koku (umzekelo: umoya, amanzi,

ubushushu nengqele

Inyathelo le-4 • Ukuxela nokuchaza iziganeko eziyintlekele (kwingingqi nakwihlabathi jikelele)

ezibangelwe lukhukhuliseko lomhlaba (umzekelo: ukutyibilika kodaka, ukunaba kwemimandla eziintlango, njl, njl)

Ufundo olongeziweyo:

• Ukubhala ingxelo ngaso nasiphi na isiganeko sokhukhuliseko lomhlaba olwenzeka kwingingqi yakho (ekuhlaleni, esikolweni, njl, njl.)

• Ukubhala ingxelo ngayo nayiphi na intlekele (kwingingqi okanye kwihlabathi jikelele, umzekelo ukutyibilika kodaka) neyathi yakhokelela kukhukhuliseko lomhlaba.

Inyathelo le-5

Qaphela ingqiqo/ulwazi lwabafundi. Ingaba abafundi banakho: • Ukuxela nokuchaza iintlobo ezohlukeneyo zeempawu zendalo emhlabeni? • Ukohlula phakathi kwempembelelo yemozulu emhlabeni nokhukhuliseko

lomhlaba? • Ukuxela nokuchaza iimpawu ezibangela impembelelo yemozulu emhlabeni? • Ukuxela nokuchaza iimpawu ezibangela ukhukhuliseko lomhlaba? • Ukuchaza iziganeko zentlekele ezikhokelela kukhukhuliseko lomhlaba?

ULWAZI-NKQUBO INgxoxo noPhando IZIXHOBO Uphando, imifanekiso, imifuziselo

Amasolotya e-NS

Inkqunto neZinto eziPhathekayo – iimpawu zomhlaba namanzi UBomi neNtlalo – izityalo nomhlaba

UHLANGANISO Learning

Areas UbuNzululwazi ngezeNtlalo – abantu nemeko-bume esingqongileyo, izenzezidalwa kukusebenza kwabantu

Ukuzihlola □ Abafundi bayahlolana □ Amaqela ayahlolana □ Uhlolo olwenziwa ngutitshala □ Imisebenzi yophengululo □ Imizekelo yophando □ Ucwangciso-zimvo □

UVAVANYO Ukhumbule : Bhala phantsi

iziphumo Iiprojekthi □

Ukulinganisa imeko ethile □ Ukuxoxa ngeentsingiselo zamagama □

Page 58: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

- 55 -

Uphando √ Umdlalo olinganiswayo √ Imisebenzi yocamngco □ asayimenti □ Umsebenzi woguqulo √ Ukubhala cacileyo √ Uvavanyo olusekelwe kumsebenzi oveliswayo □

Udliwanondlebe □ Iinkcazelo □

Ukubonisa □ Amaphepha-mibuzo □ Okunye:

zemiSebenzi yoVavanyo

oluseSikweni

Ithesti/uvavanyo □ Imibuzo ecwangcisiweyo □ Okunye:

IVEKI 37 UKHUKHULISEKO uphando

AMANQAKU MALUNGA NOKU-

LO 5.1.1 – 5.1.3

Uphando ngokhukhuliseko Inyathelo loku-1 UKUCWANGCISA/UKUQULUNQA

• Ukudwelisa okwaziwayo ngezinto ezibangela ukhukhuliseko. • Ukucebisa imibuzo yophando.

Umzekelo • Nguwuphi oyena nobangela umandla womonakalo omkhulu:umoya

okanye amanzi?

Inyathelo le-2 UKWENZA UMSEBENZI • Ukwenza isigqibo ngeendlela nezixhobo zophando. • Ukubeka izikhongozeli (umzk. Iibhokisi ze-ayskrimu) ezinomhlaba onje

nomhlaba onotyani (umzk.ingca). • Ukusebenzisa ifeni okanye isomisi-zinwele ngenjongo yokulinganisa, bamba

ulinganisele ubungankanani bomhlaba osuswe ngumoya ngexesha elithile (umzk. Imizuzu emihalnu (5).

• Sebenzisa sikhongozeli samanzi (inkonxa okanye ibhotile) esinemingxuma egqojozwe ngaphantsi, ukulinganisa amaqabaza emvula. Thambekisa izikhongozeli kwinkalo enye, qokelela ulinganisele amanzi aphumayo nayiphina Isanti okanye udaka.

Iyathelo le-3 UKUPHENGULULA • Ukubhala phantsi uphando esebenzisa imizobo,iileyibhile namanqaku

okuboniweyo. • Ukunika ingxelo (bhala uzobe) ngeenkqubo zeqela. • Ukunika ingxelo (bhala,zoba ubonise) ngeziphumo ezifunyenweyo.

Ufundo olongeziweyo:

• Ukubhala uzobe / okanye sebenzisa ebonisa ezinye iindlela zokhukuliseko lomhlaba.

• Ukwenza ingxelo ngokhukuliseko lomhlaba kwindawo yakho (umzk. amabala,iipaki, amabala emidlalo,umzk.).

• Njengentatheli yeNdaba zikaMabonakude, ukugqithisa ingxelo ngempembelelo engeyiyo kukhuseleko lomhlaba kwindawo yakho.

• Njengengcali ekhathalela ukukhuselwa kokusingqongileyo cebisa izisombululo ukunciphisa iingxaki ezinegalelo kukhukuliseko lomhlaba kwindawo yakho.

Inyathelo le-4 Qaphela ingqiqo/ulwazi lwabafundi. Ingaba abafundi banakho:

• Ukuchaza ukhukuliseko lomhlaba? • Ukuchonga (ukuxela bachaze) izinto ezibangela ukhukuliseko lomhlaba?

ULWAZI-NKQUBO Ingxoxo , Ufundo-nzulu noPhando

IZIXHOBO Ufundo-nzulu, umhlaba namanzi,izixhobo zokulinganisela,ifeni okanye isomisi-zinwele izikhongozeli ukulungiselela amanzi.

UHLANGANISO Amasolotya e-NS

Inkqunto neZinto eziPhathekayo – iimpawu zomhlaba UBomi neNtlalo –izityalo zifuna umhlaba , utyani luya lunciphisa ukhukulis lomhlaba

Page 59: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

- 56 -

IiNkalo zeziFundo

Izibalo - ukulinganisela Iinzululwazi zokuhlala –abantu nokusingqongileyo, impembelelo yeentshukumo zabantu

Ukuzihlola □ Abafundi bayahlolana □ Amaqela ayahlolana □ Uhlolo olwenziwa ngutitshala□ Imisebenzi yophengululo □ Imizekelo yophando □ Ucwangciso-zimvo □

Iiprojekthi □ Ukulinganisa imeko ethile □ Ukuxoxa ngeentsingiselo zamagama □

Uphando √ Umdlalo olinganiswayo √ Imisebenzi yocamngco □ asayimenti □ Umsebenzi woguqulo √ Ukubhala cacileyo √ Uvavanyo olusekelwe kumsebenzi oveliswayo □

Udliwanondlebe □ Iinkcazelo □

Ukubonisa □ Amaphepha-mibuzo □ Okunye: ukuzoba

UVAVANYO Ukhumbule : Bhala phantsi

iziphumo zemiSebenzi yoVavanyo

oluseSikweni

Ithesti/uvavanyo □ Imibuzo ecwangcisiweyo □ Okunye:

IVEKI 38 UHLAZIYO /UFUNDO OLONGEZELEWLEYO

• Ukubhala imibongo ngeNyanga. • Ukufudumala elizweni jikelele: qokelela amanqaku amaphepha-ndaba ngokufuduma

elizweni jikelele- global warming nokutshinsha kwesimo sezulu. Sebenzisa ulwazi wenze ‘imiboniso yeendaba’ (Ukulinganisa iingxelo zeeNdaba kuMabonakude).

• Ukwenza uphando ze enze unikezelo-nkcaza ngengxelo “yeMisebenzi yeMpucuko kokuSingqongileyo”.

• Ukwenza uphando ze enze unikezelo-nkcaza “ngamalinge okukhathalela okuSingqo”ekhaya, kuluntu lwakho nakwisikolo sakho.

• Kuthetha ntoni “ukwenza luhlaza isiXeko”, yaye ungenza ntoni esikolweni sakho kwiphulo elaziwa ngokuba “kukutyla uHlaza ekuHlaleni”?

IVEKI 39 UHLAZIYO / UFUNDO OLONGEZELELWEYO

• Umjikelo wamanzi:yenza ipowusta enelebhule namanqaku ngomjikelo wamanzi. • Yenza umfuziselo womjikelo wamanzi ebhotileni (usebenzisa umhlaba, amanzi nesit

ubhale ezikhoyo. • Ukhukuliseko loMhlaba: Uphando, bhala uzobe ngolimo nokhukuliseko lomhlaba,

njl, njl. • Ukhukuliseko loMhlaba:Bhala ingxelo ngokhukuliseko lomhlaba esikolweni sakho.

Page 60: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

- 57 -

IVEKI 40 UVAVANYO OLUSESIKWENI-UMSEBENZI 6 Utitshala angasebenzisa imibuzo njengenxalenye yomsebenzi wovanvanyo LO 2 AS 1 Cela isigama namagama opelo LO 2 AS 1 Nika abafundi umzobo wezigaba zenyanga.Cela abafundi bachaze umzobo. LO 2 AS 2 Bhala uzobe ngezigaba zenyanga. LO 2 AS 2 Banike iigrafu ukuze bazitolike ngezimo zezulu neengingqi. LO AS 1 Cela abafundi bachaze ukhukuliseko bebhekisele kumoya nasemanzini. LO 2 AS 1 Dwelisa izinto zabantu nezezilwanyana ezibangela ukhukuliseko lomhlaba (umzk. Inzululwazi

ngokulimature, memigodi,ulwakhiwo njlnjl.). LO 2 AS 3 Chaza ifuthe lomoya namanzi kwimilo ezithile zomhlaba. LO 3 AS 1 Cacisa indima yenyanga kwimibhiyozo yenkcubeko. LO 3 AS 2 Bhala izivakalisi ngempembelelo yotshintsho lwesimo sezulu nakwisiphina isityalo okanye

isilwanyana (umzk.unobherana wa se mantle njlnjl.).

Page 61: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

- 58 -

ISIHLOMELO B INXALENYE YESITHATHU: ISIHLOMELO

Isikhokelo sophando sootitshala nabafundi Chonga into efumaneka kwindalo (izityalo, izilwanyana, imozulu, amatye, ukutsha, umbane, njl njl) ofuna ukuyiphanda. Xa uphanda into sukube ufuna ukufumanisa ulwazi oluthe xhaxhe ngayo ngokuthi uyiqwalasele okanye umete into ezenzekelayo ngokwendalo (umz ukuqwalasela nokumeta utshintsho olwenzeka kwimozulu yonke imihla). Ungaphanda nangokuba yintoni na eyenzekayo xa uthe wenza into ethile echaphazela imo yendalo yento (umz, ukugalela ityuwa okanye iswekile emanzini ujonge ukuba ingaba oko kuyabuchaphazela na ubushushu bamanzi abilayo). Ungaphanda nangokwenza into ehambelana nesehlo sendalo (umz indlela yokwenza ukuba indlu yakho iphole kwimozulu etshisayo). Ungasebenzisa le fomathi ilandelayo ukukukhokela kuphando lwakho: LO1 AS1 : PLANA/CWANGCISA UPHANDO QAPHELA: Le nxalenye yophando mayenziwe yiklasi yonke, utitshala nabafundi A. Yintoni esele siyazi?

1. Khethani isihloko / isehlo sendalo emasiphandwe. 2. Yenzani isicwangciso-zimvo sayo yonke into eniyaziyo ngeso sihloko / ngalo nto yendalo.

B. Yintoni enye esifuna ukuyifumanisa?

1. Utitshala uncedisa abafundi ukuba babuze imibuzo malunga nolunye ulwazi abafuna ukulufumana ngesi sihloko. Utitshala ubhala imibuzo ebhodini.

2. Utitshala nabafundi bathatha isigqibo sokuba yeyiphi imibuzo enokuphandwa eklasini iyeyiphi engenakuphandwa eklasini (enokuphandwa ezincwadini).

3. Utitshala nabafundi bachonga umbuzo omnye abaza kuwuphanda. 4. Utitshala nabafundi baxoxa ngoku kulandelayo:

• Izixhobo/imathiriyeli efunekayo • Yintoni eza kuqatshelwa okanye eza kumetwa okanye eza kuqokelelwa ngabafundi? • Baza kuqwalasela kangaphi okanye bathathe imilinganiselo kangaphi abafundi? • Zeziphi izixhobo zokumeta ezidingekayo? • Baza kuyibhala phi imilinganiselo yabo? (besebenzisa eyiphi ifomathi) • Amanyathelo okhuseleko.

LO1 AS1 : PLANANI QAPHELA: Le inxalenye mayenziwe ngabafundi Yintoni esifuna ukuyifumanisa?

1. Isihloko / into yendalo eza kuphandwa (bhalani) 2. Umbuzo wophando (bhalani) 3. Cingela iziphumo zophando lwakho. (Bhala: ndicinga ukuba kuza kwenzeka oku... ngoba…..)

LO1 AS2 : YENZANI UPHANDO NIQOKELELE ULWAZI C. Yintoni ekufuneka siyenzile ukufumana ulwazi?

1. Bhalani phantsi onke amanyathelo ekufuneka niwalandele ukwenza uphando. 2. Sebenzisani izixhobo ukwenza inkqubo efanelekileyo (fumanisani ngeemathiriyeli, qwalaselani

okwenzekayo okanye nimana nithatha imilinganiselo, njl njl). 3. Bhalani phantsi enikuqwalaseleyo nenikumetileyo ngendlela efanelekileyo (kwitheyibhile, kumzobo,

njl njl.). LO1 AS3 : PHONONONGANI ULWAZI ENILUFUMENEYO NICHAZE IZIPHUMO D. Ingaba iziphumo zisixelela ntoni?

1. Nikani ingxelo ngento eniyenzileyo. 2. Cacisani ukuba nifunde ntoni (bhalani, zobani, phendulani imibuzo). 3. Thathani isigqibo sokuba ingaba uphando lwenu luwuphendule na umbuzo wenu ngokukuko okanye

hayi. (bhalani) 4. Thathani isigqibo sokuba ingaba la nto beniyicingele ibe yiyo na okanye hayi. (bhalani) 5. Ingaba ninayo na eminye imibuzo emitsha efuna ukuphandwa? (bhalani) 6. Nikani imizekelo yento eqhelekileyo eniyifundileyo kolu phando.

Page 62: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

- 59 -

Isixhobo sovavanyo sophando lweNzululwazi yezeNdalo Umongo : ________________________ Isihloko_____________ UMSEBENZI WOVAVANYO ________________________________

Uhlobo loVavanyo: UPHANDO LOBUNZULULWAZI: lweBakala 5 NS LO 1 AS 1 Isicwangciso Izimvo zakho: Umfundi ukwazile ukubonelela ngolwazi ebesele enalo Umfundi ukwazile ukuchonga umba wophando Umfundi ukwazile ukuchaza ezinye zezixhobo ezifunekayo Inqaku li-1 kumba ngamnye = Amanqaku ama-3

Izimvo zakho:

LO1 AS2 Ukwenza uphando

Abafundi bakwazile ukulandela imiyalelo ngokunokwabo nangokukhuselekileyo Amanqaku ma-3

Abafundi bakwazile ukulandela imiyalelo ngokukuko xa bencediswa ngutitshala Amanqaku ma-2

Abafundi abakwazanga ukulandela imiyalelo sele bencediswa ngutitshala Inqaku li-1

Umse-benzi awenzi-wanga 0

Bakwazile ukwenza imilinganiselo eneenkcukacha neyiyo benza neengqwalasela ngokunokwabo Amanqaku ma-6

Bakwazile ukwenza imilinganiselo eneenkcukacha neyiyo benza neengqwalasela bencediswa ngutitshala Amanqaku ma-4

Abafundi abakwazanga ukwenza imilinganiselo eyiyo neengqwalasela sele bencediswa ngutitshala Amanqaku ma-2

Umse-benzi awenzi-wanga 0

LO1 AS3 Uphono-nongo

Bakwazile ukucacisa ngokupheleleyo ngenkqubo abayilandeleyo (bebhala, bezoba yaye belebhelisha) Amanqaku ma-5

Bakwazile ukucacisa ngenkqubo abayilandeleyo bencediswa ngutitshala (bebhala, bezoba yaye belebhelisha) Amanqaku ma-3

Abafundi basokole ukucacisa ukucacisa ngenkqubo abayilandeleyo (bethetha, bebhala, bezoba yaye belebhelisha) Inqaku li-1

Umse-benzi awenzi-wanga. 0

Bakwazile ukucacisa ngokupheleleyo ngento efundiweyo bengancediswa ngutitshala bakwazi nokuluhlanganisa olu lwazi nezinye iimeko Amanqaku ma-6

Bakwazile ukucacisa ngento efundiweyo bencediswa ngutitshala Amanqaku ma-4

Abafundi abakwazanga ukucacisa ngento efundiweyo, abayilandelanga into ephandwayo Amanqaku ma-2

Umse-benzi awenzi-wanga. 0

Umfundi ebeziphethe kakuhle. Umsebenzi wenziwe ngenyameko. Umsebenzi wenziwe cocekileyo. Ihafu yenqaku kumba ngamnye = Amanqaku ewonke ma-2: _ Umfundi uye wacoca akugqiba.

Amanqaku ewonke ngama-25:______ Utitshala: _______________ Umhla: ___/___/2009

Page 63: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

- i -

ICANDELO LESI-4: UBUCHULE BOKUFUNDA NOKUBHALA NGEZENZULULWAZI

Uluhlu lweenkcazelo

A Absorbed energy: Amandla afunxiweyo: kuxa amandla efunyenwe / efunxiwe okanye ongeziwe kwinkqunto okanye entweni. Adapted: Ukulungiselela imeko ethile: izityalo nezilwanyana eziguqukileyo zisenzela ukumelana neemeko zelo xesha. Atmosphere: I-atmosferi: (ngumoya) umxube weegesi ezijikeleze iplanethi. Axis: I-Asi: iyintsika yengqikelelo ekukholelwa ukuba umHlaba uyayijikeleza.

B Balanced diet: Ukutya okunesondlo: kukutya okuqulathe izakhamzimba ezibalulekileyo ngokwemilinganiselo echanekileyo kuqinisekiswa ngezempilo. Biodiversity: Iintlobo-ntlobo zezityalo nezilo eziphilayo: “u-bio” uthetha” “ubomi”; “u-diversity” uthetha “iintlobo-ntlobo ” oko kukuthi: iindindi ngeendidi zezinto eziphilayo (izityalo nezilwanyana). Boiling point: Iqondo lokubila: liqondo elijika ulwelo lube yigesi / ngumoya. Boiling water: Amanzi abilayo: ngamanzi atshisiweyo ada anamandla aneleyo wokuba angaguquka amanzi la abe yigesi / ngumoya. Breathing: Ukuphefumla: sisenzo sokuwubizela ngaphakathi kuwe umoya one-oksijini nesokuwukhuphela ngaphandle umoya onekhabhon-dayoksayidi. Breed: Ukuzala: kukuvelisa kwakhona.

C Carbohydrates: Izakha-mzimba / iikhabhohayidrethi: kukutya okusebenza njengowona mthombo wamandla kwisondlo. Iswekile, istatshi neeselulo zonke zizakha-mzimba. Carnivores Izidla-nyama eziqwengayo: izilo eziphila ngokutya ezinye. Carpel / pistil: Ipistili / isizalo sentyantyambo: siqulathe isamkeli-mungu, inxalenye yesiyilelo-maqanda esingumcu omde nonciphileyo kunye nesiyilelo-maqanda. Catastrophic events: Izihelegu / iziganeko ezikhwankqisayo: ziziganeko zokufa okanye zezo zityhutyhela kwiindawo ezininzi (umzekelo: izikhukula). Catchment area: Ummandla wokuhlanganisa amanzi emvula: yindawo yendalo apho amanzi emvula ahlanganela khona, njengemigxobhozo, amachibi / amaqula njalo-njalo. Categorise: Ukwahlula ngokweendidi: ukuhlela / ukuzibekela bucala izinto ezinembonakalo / okanye ezineempawu ezifanayo. Ceramics: Iiseramikhi: ziimveliso ezenziwe ngodongwe olubhakiweyo / olutshisiweyo, imizekelo: ziikomityi zaseTshayina, ziingqayi zokugcina iintyatyambo, ziithayile. Ezi zitya zomelele, zingaqhekeka, zinesandi esibukhali, zihlala ixesha elide, amanzi awangeni kuzo azivuzise. Circuit:

Page 64: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

- ii -

Isekethe: yindlela ejikelezayo yombane osuka kwijelo lawo uye kwisixhobo esiwusebenzisayo, kwakhona uphinde ubuyele kwijelo elo. Umbane awusayi kutyhutyha xa ungatyhutyhanga ngokupheleleyo kwindlela yawo. Classes of materials Iindidi zezixhobo ezisetyenziswayo – imicu / iintsinga, glasi, iiseramikhi, ipolimasi (iiplastikhi), iphepha, umthi, isinyithi. Classify: Ukuhlela: Ukulungelelaniswa kweemveliso okanye kwezinto eziphilayo zibe ngamaqela anxulumeneyo ngokweempawu azifana ngazo. Clay: Udongwe: ngamasuntwana (athambileyo) amatye (maxa wambi abomvana, amfusa okanye amhlophe ngebala). Udongwe luyawagcina amanzi yaye luncangathi xa lumanzi. Clayey soil Umhlaba oludongwe: ngumhlaba onawona masuntswana maninzi aludongwe. Climate change: Inguquko kwimozulu: ziinguquko zemozulu ezithatha ixesha elide emimandleni yemozulu emHlabeni. Climate: Imozulu: ziimeko zemozulu eziqwalaselweyo kwenziwa umlinganiselo wazo wexesha elide emmandleni othile. Coal: Amalahle: zizibaso zeziqina eziguquke zangamatye nezakheke ematyeni enziwe ngentlenga, zivela kwintsalela yezityalo zakudala. Combustion: Ukutsha: ukuvutha komlilo okuquka i-oksijini, izibaso nobushushu. Condensation: Ukujiyisa: kuxa umphunga (oyigesi) upholayo ukuze uguquke ube lulwelo. Condenses: Iyajiya: xa igesi ipholayo (ilahlekelwa bubushushu) ukuze iguquke ile lulwelo. Constellation: Isinkwenkwezi: ziingqimba zeenkwenkwezi ezibonakalayo kosemHlabeni. Le ngqimba ibonakala ihleli ndawonye, kodwa iyazwabuluka icande isibhakabhaka ngeli xesha uhambayo nomHlaba. Consumer (herbivores, carnivores and omnivores): Idlakudla: (isidla-magqabi, isidla-nyama nesidla-konke): sisidalwa esiphila ngokutya ezinye ngokomjikelo wezinto ezityiwayo. Crops: Izityalo: zizityalo ezilinywe zazininzi kusenzelwa ukuba zityiwe okanye kukho ezinye iinjongo. Crude oil: I-oyile ekrwada: isibaso esiqine kakhulu nesakheke ematyeni enziwe ngentlenga evela kwintsalela yezilo zaselwandle zamandulo. Distillation: Uhlalutyiso: ukwenziwa kohlalutye ngokutshiswa kwezinto ezinyibilikileyo ukuze isinyibilikiso esimanzisiweyo sijike sibe ngumphunga.

D Decomposer: Isibolisi: into eyahlula izityalo ezifileyo kunye nezilo ezifileyo zibe ngamacandelo abolayo. Degree Celsius (ºC): IQondo lesazi ngeenkwenkwezi esinguCelsius (ºC): liyiyunithi yokulinganisela amandla obushushu. Deposition: Ukubekwa / ukuhlaliswa: kuxa amasuntswana omhlaba akhukuliswayo okanye aphaphathekiswayo ukuze ayokubekwa kwenye indawo. Diabetes: Isifo seswekile: yimeko ephazamisayo ngoba umzimba awukwazi kuwagcina ngendlela eqhelekileyo amanqanaba eglukhozi esegazini.. Digestion: Umetyiso: kuxa ukutya okusemzimbeni kusenziwa amasuntwana eembumba bubushushu kunye nokufuma.

Page 65: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

- iii -

Digestive System: UmXokomezelo woMetyiso: lawo ngamalungu aphakathi emzimbeni ancedisayo ekwenzeni ukutya kube ngamasuntswana eembumba bubushushu nokufuma; le nkqubo ibandakanya umlomo, amadlala akhupha amathe, umbizo, isisu, isibindi, injeke, ithumbu elincinci nelikhulu. Dissolve: Ukunyibilika: kuxa into ixutywa kulwelo ukuze ibonakale inyamalele phakathi kolo lwelo, lilonke ayinakube ibonwe. Ukubiliswa kolwelo nokulujiyisa: kuxa ulwelo lusitsha ukuze luveze umphunga. Emva koko ulwelo olo luyajiyiswa ngokulupholisa ukuze lube lolusulungekileyo..

E Earth materials: Iinkqunto zomHlaba: ngumoya, ngamanzi, ngamatye nomhlaba. Earth year: Unyaka wasemHlabeni: ixesha lokuba umHlaba wenza umjikelezo wawo eLangeni (indlela yesijikelezi-langa) kangangeentsuku (ezingama-365 nekota yosuku). Ecosystem: Inkqubo yokuphilisana kwezidalwa: Ukuphilisana kwendalo ndawonye kubandakanya izidalwa eziphilayo nezinezingaphiliyo nendlela ezisebenzisana ngayo, nezi zidalwa ziphila njengabemi abazizityalo, izilwanyana nokunye nokuzizinambuzane okulapho. Eggs: Amaqanda: ebantwini ezi ziiseli zokuzala. Electricity: Umbane: ulijelo lesibini lamandla (uphuma komnye umthombo ofana namalahle), umbane usetyenziswa njengejelo lezixhobo esisebenzisa amandla ombane. Energy gain: Ukongezwa kwamandla: kwenzeka xa inkqunto ifunxa amandla amaninzi ngoba ingqongwe ziimeko zobushushu. Energy loss: Ukulahleka kwamandla: kwenzeka xa inkqunto ikhuphela ngaphandle amandla ayo ngoba ingqongwe kukuphola. Energy sources: Imithombo yamandla: lijelo eliwagcinayo okanye elinikezela ngamandla athile (umzekelo: ibhetri, amanzi ehla phezulu njengawengxangxasi). Amanye amajelo abandakanya amand;a agciniweyo eekhemikhali okanye awezixhobo zokusebenza, umzekelo: iiseli zombane, umtya welastikhi otsaliweyo okanye osongelweyo, wumthi, amalahle, i-oyile njalo-njalo. Eminye imithombo yamandla sele ishukuma yaye intshukumo yayo isetyenziswa njengamandla, umzekelo: amanzi ehla ngamandla, amaza ashuku-shukumayo, umoya (oshukumayo), njalo-njalo. Energy transfer systems: Iinkqubo zokudluliswa kwamandla: yinkqubo eyenziwe ngamacandelo amabini nangaphezu koko edlulisela (egqithisa) amandla asuka endaweni enye asiwe kwenye, umzekelo: unjikelo weendidi zezityo, isekethe yombane, inkqubo yokuphilisana kwezidalwa zonke, njalo-njalo. Energy transfer: Ukudluliswa kwamandla: xa amandla edluliswa ukusuka kwicandelo elinye asiwe kwelinye icandelo lenkqubo. Energy transformation: Uguqulo lwamandla: kumaxa amandla eguqulwa esuswa kwisimo esithile esisiwa kwesinye, umzekelo: amandla ombane ayaguqulwa abe kukukhanya okubonakalayo kwibhalbhu. Energy: Amandla: ayafuneka ukuze isebenze yonke into, kubekho intshukumo okanye impilo. Environment: Okusingqongileyo: imo esirhangqileyo yokuphila nokungaphili echaphazela izidalwa eziphilayo. Erosion: Ukhukuliselo: ukumka komhlaba okanye kwamanye okuthatha iminyaka emininzi nokubangelwa ngumoya, ngamanzi, njalo-njalo. Evaporate: Inguquko yolwelo: Kumaxa lutshayo ulwelo ukuze luguquke lube yigesi.

Page 66: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

- iv -

Evaporation Inkqubo yoguquko lolwelo: yinkqubo yokujika kolwelo (umzekelo; kwamanzi) abe yigesi (engumphunga). Excretion: Umgutyulo: kukususwa kwezinto ezingafunekiyo yinguqulo yokutya emzimbeni (ukubila nomchamo), oko kwenzeka kwisidalwa esiphilayo.

F Factors affecting solubility: Iimeko ezichaphazela unyibiliko: Sisenzo sokunyibilikisa into msinyane okanye kuthathwe ixesha elide kulwelo ngenxa: yezihlandlo zokuluzamisa, ngeqondo lobushushu bolwelo; ngobungakanani bamasuntwana esiqina; ngobungakanani besiqina xa buthelekiswa nobolwelo. Fats and oils: Amafutha nee-oyile: kukutya (i-oyile yomnquma, ibhotolo, amafutha enyama) asebenza njengomthombo wamandla nalondoloza amalungu omzimba afana nemithambo-luvo. Fertilization: Ukuqhamisa, ukuchumisa: kukuhlanganiswa kweeseli zamalungu enzala kwiduna nemazi ukuze kuvele isidalwa esitsha. Flexibility: Ukuthamba / ububhethe-bhetye: ukukwazi ukugoba / ukuyitshintsha imilo kungekho nto yaphukileyo. Food chain: Umjikelo kwizidalwa ezityayo: lo mjikelo wezityo ubonisa ukuba ‘ngoobani abatya oobani’ kwindawo yezidalwa eziphila kunye; ukulahleka nokongezeleleka kwamandla phakathi kwezidalwa eziphilayo. Luluhlu lwezidalwa ekudluliselwa kuzo amandla avela ekutyeni kwindalo eziphilelayo. Food pyramid: Isazobe esimalunga nokutya simile okwephiramidi: esi sazobe sisikhokelo seendidi zawona maqela atyayo, sinemilinganiselwa yokutya ekucetyiswayo ukuba makutyiwe njengesidlo esinesondlo. Forms of energy: Iindidi zamandla: umzekelo: kukukhanya, sisandi, bubushushu, ngumbane, yintshukumo. Fossil casts: Iindidi zezinto ezaziphila mandulo: zizikopi ezinemilinganiselo emithathu yamalungu ezityalo okanye yezilo ezaziphila mandulo nezajikayo zaba ngamatye. Lo msebenzi wenziwa ngabaphandi. Fossil fuels: Izibaso zezinto ezaziphila mandulo: yi-oli ekrwada, ngamalahle negesi yemvelo, (zakheka kwintsalela eyajika yaba ngamatye evela ezityalweni nasezilwanyaneni). Fossilisation: Imizila yezinto zamandulo: Imizila yeempuphu zezilo okanye eyamagqabi eyabhalekayo eludakeni olwaqina kwakudala-dala lwaza lwaguquka lwaba ngamatye. Fossils: Ukwakheka kwentsalela yamandulo eyaba ziziqina: Yindlela yokwakheka kwentsalela yezityalo nezilo zakudala. Iikhemilkhali eziphilayo zesilo essafayo okanye yezityalo, endaweni yale ntsalla kubakho iikhemikhali ezingaphiliyo neziqinisa umzimba ngokwelitye. Fossil imprints: Iifosili / iziqina zamandulo: yintsalela yezilo neyezityalo ezazilondolozwa kwasekuqaleni phakathi ematyeni amakhulu. Fuels: Izibaso: zingumthombo wamandla (kudla ngokufuneka sizitshise ukuze kuvele amandla obushushu). Full moon INyanga ezeleyo: yimbonakalo yeNyanga ezeleyo esemelhweni ethu (xa iNyanga isisazinge), oku kwenzeka kumgama omalunga nesiqingatha phambi kokuba iNyanga iwugqibe ngokupheleleyo umjikelo wayo

G Galaxy: Umnyele wesibhakabhaka: yingqumba yeenkwenkwezi, yeeplanethi, yeegesi neyothuli olusemajukujukwini. Gas: Igesi: yimeko yenkqunto equka amasuntswana ahamba ngephanyazo aze athi saa, imo yegesi ayisoloko iyinto enye.

Page 67: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

- v -

Germination: Ukuntshula: imbewu iyantshula xa iqalisayo ukukhula, emazantsi kubekho ingcambu yokuqala kunye nesihluma. Glass: Iglasi: iyimveliso eyenzeke ngesanti enyibilikisiweyo yaza yaxutywa nelitya lekalika kesodiyam khabhonethi. Iimpawu zeglasi: iqinile / ilukhuni, ingaqhekeka / ingantlekeka, inwesandi esibukhali, ihlala ixesha elide yaye amanzi awangeni kuyo, inkumnkum, umntu uyabona ngaphaya kwayo. Global warming: Ukufudumala okuchaphazela ihlabathi lonke: kukunyuka kweqondo lobushushu ehlabathini jikelele, ngenxa yamandla emitha yelanga ebambeke ndawonye, unobangela ziigesi ‘ezivela kwizindlu ekukhuliselwa kuzo izityalo’. Ezinye iziphumo zokufudumala kwehlabathi lonke zezi: kukunyibilika komkhenkce osezincamini zomhlaba, kukunyuka komgangatho wolwandle nenguquko kwimozulu. Greenhouse effect: Impembelelo yendlu ekukhuliselwa kuyo izityalo: kulapho iigesi zale ndlu ziwabambisayo amandla emitha yelanga kwi-atmosferi. Greenhouse gases: Iigesi zendlu ekukhuliselwa kuyo izityalo: ziigesi (ezifana nekhabhon-dayoksayidi, igesi yomgodi wamalahle kunezinye), ubushushu ziyabufunxa zize zibuvalele kwi-atmosferi yomHlaba yaye zinganguyena nobangela wobushushu obugqiba ihlabathi lonke.

H Habitat: Ikhaya / Isikhundla: yindawo ekhethekileyo yezidalwa eziziphilelayo nezisebenza kunye, kulapho izityalo nezilwanyana ziphilayo zize ziqhame. Hardness: Ukomelela / ukuba lukhuni: ukukwazi ukumelana nokubhudlwa komzimba ziinkxwaleko / nokudleka komzimba. Hazardous: Ukuba nobungozi: zizinto okanye ziimveliso ezinganobungozi empilweni nezinakho ukuyonakalisa indalo esingqongileyo. Heat conduction: Ukwamkelwa kobushushu: yindlela imveliso ebuvumela ngayo ubushushu ukuba bufike yaye bugqithe nakuyo. Heat insulation: Ukuthintelwa kobushushu: yindlela imveliso ewathintela ngayo amandla obushushu ukuba ngafiki aze agqithe ngaphaya kwayo. Heating wires: Iingcingo ezitshisayo: lucingo oluthile olutshisayo xa kudlula kumo umsinga wombane. Umzekelo: zifunyanwa kwii-ayini, kwizifudumezi, koomatshini abagcina amanzi eshushu (kwiigiza) naseziketileni zombane. HIV/AIDS patients : Izigulana ezinentsholongwane i-HIV /noGawulayo: ngabantu abasulelweyo yintsholongwane i-HIV Human Immuno-deficiency Virus (HIV); eyenza umzimba ungakwazi ukuzikhusela kwizifo, Hydrosphere: IHayidrosferi: (ngamanzi nomphunga), yinxalenye yomHlaba eyenziwe ngamanzi.

I Igneous rock: Ilitye lentaba-mlilo: lilitye elakheke ngenxa yobushushu obugqithisileyo, nangokwenziwa iziqina kwamasuntswana omhlaba aphuma kwintaba-mlilo. Indigenous knowledge Ulwazi lwemvelo: lulwazi olufumanayo elizweni ozalelwe kulo. Indigenous Ukuba yinzalelwane: ukukhulela ekhaya, imvelaphi yakho ikulo, ukuzalelwa endaweni, ukukhula ngokwemvelo yalapho. Infiltration: Ukungena okungabonwayo: ukutyhutyhela kwamanzi emhlabeni nasematyeni ankumnkum kuba eneentunjana.

Page 68: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

- vi -

Insoluble substances: Iimveliso ezinganyibilikiyo: azinyamalali xa zixutyiweyo kulwelo (umzekelo: amagqabi eti okanye amasuntswana esanti asemanzini). Interdependence Ukuxhomekeka: izidalwa eziphilayo iseso sixhomekeke kwesinye ukuze siphile. Ziyancedana ngokubonelelana ngokutya, ngendawo yokuhlala, njalo-njalo. Invertebrates: Izilwanyana ezingenamqolo: (izinambuzane, iintshulube, izilwanyana ezingenamathambo nezinokuba namaqokobhe, izilwanyana ezinamaqokobhe, uhlobo lwezigcawu, oonomadukudwane, amakhalane; amasongololo nezinemilenze emininzi izinambuzane / izilwanyana), inkoliso yezi zilwanyana inobugoxo bamathambo (obungaphandle).

J Joints: Iijoyinti: Apha ebugoxweni bamathambo le yindawo ekudibana kuyo amathambo amabini. Iijoyinti zizo ezivumela intshukumo.

K Kilojoules (kJ): Ii-Kilojoules (kJ): iyunithi yokulinganisela amandla kuthiwa yi-Joule (J). i-kilojoule yenziwa zezili-1000 ii-Joules. Kinetic energy (movement energy): Amandla entshukumo (amandla okushukuma): ngamandla asezintweni ezishukumayo okanye asemasuntswini, yimithombo yamandla ehambayo: umzekelo: ngumbane, ngamanzi ehla ngamandla, ngumoya.

L Landforms: Imbonakalo yeempawu zomhlaba: ziimpawu zemvelo ezikumphezulu womHlaba, umzekelo: ziintaba, yimilamboziintili, njalo-njalo. Length of day: Ubude bemini: linani leeyure zasemini ukususela ekuphumeni kwelanga lide liyokutshona. Length of night: Ubude bexesha lasebusuku: linani leeyure ukususela ekutshoneni kwelanga lide liphume. Life processes: Intlalo yobomi: kuko konke okwenziwayo zizidalwa eziphilayo: zinentshukumo, ziyazala, zinemithambo-luvoziyakhula, zinomgutyulo, ziyaphefumla, ziyazondla. Ligament: Umsipha: yinyama edibanisa amathambo ngokuqinileyo kwindawo adityaniswa kuyo. Liquid: Ulwelo: luyimo yenkqunto; amasuntswana olwelo ahamba ngokunxulumeneyo, angagalelwa, athatha imilo yenkonkxa akuyo, ayasizalisa isithuba akuso, amasuntswana olwelo ayagudlana nangona elinye lithe qelele kwelinye kunokuba enjalo aweziqina. Lithify: Ukuhlanganiswa nokuzinziswa kwentlenga: ukuguqula amasuntswana entlenga abe lilitye eliqinileyo. Lithosphere: ILithosferi: (ngamatye nomhlaba) ngumcwe osisiqina womHlaba onalo nokhoko. Loamy soil: Umhlaba ongumadakana: ngumhlaba osemgangathweni ophakamileyo owenzeke ngokuxubana kwesanti, kwentlenga yomhlaba, kwamasuntswana odongwe nomgquba, (okubolileyo okuphuma kwizityalo nakwizilo). M Magnetism: Ubutsalane: yindlela iimveliso ezitsaleka okanye ezingatsaleki ngayo xa zijongene nesitsalane.

Page 69: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

- vii -

Materials Imathiriyeli: inkqunto esisiqina yahlulwe yangamaqela, umzekelo: isinyithi, iiseramikhi neeplastikhi, njalo-njalo; ezo ziziqina ezincedayo ekwenzeni iimveliso eziluncedo. Mating: Ukudibana ngesondo: xa kudibana isidalwa esiliduna neso siyimazi zohlobo olunye, iinjongo yeyokuba inkunzi le mayifake amadlozi ayo emzimbeni wemazi ukuze kuchume amaqanda emazi. Matter: Inkqunto: yiyo nantoni na enobunzima, ethatha indawo; nantoni na elapha emHlabeni naseHlabathini liphela yenziwe ngenkqunto. Inkqunto yenziwe ngee-atom. Measuring weather: Ukumeta imozulu: i-thermometer ilinganisela iqondo lobushushu, umlinganiselo womoya ujongene nesantya ohamba ngaso umoya kunye necala oya kulo, isixhobo sokulinganisela imvula sixela ubungakanani bemvula enethileyo. Mechanical systems: Oomatshini : oomatshini abanamacandelo amabini okanye angaphezu koko ashukumayo, umzekelo: iintsimbi zenjini ezishukumayo. Melting ice: Umkhenkce onyibilikayo: umkhenkce uyanyibilika xa ufumana amandla aneleyo okuguquka ube lulwelo. Melting point: Iqondo lonyibiliko: liqondo lobushushu apho isiqina siguqukayo sibe lulwelo. Melting: Ukunyibilika: ukuguquka kwemo yenkqubo ebisisiqina ijike ibe lulwelo, unobangela woko idla ngokuba ngamandla obushushu. Metals: Isinyithi: ziimveliso ezikuvueleayo ukutyhutyha kombane nobushushu, umzekelo: yikopolo, yitin, yisilivere, yigolide, ilothe, njalo-njalo. Siyakhazimla, siqinile/ silukhuni, siyakhandwa / siyaqheliswa, ziimveliso ezisulungekileyo ezifana ne-ayini, ikopolo, igolide nesilivere Isinyithi kwenziwa ngaso iimveliso ezifana nezikhonkwane, nemibhobho, nezixhobo zokulola , neerula zokulinganisela. Metamorphic: Ukuguquka kwemilo: kwenzeka ematyeni aye aguquka ngokweempawu zomphezulu wawo, ngokwembonakalo okanye ngokwemiqondiso ekuwo neempawu. Mixtures: Imixube: zizinto ezimbini okanye ezingaphezu koko ezixutyiweyo nezinokuphinda zahlukaniswe. Movement of heat energy: Intshukumo yamandla obushushu: Amandla asoloko ehamba esuka kwindawo / kwinto efudumeleyo ukuze aye apho kupholileyo. Muscles: Izihlunu: yinyama yomzimba erhwaqelayo nengunobangela wentshukumo, umzekelo: inkonyana, isihlunu esineendidi ezintathu.

N Natural disasters: Intlekele yendalo: ziziganeko ezifana neenyikima, iintaba-mlilo, imbalela egqubayo, njalo-njalo. Natural fibres: Imicu yemvelo: mide, ithambile / ibhetyebhetye, iziintsinga ezomeleleyo ezivela ezityalweni nakwizilwanyana, umzekelo:t emithini nasemaphepheni, kumqhaphu, kwiwulo, empahleni ekulalwa kuyo, njalo-njalo. Natural gas: Igesi yemvelo: sisibaso sakudala esiqinileyo esakheke ematyeni enziwe ngentlenga yentsalela yezityalo zaselwandle nezilwanyana, ifunyaniswa inxulumene ne-oli ekrwada. New Moon: INyanga eNtsha: eli xesha leNyanga libakho xa iNyanga ingakhanyiswanga ngokuthe ngqo yimitha yelanga, ingabonakaliyo nasemehlweni. INyanga eNtsha idla ngokwenza umqondiso wokuqaliswa komjikelo omtsha weNyanga. Nuclear Energy: Amandla eNyuklera: luhlobo lwamandla akhutshwayo ziimveliso ezisasaza imitha ebangelwa kukuqhekeka kwee-atom, umzekelo: yiyureniyam neplutoniyam.

Page 70: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

- viii -

Nutrients Izondlo: zizinto ezisekutyeni kwethu ezisibonelela ngesondlo: iikhabhohayidrethi, iiprpthini, iivithamini neminerali, amafutha ne-oyile.

O Orbit: Indlela yesijikelezi-langa: yindlela esetyenziswa yiplanethi nganye xa ijikeleza iLanga. Yindlela esetyenziswa yiNyanga xa ijikeleza iLanga. Organisms: Izidalwa: yiyo nayiphi na into ephilayo, umzekelo: zizilwanyana nezityalo. Ovary and uterus and vagina: Isiyilelo-maqanda, isibeleko / isizalo, ubuntombi / ubufazi: ngamalungu okuzala kwizilo eziziimazi. Ovule: Indawo eneseli yeqanda: ineeseli zokuzala kwemazi yesityalo esneetyatyambo.

P Paraffin: IParafini: ingumthombo wamandla kwikhaya losapho: sisibaso esilulwelo esisetyenziselwa ukupheka ukutya. Xa iparafini idibana nomlilo ngengozi, amadangatye ayo aba shushu kakhulu yaye kunzima ukuwalawula. Penis and testes Ubudoda / incanca kunye namasende: lawo ngamalungu okuzala kwenkunzi ezilwanyaneni. Phase change: Ukuguquka kwemo: ukuguquka kusukwa kwenye imo kuyiwe kwenye (kwiziqina, kulwelo, kwiigesi). Phases of matter: Izigaba ezahlukeneyo zenkqunto: ziziqina, lulwelo neegesi. Ubushushu buyayiguqula imo ukususela kwisiqina sijika sibe lulwelo, ukusuka apho ulwelo luyajika lube yigesi, ukuze igesi iphole, (ilahlekelwe bubushushu), eso simo siyayiguqula imo yenkqunto. Phases of the Moon: Iimo zeNyanga: xa ibonwa ngumntru osemHlabeni, imbonakalo yeNyanga iyaguquka ngokomjikelo Emva kwexesha elithile, oko kukuthi: iba yinyanga ezeleyo, iba yinyanga entsha, yinyanga enesifombo, yikota yenyanga. Photosynthesis: Ifotosinthesisi: ukuguquka kwekharbhon-dayoksayidi okwenziwa ngeklorofili nelanga ibe ziikhabhohayidrethi, kubakho namanzi okwenza ukutya. Pistil / carpel: Ipistili: Licandelo lentyatyambo eliyimazi, liquka isamkeli-mungu, uluthi olunciphileyo oluyinxalenye yesityalo kunye nesiyilelo-maqanda. Pitch: Ukutshintsha kwelizwi: izandi eziphezulu nezisezantsi. Oonobumba bomculo banezandi eziphezulu (isandi esinyukileyo) okanye esisezantsi (isandi esiphantsi). Imo yelizwi ixhomekeka emoyeni ohlokomayo entweni okanye kwisixhobo somculo; xa ikhawuleza intlokoma, kokukhona sinyukayo isandi selizwi. Planets: Iiplanethi: zizinto ezisemajukujukwini iyileyo ihamba ngendledlana yayo xa kujikelezwa inkwenkwezi. Pliable: Ezibhetyebhetye / ezithambileyo: yinto enokuqengqwa okanye igotywe ibe yisoseji kunye / okanye ibe nemilo yesazinge. Pollen: Umungu: uneeseli zokuzalisa kwenkunzi esityalweni esiphuma iintyatyambo.. Pollination: Uvuvuzelo: kuxa umungu ususwa kwiqabane eliyinkunzi (kwi-stameni) usiwa kwicandelo lemazi (eliyipistili) yesityalo. Polymers (plastics and natural fibres):

Page 71: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

- ix -

Iipolimasi (iiplastikhi neentsinga zemvelo: iimoletyhuli ezinde nezidityanisiweyo ezenziwe ngezincinane nezininzi ziyadityaniswa, umzekelo: iiplastikhi, irabha, imicu yezityalo, uhlobo lwepolimasi olusebenza njengeeplastikhi, njalo-njalo. Iipolimasi zithambile / ziyalawuleka, zizithinteli-bushushu kunye nombane ezomeleleyo, zihlala ixesha elide, ziyavutha xa zitshiswayo. Ezinye iiplastikhi umntu angabona ngaphaya kwazo, ezinye ziwenza mfiliba umboniso, (akunakubona ngaphaya kwazo). Potential energy (stored energy): Amandla anokusetyenziswa (amandla agciniweyo): ngamandla aselugcinweni nanakho ukusebenza xa ekhululwe, umzekelo: kwiibhetri, kwiiseli, kwizangqa zelastikhi, kwiikhemikhali, kwizibaso, njalo-njalo. Precipitation: Ukunetha: Kumaxa amanzi ehla phezulu awele emHlabeni njengemvula, iqabaka, iliqhwa, isichotho nombethe. Herbivores: Abalawuli / abasebenzisi bokuqala (izidla-magqabi): Zizilo ezidla amagqabi ezityalo. Producer: Umvelisi Sisidalwa esiphilayo (umzekelo: sisityalo), kumjikelo wokuqala wokuba sisitya udidi lwezityo, akukho mfuneko yokuba sityiswe, kuphela siyazenzela ngokwaso ukutya.. Properties of soil: Iimpawu zomhlaba: Bubungakanani bamasuntswana omhlaba, ngumbala wawo, uthambile na okanye urhabaxa xa uphethwe ngesandla, ivumba lawo kunye nokuthi kulula na ukuwusebenzisa okanye ulukhuni. Properties: Iimpawu Ijongeka njani le nkqunto? Lukhona uvakalelo xa kusetyenzwa ngayo? Umzekelo: ukuthamba / ububhethebhetye bayo, ukuba lukhuni kwayo, irhabaxa okanye ithambile, umbala nokuba iyanyibilika na, njalo-njalo. Proteins: Iiprothini Zikukutya okusetyenziselwa ukwakha umzimba. Yinyama, yintlanzi, ngamaqanda, ziimbotyi kanti neenqoba zinazo iiprothini.

R Rainfall: Ubuninzi bemvula Ngumlinganiselo wokunetha kwemvula emmandleni ngexesha elithile. Reflected light: Ukukhanya okubonakalisiweyo Ngamandla okukhanya agaxeleka kwinkqunto aze aphinde abuyele emva. Relative motion: Intshukumo ethelekisiweyo Umzekelo: ukuhamba komHlaba ngokunxulumeneyo neLanga – xa umHlaba ulijikeleza iLanga. Kukuhamba kweNyanga ngokunxulumeneyo nomHlaba – iNyanga iyawujikeleza umHlaba, njalo-njalo. Relative Position: Isikhundla nemo efanelekileyo: Yindawo elikuyo iLanga, iNyanga nomHlaba ngokwendlela ezinxulumene ngayo ehlabathini, umzekelo: iLanga lisembindini wezijikelezi zalo, yaye iiplanethi ziyalijikeleza iyileyo isebenzisa indledlana yayo ngokwemigama emiselweyo yokujikeleza kweeplanethieLangeni. IiNyanga zijikeleza iiplanethi, ukanti zonke izijikelezi zineendledlana zazo zokulizungeleza zilirhangqe iLanga. Revolution: Uzungelezo ngokwentshukumo Kukuhamba kweplanethi nganye kwindledlana yayo erhangqe iLanga. Kukuhamba kweNyanga kwindledlana yayo erhange iplanethi. Rock particles: Amasuntswana avela ematyeni / amaqhekezana amatye Ngamatye amancinane kakhulu. Rotation: Umjikelezo Yintshukumo yokujikeleza kweeplanethi neenyanga zixhathise ngee-asi zazo zengqikelelo. Runoff: Ukhukuliseko / ukududulwa Ngamanzi emvula angangeniyo emhlabeni nangafunxwayo nguwo. Rust: Umhlwa Sisenzeko esibandakanya inguquko phakathi kwentsimbi (nokuba iphi na) ne-oksijini evela kwi-atmosferi.

S Sand: Isanti Inkudlwana, iyingqakumbana ekhanyayo (ingamasuntswana amatye), njengesanti yentlango naleyo yaselunxwemeni.

Page 72: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

- x -

Umhlaba oyisanti (Sandy soil) : Ngumhlaba onomlinganiselo omkhulu ngokwendlela owaqulathe ngayo amasuntswana ayisanti. Inkwenkwezi ejikeleza enye (Satellite): Yiyo nayiphi na into esenajukujukwini ejikelezayo irhangqe enye. Amaxesha onyaka (Seasons): Lixesha lonyaka elizibonakalisa ngemozulu yalo eyodwa nebalaseleyo, (umzekelo: ubusika, intlakohlaza). Ngabalawuli / abasebenzisi bodidi lwesibini (izidla-nyama okanye izidalwa ezizidlayo nezityalo): Abasebenzisi bezinto abakudidi lwesibini – bazizilo ezitya izityalo nezilwanyana okanye abo batya izilwanyana kuphela. Amatye akheke ngentlenga (Sedimentary rocks): Ngamatye akheke ngeengqimba zentlenga esemanzini. Ukusasazeka kwembewu (Seed dispersal): Kukusasazela imbewu ezindaweni ezahlukileyo. Isahlukaniso (Separation): Yinkqubo apho zahlulwayo iziqina. Kukuvelisa emva komgca wesondo (Sexual reproduction): Kukuveliswa kwesidalwa esitsha ngokubandakanyeka kwabazali ababini. Kubakho uchumiso xa kudityenweyo ngesondo. Ezityalweni kuphuma imbewu emva kochumiso. Intlenga yomhlaba (Silt): Ngamasuntswvana aphuma ematyeni naphantse angumgubo, afunyanwa emhlabeni. Umhlaba oyintlenga / urhexe (Silty soil): Ngumhlaba onomlinganisela omkhulu wamasuntswana ayintlenga. Ubugoxo bamathambo (omntu) [Skeleton-human]: Lukhakhayi, yimihlathi, lithambo lomqolo (ngumqolo), ziimbambo, ngumbalo / umlenze wangaphambili okanye yingalo (ithambo lenkonyana, ithambo lomkhono nethambo langaphakathi elide lengalo), emlenzeni ngemva okanye imilenze (lithambo lethanga, yintungo , lithambo lesiquluba,) amagxa (ligxalaba, yingqosha) ngamahleza, ziinyawo nezandla. Imeko yentlalo: (Social patterns) Zizilo / zizidalwa eziphila zodwa, zizibini, liqela, ziintlobo ezikhethekileyo, yimihlambi, ngumkhosi, ngamathanga. Umhlaba (Soil): Lucwambu olubambekayo olukumphezulu womHlaba, lwenziwe ngomxube wamatye angalinganiyo ngokobukhulu, amatye omhlaba ahlukile, wenziwe ngeenkqunto ezibolileyo zezinto eziphefumlayo. Ubushushu bemitha yeLanga (Solar heating): Kusetyenziswa amandla avela eLangeni kutshiswe amanzi. Ilanga nezijikelezi zalo (Solar System): Ziinkwenkwezi neeplanethi, ziinyanga, zizijikelezi-Langa ezincinane, ziintshakatsholo / ngoonomgca, luthuli olujikeleza eLangeni kunye nazo. Isiqina (Solid): Yinkqunto enemilo engaguqukiyo, sithatha indawo, asinakugalelwa ntweni isiqina, amasuntswana esiqina anamathelene kakhulu. Ukuguquka kwemo yolwelo (Solidification): Xa inkqunto efana namanzi ijika isiba sisiqina. Ukuguqulwa kolwelo luqine (Solidifies) Xa ulwelo lupholayo, (lulahlekelwa bubushushu) luze luguquke lube sisiqina. Ukunyibilika (Solubility): Xa inkqunto ikwaziwa ukunyibilika. Izinto ezinyibilikayo (Soluble substances): Iimveliso ezinyibilikayo (zibengathi zinyamalele) xa zixutywe kulwelo (umzekelo: xa iswekile ixutywe namanzi). Ukukwazi ukunyibilika (Soluble): Kuxa zinokunyibilika izinto ezixutywa nolwelo (umzekelo: yiswekile). Yenza umxube (Solute): Esi sisiqina esixutywe emanzini ngoku kwaphuma umxube. Umxube okhethekileyo (Solution): Ngumxube owodwa apho isiqina, ulwelo okanye igesi ixutywe nolwelo, umzekelo: ngamanzi anetyuwa Isinyibilikisi (Solvent): Lulwelo ekuxutywa kulo isiqina.

Page 73: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

- xi -

Isandi (Sound): Luhlobo oluthile lwamandla olwenziwa yimveliso ehlokomayo. Isandi singatyhutyha kuphela kwinkqunto, (elulwelo, esisiqina, eyigesi). Isandi asityhutyheli kwikhamte (oko kukuthi, apho kungekho moya); isandi siyemka siphuma kumajelo athile, (umzekelo: kunomathotholo / kwireyido, ezandleni eziqhwatywayo, apho kukhalinywayo, njalo-njalo); isandi siya singavakali kakuhle xa sishenxayo kwijelo esiphuma kulo. Imithombo yamandla (Source of energy): Jonga kumajelo amandla. Izidalwa eziluhlobo oluthile (Species): Zizinambuzane ezineempawu ezifanayo nezibonakalayo. Kuphela emva kochumiso zingazala uhlobo olo lwazo kuphela. Amadlozi (Sperm cells): Ziiseli zesidalwa esiyinkunzi kwicandelo ke lezilwanyana. Istameni (Stamen): Lilungu lenkunzi (lokwenza inzala) esityalweni, linala malungu: ubulembu / imisontwana kunye nomqumbi weentyatyambo, (filament and anther). Iinkwenkwezi (Stars): Zizinto ezizele ziigesi phaya emajukujukwini, zizo eziveza amandla. I-STRATA (Strata): Ngumaleko okhoyo kwi-atmosferi nobonakalayo kumatye akheke ngentlenga. Izinto (Substances): Ziindidi zenkqunto ezinakho ukuphila kwindalo okanye ezinokqwenziwa. Ilanga (Sun): Liyinkwenkwezi esembindini wezijikelezi zalo.. Uzinzo (Sustainability): Kukusetyenziswa kobutyebi bemvelo kungonakaliswanga izidalwa eziphila ndawonye zizisebenzela emmandleni wazo. Iiswitshi (Switches): Zizixhobo ezihamba nesekethe yombane, zingayivula, (ziyaphule) okanye zoyivale isekethe (ngokupheleleyo). Yindlela yokusebenza kwamalungu / kwezixhobo (System): yenziwa ngamacandelo amabini okanye amaninzi kunoko asebenzisanayo. Kulo msebenzi amandla ayadluIiswa esuswa kwelinye icandelo asiwe kwelinye.

T Ithekhnoloji (Technology): things that people have made to help them to do things and solve problems. Iqondo lobushushu (Temperature): Ngumlinganiselo wamanani ochaza ubushushu okanye ukubanda kusetyenziswa iidigrizi.zikaCelsius (°C). Inguquko yexesha elifutshane (Temporary change): Yinguquko engeyiyo ekanaphakade eyenzekayo kwinkqunto – ingabuyela kwimo yangaphambili. Izihlunu (Tendons): Yinyama edibanisa umsipha nethambo. Abalawuli / abasebenzisi abakudidi lwesithathu (Tertiary consumers): Umzekelo: ngabantu, ziingwenya, njalo-njalo. Uburhabaxa okanye ukuthamba kwenkqunto (Texture): Indlela izinto oziva ukuba zivakala njani na xa uzibambile okanye uzihlikihlayo phakathi kweminwe. INyanga (The Moon) Emajukujukwini iNyanga ingoyena mmelwane ujikelezela kufutshane nomHlaba. Amandla obushushu (Thermal energy): Ngamandla avela ebushushwini. Isixhobo sokulinganisela ubushushu bomzimba (Thermometer): Silinganisela iqondo lobushushu emzimbeni.

V Ukuveliswa kwezityalo ngokungathi zilutyani (Vegetative reproduction): Kukuveliswa kwezityalo kungasetyenziswanga mbewiu.. Olu luhlobo lokuvelisa kungachunyiswanga maqanda okuzala ezityalweni. Isityalo esingumnombo singaveza esitsha siphume esiqini sesityalo eso, engcambini yaso okanye egqabini laso.

Page 74: ISigaba esiPhakathi ISikhokelo sikaTitshala€¦ · 5.2.2 Uhlela ulwazi: Wenza izintlu zakhe aze acacise imigaqo ayisebenzisileyo ukuzihlela. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU

- xii -

Zizidalwa ezinemiqolo (Vertebrates): (Ziintlanzi, zizidalwa eziphila emanzini nasemhlabeni njengamasele, zizirhubuluzi, ziintaka, zizilo ezanyisayo), ngaphakathi emizimbeni yazo (zinobugoxo bamathambo).. Intlokoma / kukuthwashuza (Vibrations): Yintshukumo ekhawulezileyo yezinto, (umzekelo: yiva intlokoma yesandisi-lizwi.). Iivithamini neeminerali (Vitamins and minerals): Kukutya okukhethekileyo okufunekayo ngemilinganiselo emincinci ukuze umzimba ukhule ude udlamke. Ukuduma kwesandi (Volume): Isandi ingaba siphantsi na okanye siphakamile? Isandi ukuphakama kwaso kuxhomekeke kubungakanani bamandla asetyenziselwa ukuvakala kwaso.

W Imiqondiso yezilumkiso / exela ingozi (Warning signs / hazard symbols): Yimiqondiso yeengozi okanye ebonisa imimandla esemngciphekweni. Umjikelo wamanzi (Water cycle): Umjikelo wendalo emanzini phakathi komhlaba, izidalwa eziphila emanzini nakwi-atmosferi, iinkqubo apho amanzi asemHlabeni atyhutyhela kwindalo esingqongileyo. Imithombo yamanzi (Water resources): Imithombo eluncedo okanye ngabatu ababonakala beluncedo. Imozulu (Weather): Liqondo lobushushu, ngumoya ovuthuzayo, yimitha yelanga kunye nemvula elinganiselwayo ngemini, imozulu yalatha imeko ye-atmosferi yendawo. (iqondo lobushushu, umoya, njalo-njalo) kummandla othile, ngexesha elithile. Amatye aguqukela kwenye imo: (Weathering rocks) Ngamatye onakaliswe kukubhudlwa ziindidi zonke zemozulu. Inguquko kwimo yenkqunto (Weathering): Ukutyumzeka nokuqhekeka kwamatye ngenxa yendalo okanye iikhemikhali: Ukuqhekeka kwamatye eqhekezwa ngumoya, ngamanzi, bubushushu nengqele. Isalatha-moya (Wind sock / Wind-vane): Sisixhobo esibonisa icala oya kulo umoya.